“EyoMnga 14–20. ‘Ndinithandile, itsho iNkosi’: Malaki,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoMnga 14–20. ‘Ndinithandile, Itsho iNkosi,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Eyomnga 14–20: “Ndinithandile, Itsho iNkosi”
Malaki
“Ndinithandile,” iNkosi yabaxelela abantu baYo ngomprofeti uMalaki. Kodwa amaSirayeli, awayesokolile izizukulwana ngezizukulwana kwimbandezelo nasethunjweni, aye abuza, “Usithande ngokuthini na?” (Malaki 1:2). Emva kwako konke amaSirayeli awayegqithe kuko, kusenokwenzeka ukuba ayezibuza ukuba imbali yawo libali lokwenene lothando lukaThixo ngabantu baKhe bomnqophiso. Ngandlela-thile, kulula ukuyibona njengebali lobuthathaka bomntu kunye nemvukelo. Kanti kuku konke oko, uThixo akazange ayeke ukufikelela eluthandweni. Xa oonyana bakaYakobi babemphethe kakubi umntakwabo uYosefu, iNkosi yasabasindisa endlaleni (bona Genesis 45:4–8). Xa uSirayeli wayembombozela entlango, Wondla ngemana (bona Eksodus 16:1–4). Naxa uSirayeli waguqukela kwabanye oothixo waza wachithachithwa, uThixo wathembisa ukuba xa eguquka, Uya kuwaqokelela aze awakhulule “ngeenceba ezinkulu” (bona u-Isaya 54:7). Ngokwenene, ITestamente eNdala libali lomonde kaThixo, uthando oluhlala luhleli. Kwaye eli bali liyaqhubeka nanamhlanje. UYesu Krestu, “iLanga loBulungisa,” njengoko uMalaki wayembiza njalo, uze “enokuphilisa emaphikweni akhe” (Malaki 4:2). Yena ububungqina obukhulu bothando lukaThixo kuSirayeli wamandulo nakuthi sonke.
Ngenkcazelo ezingakumbi ngencwadi kaMalaki, bona “Malaki” kuso IsiKhokelo kwiZibhalo.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Malaki 1–4
“Buyelani kum, ndibuyele kuni”
Ngemihla kaMalaki, amaSirayeli ayesele eyakhile kwakhona itempile iYerusalem, kodwa njengabantu babesadinga ukwakha kwakhona ubudlelwane babo neNkosi. Njengoko ufunda uMalaki, khangela imibuzo iNkosi eyayibuza amaSirayeli okanye wona ayembuza Yona. Cingisisa ngokuzibuza imibuzo efana nale (eminye imizekelo icetyisiwe ngezantsi) ukukunceda ukuba uvavanye ubudlelwane bakho neNkosi njengoko usondela kuYo.
-
Ingaba ndakhe ndaziva kanjani ngothando lweNkosi kum? (bona UMalaki 1:2).
-
Ingaba iminikelo yam eNkosini iyayihlonipha? (bona UMalaki 1:6–11)
-
Zeziphi iindlela ekumele “ndibuyele eNkosi” ngazo? (bona Malaki 3:7).
-
Ingaba ndiyamqhatha uThixo nangeyiphi na indlela? (bona UMalaki 3:8–11).
-
Ingaba impatho yam ngamaxesha anzima ibonakalisa kanjani iimvakalelo zam eNkosini? (bona Malaki 3:13–15; bona kananjalo 2:17).
UMalaki 1:6–14
INkosi icela “umnikelo ohlambulukileyo.”
Njengoko ufunda ngeminikelo echazwe ku Malaki 1, yintoni oyiphawulayo ngemibingelelo eyayinikelwa ngababingeleli? Ingaba la madini acebisa ntoni malunga neemvakalelo zababingeleli ngakwiNkosi (bona UMalaki 1:13 Qwalasela ukwenza uludwe lweminikelo, okanye imibingelelo, oyenzela uYehova. Kwinto nganye ekolu ludwe, cinga ngento enokuyenza ibe ngumnikelo “ongcolileyo” okanye “osulungekileyo” (UMalaki 1:7, 11).
UMalaki 3:8–12
INkosi ivula iifestile zezulu xa ndibonisa ukholo lwam ngokubhatala isishumi.
Khawufane ucinge ukuba unomhlobo osando kufumanisa ukuba uhlawula isishumi. “Kutheni usenza loo nto nje?” uyabuza umhlobo wakho. Cinga ngoku njengoko ufunda UMalaki 3:8–12. Yintoni oyifumanayo apho enokukunceda uphendule umbuzo womhlobo wakho? Yintoni enye ongathanda ukuba umhlobo wakho ayiqonde ngesishumi?
-
Kutheni iNkosi ifuna ukuba sihlawule isishumi?
-
Yintoni enokunqanda umntu ekuhlawuleni isishumi, yaye sinokuyoyisa njani loo miqobo?
-
Ukubhatala isishumi kulomeleza njani ukholo lwethu kuBawo waseZulwini nakuYesu Krestu?
