Yizani, Nindilandele 2024
EyoMnga 7–13. “Ubungcwele eNkosini”: UHagayi 1–2; UZekariya 1–4; 7–14


“EyoMnga 7–13. ‘Ubungcwele eNkosi’: UHagayi 1–2; UZekariya 1–4; 7–14,’ Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyoMnga 7–13. ‘Ubungcwele eNkosini,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

Itempile yaseLaie Hawaii phantsi kwesibhakabhaka esinamafu

ELaie Hawaii Temple

EyoMnga 7-13: “Ubungcwele eNkosini”

UHagayi; UZekariya 1–3; 7–14

Emva kwamashumi eminyaka yokuthinjwa, iqela lama Sirayeli, lalise nokubandakanya abaprofeti uHagayi noZekariya, bavunyelwa ukuba babuyele eYerusalem. Abanye kweli qela bakhumbula indlela itempile eyayikhangeleka ngayo ngaphambi kokuba itshatyalaliswe. Kwabo babezibuza inokuba yayiya kuphinda ifane neNkosi na “lendlu isesebuqaqawulini bayo bokuqala “ (UHagayi 2:3), uHagayi wathetha amazwi eNkosi enkuthazo: “Yomelelani, nonke bantu belizwe, utsho uYehova; sebenzani; ngokuba ndinani, … musani ukoyika.” “Ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli, … kuyo ke le ndawo ndiyakunika uxolo” (UHagayi 2:4–5, 7, 9).

Kodwa yayingeyiyo itempile engcwele kuphela eyayifuna ukwakhiwa kwakhona. Ngeendlela ezininzi, abantu bakaThixo babengamabhodlo ngokomoya. Yaye ukwakha kwakhona abantu abangcwele kuthatha ngaphezu kokukrola amatye nokubabeka ukwakha indlu engcwele. Kuthetha umbhalo othi “Ubungcwele eNkosini” kufuneka ukrolwe hayi nje eludongeni lwetempile, okanye “kwiintsimbi zamahashe” nakuzo “zonke [ii]mbiza eYerusalem” (UZakariya 14:20–21). Zimele zikrolwe kuzo zonke iintliziyo.

Ngesishwankathelo seencwadi zikaHagayi noZekariya, bona “Hagayi” no “Zekariya” kuso IsiKhokelo kwiZibhalo.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

UHagayi 1; 2:1–9

umfanekiso weseminari
Zigqaleni iindlela zenu.

Zininzi izinto ezibalulekileyo ekwakufuneka zenziwe ukuze kwakhiwe kwakhona iYerusalem. Kodwa emva kweminyaka eli-15 eyadlulayo ukususela ekubuyeni kwamaSirayeli, iNkosi yayingonwabanga kukuba ukwakhiwa kwakhona kwetempile akuzange kunikwe ingqwalaselo ephambili (bona UHagayi 1:2–5; bona kananjalo UEzra 4:24). Njengoko ufunda UHagayi 1; 2:1–9, qwalasela imibuzo efana nale:

  • Yiyiphi imiphumo ajamelana nayo amaSirayeli ngenxa yokuba engazange ayigqibe itempile?

  • Zeziphi iintsikelelo iNkosi eyayiwathembise wona xa wayegqibile ukwakha indlu yaKhe?

  • Uthini umyalezo weNkosi kuwe ku Hagayi 1:5–7? Unokuzilungelelanisa njani izinto eziphambili zakho nezeNkosi? Uye wasikelelwa nini ngokubeka uThixo kwindawo yokuqala ebomini bakho?

AbaNgcwele beMihla yokuGqibela bokuqala bajongana nemeko efanayo namaSirayeli ngomhla kaHagayi (bona IMfundiso neMinqophiso 95). Ufunda ntoni kule mizekelo mibini ngeemvakalelo zeNkosi malunga neetempile?

7:17

Provo City Center Temple Completed

UZekariya 1–3; 7–8; 14

INkosi ingandenza ngcwele.

