“EyeNkanga 23–29. ‘Funani iNkosi, yaye Niya Kuphila’: UAmosi; UObhadiya; UYona,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyeNkanga 23–29. “Funani INkosi, yaye Niya Kuphila,’” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026
UYona kuLwandle lwaseNineve, nguDaniel Lewis
EyeNkanga 23–29: “Funani INkosi, yaye Niya Kuphila”
UAmosi; UObhadiya; UYona
UYona wayesenqanaweni eya eTarshishe. Akukho nto iphosakeleyo ngokuya eTarshishe, ngaphandle nje kokuba yayikude neNineve, apho uYona wayefanele ukuya khona ukuze adlulisele umyalezo kaThixo. Ke xa inqanawa yafumana isaqhwithi esikhulu, uYona wayesazi ukuba kungenxa yokungathobeli kwakhe. Ngokunyanzelwa nguYona, abantu ababekwinqanawa naye bamphosa enzulwini yolwandle ukwenzela ukunqanda isaqhwithi. Kwakubonakala ngathi kukuphela kukaYona kunye nobulungiseleli bakhe. Kodwa iNkosi ayizange imncame uYona—kanye njengokuba ingazange ibancame abantu baseNineve, indlu kaSirayeli, okanye nabani na kuthi.
Ke Yona ihlala ithumela abaprofeti—abanjengoYona, uAmos, uObhadiya, nabaprofeti bethu namhlanje—nomyalezo wokuba ukuba siyaguquka, asisayi kulahlelwa ngaphandle ngonaphakade. Kuzo zonke “iimfihlelo” azityhilayo uThixo (bona UAmosi 3:7), le iphakathi kwezona zixabisekileyo: ukuba ngenxa kaYesu Krestu, awukashiywa lixesha ukuba ungatshintsha. Yena usafuna ukusinceda ukuba siphile ngokweminqophiso esayenzayo kunye naYe, kwaye uzimisele ukusinika elinye ithuba.
Ngokungakumbi ngezi ncwadibona “UAmosi,” “UObhadiya,” kwiSikhokelo seZibhalo.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
UAmosi 3:1-8; 7:10–15
INkosi ityhila inyaniso ngabaprofeti baYo.
Ku Amosi 3:3–6, umprofeti uAmosi unike imizekelo yezigqibo esinokufikelela kuzo kwimiqondiso esiyivayo okanye esiyibonayo: xa ingonyama igquma, imele ukuba ibambe ixhoba; ukuba intaka ibanjiswe emgibeni, kufanele ukuba kukho isithiyelo apho. Kuyo imiqolo 7–8, uAmos wasebenzisa le ngcamango kubaprofeti. Ziziphi izigqibo esinokufikelela kuzo xa umprofeti eprofeta? Yintoni enye oyifundayo ngabaprofeti njengoko evela ku Amos 7:10–15?
Yintoni etyhilwe yiNkosi kuwe ngabaprofeti baYo?
Umdala u-Ulisses Soares wathi “ukuba nabaprofeti luphawu lothando lukaThixo” (“Prophets Speak by the Power of the Holy Spirit,” Liahona, UCancibe 2018, 99). Cingisisa ngendlela obuya kusigqibezela ngayo esi sivakalisi: “Ndiyazi ukuba uThixo uyandithanda, kuba uthumela abaprofeti aba …” Nazi ezinye izibhalo ezinokukunceda: Duteronomi 18:18; Hezekile 3:16–17; Kwabase-Efese 4:11–14; 1 Nifayi 22:2; IMfundiso neMinqophiso 21:4–6; 84:36–38; 107:91–92.
Ungathini kumntu ocinga ukuba abaprofeti abafuneki namhlanje?
Amosi 4–5
“Quqelani kuYehova, naniya kuphila.”
Ngokuka Amosi 4:6–13, yintoni iNkosi eyayinethemba lokuba yayiya kwenzeka emva kokuba amaSirayeli afumana izilingo? (bona kanjalo Hilamani 12:3). Ngelixa izilingo zakho zisenokuba azizange zithunyelwe nguThixo, zikunike njani amathuba okuguqukela kuYe?
Njengoko ufunda uAmosi 5:4, 14–15, cingisisa ngendlela iNkosi ebe nobabalo ngayo kuwe. Ukufuna iNkosi kukuzuzise njani ubomi?
UAmosi 8:11–12
Ilizwi leNkosi linokwanelisa ukulamba nokunxanwa ngokomoya.
Njengokuba ufunda UAmosi 8:11–12, cinga ngokuba kutheni indlala iluthelekiso olulungileyo lokuphila ngaphandle kwelizwi likaThixo (bona kananjalo UYohane 6:26–35; 2 Nifayi. 9:50–51; 32:3; Enoshe 1:4–8). Uzazi njani xa ulambile ngokomoya?
Le miqolo isenokusebenza kananjalo uKreqo Olukhulu Loo “ndlala” yokomoya iye yabachaphazela njani abantwana bakaThixo? UBuyiselo bukwanelise njani ukulamba kwakho kokomoya?
The Great Apostasy
UObhadiya 1:21
Ngoobani “abasindisi … entabeni yeZiyon”?
Ebhekisa ku Obhadiya 1:21, uMongameli Gordon B. Hinckley wacacisa ukuba siba ngabasindisi kwiNtaba yeZiyon xa sifumana imimiselo yabafileyo etempileni (bona “Closing Remarks,” Liahona, EyeNkanga. 2004, 105). Ukuwenza lo msebenzi kufana njani—nokuba nje kuncinane—koko uMsindisi wasenzela kona? Ukwenza lo msebenzi kukuncede njani ukuba uzive usondele kuMsindisi?