Ungabelana nomhlobo wakho ngendlela iNkosi ekusikelele ngayo xa uhlawula isishumi. Ungafumana izimvo kwicandelo elinesihloko esithi “Lesson Number 1—Significant but Subtle Blessings” kumyalezo kaMdala uDavid A. Bednar “The Windows of Heaven” (Liyahona, EyeNkanga 2013, 17–18). Siba ngabantu abanjani ngokubhatala isishumi?
Ucinga ukuba ibinzana elithi “vulani iifestile zezulu” (vesi 10) linokuthetha ntoni? Mhlawumbi ungajonga ngefestile kwaye ucinge ngeenjongo zeefestile. Kutheni “iifestile zezulu” iyindlela elungileyo yokuchaza indlela iNkosi esisikelela ngayo xa sihlawula isishumi?
Umbono kwiTempile yaseKirtland, nguGary Smith
Malaki 4:5–6
“Ndiya kuthumela kuni u-Eliya umprofeti.”
Xa uMoronayi ecaphula Malaki 4:5–6 kuJoseph Smith, wakwenza oko “ngotshintsho oluncinane kwindlela efundeka ngayo” eBhayibhileni (bona Joseph Smith—Imbali 1:36–39). Ukwahluka kukaMoronayi kongeza ntoni ekuqondeni kwakho esi siprofetho? Ngokukodwa, cinga ngemibuzo efana nale:
-
Ngoobani “oobawo”? ( bona Duteronomi 29:13). Ziziphi izithembiso ezenziwe kubo? (bona uAbraham 2:9–11). Unceda njani ukuzalisekisa ezi zithembiso?
-
Ngawaphi amava akuncedileyo ukuba ujike intliziyo yakho kwizinyanya zakho? Kutheni le nto oko kubaluleke kangaka kwicebo likaBawo waseZulwini?
Ukufunda banzi malunga nokuza kuka-Eliya kwaye esi siprofetho sizalisekiswa njani namhlanje, bona Imfundiso neMinqophiso 110:13–16 kunye noD. Todd Christofferson, “The Sealing Power” (Liyahona, EyeNkanga 2023, 19–22). Kutheni unombulelo wokokuba u-Eliya weza?
The Sealing Power
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomelela uLutsha.
Izimvo zokuFundisa Abantwana
Malaki 1:2
INkosi iyandithanda mna.
-
Wena nabantwana bakho beninokuwuphendula njani umbuzo oku Malaki 1:2—“Isithande ngantoni thina [iNkosi]? Yabelanani ngezizathu enizaziyo ukuba Yena uyakuthanda. Mhlawumbi abantwana bakho bangazoba imifanekiso ebakhumbuza ngothando lwaKhe.
Bandakanya abantwana kwiingxoxo zevangeli. Ukuba ufundisa abantwana abancinci, kungafuneka ukuba ucinge ngeendlela zobuchule zokubabandakanya kwiingxoxo zevangeli. Umzekelo, abantwana bakho banokuyigqitha ibhola; xa bephethe ibhola, bangabelana ngesizathu esinye abasaziyo ukuba uYesu uyabathanda.
UMalaki 3:8–12
INkosi iya kundisikelela xa ndibhatala isishumi.
-
Ungabanceda njani abantwana bakho bafunde ngesishumi? Usenokubacela ukuba babale izinto ezincinane ezili-10, njengeengqekembe ezikwiphepha lomsebenzi wale veki. Emva koko babenokwahlula enye yezinto kwezinye—le yindlela esiyinikela ngayo eNkosini njengesishumi. Ngoku ka Malaki 3:8–12, kutheni iNkosi ifuna sihlawule isishumi? (bona kwakhona “uMalaki uMprofeti” kuMabali eTestamente eNdala, 171–72.
0:58Malachi the Prophet
1:18First Things First!
-
Njengoko nifunda u Malaki 3:10 kunye, unokumema abantwana bakho beme ngasefestileni xa ufunda ibinzana elithi “iifestile zezulu.” Okanye usenokugalela amanzi ekomityini de iphuphume ukuze ubonise ibinzana elithi “akuyi kubakho ndawo yaneleyo yokuwamkela.” Xelela abantwana ngeentsikelelo uThixo akunike zona xa uhlawula isishumi. Abantwana bakho banokuzoba imifanekiso emele ezi ntsikelelo kwaye bayixhome efestileni okanye kufutshane nefestile yekhaya lakho.
Malaki 4:5–6
U-Eliya weza ukuze aguqule iintliziyo zethu kwiintsapho zethu.
-
Ku Malaki 4:5–6, abantwana bakho banokujonga iimpendulo kule mibuzo ilandelayo malunga nesiprofetho sikaMalaki: Ngubani awathi iNkosi yathembisa ukumthumela? Uthe uzakuzanini lomntu? UYehova wathi uza kwenzantoni lo mntu? Kwakutheni ukuze lo mntu afune ukuza? Sazalisekaphi esi siprofeto? (bona Imfundiso neMinqophiso 110:13–16).
-
Ukufumanisa ukuba isithembiso ku Malaki 4:5 sazaliseka njani. Ungandwendwela kananjalo FamilySearch.org/discovery, FamilySearch Tree app, okanye incwadanayoSapho Lwam ‘ ngezinto ezinokukunceda wena nabantwana bakho ukuba nijike iintliziyo zenu kwizinyanya zenu.
Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi UMhlobo.