Ngokoluvo lwakho, lithini ixabiso lokuba “ngcwele kuYehova” kukrolwe kwizinto zemihla ngemihla ezifana nezo zikhankanywe ku Zekariya 14:20? (bona kanjalo iEksodus 28:36–38). Lithini ixabiso lokuba ikrolwe ezitempileni namhlanje? Lithetha ntoni eli binzana kuwe? Ungabenza njani ubungcwele bube yinxalenye yobomi bakho bemihla ngemihla? Cingisisa ngale mibuzo njengoko ufunda izimemo zeNkosi kubantu baYo ukuba babe ngcwele ngakumbi ku Zekariya 1:1–6; 3:1–7; 7:8–10; 8:16–17.

Usenokufunda kananjalo UZekariya 2:10–11; 8:1–8; 14:9–11, 20–21 ukuze sifunde ukuba buya kuba njani ubomi kwimini ezayo xa sonke sihlala neNkosi kwimo yobungcwele. Yintoni ekuchukumisayo ngombono kaZekariya wekamva leYerusalem? Yintoni onqwenela ukuyibona apha kwindawo ohlala kuyo? Unokuzilungiselela njani ukuphila kwiimeko ezichazwe nguZekariya?

UYesu engena eYerusalem ekhwele i-esile

“Yabona, uKumkani wakho uza kuwe: elilungisa, enosindiso; enentobeko, ekhwele e-esileni” (UZekariya 9: 9). Ukungena koloyiso, nguHarry Anderson

UZekariya 9: 9-11; 11:12–13; 12:10; 13:6–7; 14:1–9

UYesu Krestu nguMesiya othenjisiweyo.

Imibhalo emininzi kaZekariya yalatha kokubini kubulungiseleli basemhlabeni bukaYesu Krestu nasekuBuyeni kwakhe okweSibini ekugqibeleni. Apha ngezantsi kukho ezinye zeziprofeto zikaZekariya, kunye nezibhalo ezithetha ngokuzaliseka kwazo. Njengokuba ufunda ezi ndima, zibuze: Oku kundifundisa ntoni ngoMsindisi?

  • UZekariya 9:9–11 (bona UMateyu 21: 1-11; Petros I 3:18-19)

  • UZekariya 11:12–13 (bona UMateyu 26:14–16; 27:1–7)

  • Zekariya 12:10 (bona UYohane 19:37; ISityhilelo 1: 7)

  • UZekariya 13:6–7; 14:1–9 (bona UMateyu 26:31; IMfundiso neMinqophiso 45:47–53)

Ucinga ukuba ngekwakunjani ukuba phakathi kwabantu abamkela uYesu eYerusalem njengoko kuchaziwe ku Zekariya 9:9–11? Ungamamkela njani ebomini bakho, emakhayeni enu, nakwindawo ohlala kuyo?

Bona kananjaloIsikhokelo kwiZibhalo, “Mesiya,” Ithala leeNcwadi leeVangeli.

1:22

The Lord's Triumphal Entry into Jerusalem

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Izimvo zokuFundisa Abantwana

UHagayi 1:2–8

“Iindlela zenu zigqaleni.”

  • Njengokuba ufunda iindawo zika Hagayi 1:2–5 nabantwana bakho, bancede bafumanise ukuba kutheni na iNkosi yayingakholiswanga ngabantu. Mhlawumbi abantwana bakho banokukhetha ibinzana kuwo umqolo 6 baze bazobe umfanekiso walo. Basenokubonisana ngalo baze baqikelele ukuba umzobo ngamnye umele ntoni na. Xa sichitha ixesha kwizinto ezingezizo ezifunwa yiNkosi, oko kufana njani nokutya kodwa ungahluthi? Nisenokuthetha omnye nomnye ngendlela eninokulenza ngayo ixesha lezinto ezibalulekileyo eNkosini.