UYona 1–4
INkosi inemfesane kubo bonke ababuyela kuYe.
INineve yayilutshaba lukaSirayeli olwaludume ngogonyamelo nenkohlakalo. KuYona, kwakubonakala kungekho ngqiqweni ukuba babekulungele ukuguquka. Kunokuba luncedo ukuthelekisa isimo sengqondo sikaYona (bona UYona 1; 3–4) kwiimvakalelo zika-Alma noonyana bakaMozaya (bona Mozaya 28:1–5; Alma 17:23–25). Ufunda ntoni ku Yona 3 ekukhuthaza ukuba wabelane ngevangeli nabo bangabonakala bengakulungelanga ukutshintsha?
Njengoko ufunda uYona, khangela imizekelo yenceba yeNkosi. Kutheni uvakalelwa kukuba uYona “wayequmbile” kwaye “enomsindo omkhulu” (UYona 4:1) xa iNkosi yabonisa inceba kubantu baseNineve? Uvakalelwa ukuba yintoni iNkosi eyayizama ukumfundisa yona kwi sahluko 4? Cingisisa ngendlela othe wanamava ngayo inceba yaKhe ebomini bakho. Ufunda ntoni kuYona enokunceda ube nenceba ngakumbi?
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
Ngenxa yokuba le Cawa yiCawe yesihlanu enyangeni, ootitshala bePrayimari bayakhuthazwa ukuba basebenzise imisebenzi yokufunda kuso “Isihlomelo B: Ukulungiselela Abantwana uBomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo.”
UAmosi 3:7
Abaprofeti bangqina ngoYesu Krestu.
-
Ukunceda abantwana bakho baqonde UAmosi 3:7, unokusebezela omnye wabo umyalezo olula uze ubacele ukuba babelane nabanye abantwana ngalo myalezo. Umthunywa kulo msebenzi ufana njani nomprofeti? Kutheni INkosi isinika abaprofeti?
-
Ukufunda ngakumbi ngako oko kwenziwa ngabaprofeti, wena nabantwana bakho ningaphonononga imiyalezo yakutsha nje esuka kuMongameli weBandla. Yabelanani omnye nomnye ngesizathu sokuba nikhethe ukulandela umprofeti kaThixo.
Nceda abantwana bankqaye izibhalo. Umdala Richard G. Scott wabelana: “Ukunkqaya isibhalo kukwakha ubuhlobo obutsha. Kufana nokufumanisa umntu omtsha ongakunceda ngexesha lemfuno, akuphe impembelelo nentuthuzelo, kwaye abengumnombo wenkuthazo kwinguquko edingekayo” (“The Power of Scripture,” Ensign, Nov. 2011, 6). Ukunceda abantwana bakho bankqaye yonke okanye inxalenye ka Amosi 3:7, ungayibhala phantsi kwaye niyiphindaphinde kunye. Emva koko unokucima okanye ugubungele amagama ambalwa ngexesha de abantwana bakho bawuphindaphinde wonke umqolo ngentloko.
UAmosi 8:11–12
UBuyiselo lwevangeli lwayiphelisa indlala yokreqo.
-
Mema abantwana bakho ukuba benze ngathi balambile njengoko ufunda UAmosi 8:11–12. Kuvakala njani xa silambele ilizwi likaThixo? Mhlawumbi abantwana bakho banokwenza ngathi bayatya nabelana omnye nomnye ngezibhalo ezithile enizithandayo.
-
Unokusebenzisa IsiKhokelo kwiZibhalo, “Kreqo” (Ithala leeNcwadi zeVangeli). Yabelanani omnye nomnye ngezizathu zokuba nombulelo ngokuba iNkosi ibuyise ivangeli yaYo kumhla wethu.
2:52After the New Testament
UYona 1–3
INkosi iya kundinceda ndiyithobele Yona, nokuba kunzima.
-
Ukuze uncede abantwana bakho bafunde ibali likaYona, unokuphinda uhlole “UYona uMprofeti” ku Amabali ETestamente Endala; bona kananjalo iphepha lomsebenzi wale veki). Emva koko unokubuza:
-
Kwenzeka ntoni xa uYona angazange athobele iNkosi? (bona UYona 1:4–17).
-
Wenza ntoni uYona ukuze aguquke? (bona UYona 1:10–12; 2:1–4, 9; 3:1–4).
-
Kwenzeka ntoni xa uYona wathobela? (bona UYona 3:5).
2:30Jonah the Prophet
-
-
Abantwana bakho banokukonwabela ukubalisa kwakhona ibali likaYona okanye balilinganise. Yabelanani ngamava athile axa iNkosi ibifuna ukuba nenze into enzima kuni. Yakunceda njani iNkosi ukuba uyithobele?
UYona 1–4
INkosi inemfesane kubo bonke ababuyela kuYe.
-
Mhlawumbi abantwana bakho banokwenza ngathi badlan’ indlebe noYona ngamava akhe. Yiyiphi imibuzo ababeza kumbuza yona? Bakhuthaze ukuba babuze imibuzo ukuze bafumanise oko uYona wakufundayo ngeNkosi. Unokuthini uYona, ngokomzekelo, ngenceba yeNkosi? (bona, ngokomzekelo, UYona 2:7–10; 3:10; 4:2).
UKrestu neNdoda Ekhubazekileyo, nguJ. Kirk Richards
-
Nceda abantwana bakho bacinge ngemizekelo xa uMsindisi wabonisa inceba kwabanye, efana noMarko 2:3–12; ULuka 23:33–34; kunye noYohane 8:1–11. Wena nabantwana bakho ninokukhangela imifanekiso yale mizekelo. Ngawaphi amathuba esinawo okuba nenceba kwabanye?
Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.