  • Kananjalo usenokufundela abantwana bakho umqolo 8 uze ubameme ukuba benze ngathi “banyuke baye entabeni,” “baze nemithi,” “bayakhe indlu [yeNkosi].” Abantwana bakho banokwenza uluhlu lwezinto abazenzayo ngosuku, kuquka nezinto iNkosi ebacele ukuba bazenze. Cela abantwana bakho ukuba “baqwalasele iindlela [zabo]” ngokurhangqa into enokuthi iNkosi ithi zezona zinto zibalulekileyo kuluhlu lwabo.

Ukufundisa okugxile ekhaya. UMongameli uRussell M. Nelson ufundise ukuba ikhaya kufuneka libe “sisazulu semfundo yevangeli” (“Becoming Exemplary Latter-day Saints,” Liyahona, EyeNkanga 2018, 113). Njengoko usapho lwakho lufunda isiluleko sikaHagayi esithi “zigqaleni iindlela zakho,” usenokuthetha ngendlela yokubeka uThixo tanci kubomi bosapho lwakho.

UZekariya 3:1–7

Ukwenza kunye nokugcina iminqophiso kungandinceda ndifane ngakumbi noBawo waseZulwini noYesu Krestu.

  • Embonweni, uZekariya wabona umbingeleli omkhulu “owayembethe izambatho ezingcolileyo” (UZekariya 3:3). Ingelosi yamnika impahla ecocekileyo. Ungabanceda abantwana bakho bafumane iinyaniso ezibalulekileyo ngokufunda kunye UZekariya 3:1–7 kwaye nithethe ngento enokumelwa yimpahla emdaka nempahla ecocekileyo. Sihlambuluka njani kwizono zethu nasemva kokuba sibhaptiziwe? Umnqophiso wethu wobhaptizo usinceda njani ukuba “sihambe ezindleleni [zeNkosi]”?

  • Wena nabantwana bakho ninokukhangela umfanekiso wobhaptizo, njengalowo ukolu lwandlalo. Kutheni sinxiba ezimhlophe xa sibhaptizwa? Kananjalo usenokucula ingoma ethetha ngobhaptizo, njengethi “When I Am Baptized” (Children’s Songbook, 103); ifundisa ntoni ingoma malunga nokuba kutheni iNkosi ifuna ukuba sibhaptizwe?

utata ebhaptiza intombi yakhe emlanjeni

UZekariya 9:9–11; 11:12; 13:6–7

UYesu Krestu nguMesiya othenjisiweyo.

  • Abantwana bakho bangathanda ukuba nomfanekiso-ngqondweni wesiganeko esaxelwa kwangaphambili ku Zekariya 9:9, xa uYesu wangena eYerusalem ebudeni beveki yokugqibela yobomi baKhe basemhlabeni. Ukunceda ngoku, babonise umfanekiso wesiganeko, njengalo ukulo lwandlalo. Abantwana bakho banokukhomba abantu abakwimifanekiso “abavuya kakhulu.” Ngubani uKumkani ku Zekariya 9:9? Kutheni sinombulelo ngaYe?

    1:35

    Chapter 44: The Savior Goes to Jerusalem

  • Cinga ngokunceda abantwana bakho bathelekise iziprofeto zikaZekariya kunye nemiqolo yeTestamente eNtsha echaza inzaliseko yazo. Nantsi eminye imizekelo: UZekariya 9:9 naye UMateyu 21:5–9; UZekariya 9:11 naye UPetros I 3:18–19; UZekariya 11:12 naye UMateyu 26:14–16; UZekariya 13:7; UMateyu 26:31. Sifunda ntoni ngoMsindisi kule miqolo??

Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi UMhlobo.

Imiqondiso ekwiitempile ezininzi ebhalwe “Ubungcwele kwiNkosi” nethi “Indlu yeNkosi” ngeelwimi ezahlukahlukeneyo

“Ubungcwele eNkosini” bubonakala kuyo yonke itempile.

Iphepha  lomsebenzi wePrayimari: UYesu Krestu angawenza ucoceke umoya wam