Yizani, Nindilandele 2024
EyeDwarha26–Eyenkanga 1. “Ndiya Kusijika Isijwili Sabo sibe Luvuyo”: UYeremiya 31–33; 36–39; Izililo 1; 3


“EyeDwarha26–Eyenkanga 1. ‘Ndiya Kusijika Isijwili Sabo sibe Luvuyo,’: UYeremiya 31–33; 36–39; Izililo 1; 3” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyeDwarha26–Eyenkanga 1. ‘Ndiya Kusijika Isijwili Sabo sibe Luvuyo,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

UYeremiya ebeke intloko yakhe esandleni sakhe

UYeremiya Ekhalela Ukutshatyalaliswa kweYerusalem, nguRembrandt van Rijn

EyeDwarha26–Eyenkanga 1: “Ndiya Kusijika Isijwili Sabo sibe Luvuyo”

UYeremiya 31–33; 36–39; Izililo 13

Xa iNkosi yayibiza uYeremiya njengomprofeti okokuqala, Yona yamxelela ukuba umsebenzi wakhe yayiya kuba “kukunyothula, nokudiliza” (UYeremiya 1:10)—kwaye eYerusalem kwakunobungendawo obuninzi okwakumelwe bunyothulwe kwaye budilizwe. Kodwa le yayiyinxalenye kuphela yomsebenzi kaYeremiya—wayebizelwe ukuba “okhe, atyale” (UYeremiya 1:10). Yintoni eyayinokwakhiwa okanye ityalwe kumabhodlo ashiywe yimvukelo yabantu bomnqophiso? Ngokubuzwa ngenye indlela, xa isono okanye ubunzima bushiye ubomi bethu bungamabhodlo, sinokuphinda sakhe size sityale njani kwakhona? Impendulo ifumaneka kwi “Hlumelo lobulungisa” (UYeremiya 33:15), uMesiya othenjisiweyo. Yena uziza “umnqophiso omtsha” (UYeremiya 31:31)—owona ofuna okungakumbi kunembonakalo yangaphandle yozinikela. Umthetho wakhe kufuneka “ubesembilinini [yethu],” ubhalwe “ezintliziyweni [zethu].” Yinto eyithethayo eNkosini ukuba “ibe nguThixo [wethu]” kwaye nakuthi “sibe ngabantu [baKhe]” (UYeremiya 31:33). Yinkqubo yobomi bonke, kwaye siseza kuzenza iimpazamo kwaye sibe nesizathu sokulila amaxesha ngamaxesha. Kodwa xa sikwenza, iNkosi iyathembisa, “Ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali” (UYeremiya 31:13).

Ngesishwankathelo ngeZililo, bona “Zililo, Ncwadi ye” kwiSikhokelo kwiZibhalo.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni

UYeremiya 3133

INkosi iya kubakhupha abantu baYo bomnqophiso ekuthinjweni.

Ku Yeremiya 3133 iNkosi yasivuma “isijwili, nesililo esikrakra” (UYeremiya 31:15) uSirayeli awayeza kusiva ekuthinjweni. Nangona kunjalo, yona kananjalo yanikela ngamazwi entuthuzelo nethemba. Wakhangele njengoko ufunda ezi zahluko. Ziziphi izithembiso ozifumanisa zisebenza kuwe?

UYeremiya 31:31–34; 32:37–42

umfanekiso weseminari
“Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo.”

Nangona amaSirayeli ayephule umnqophiso wawo neNkosi, uYeremiya waprofeta ukuba iNkosi yayiya kuseka kwakhona “umnqophiso omtsha” nabantu baYo (UYeremiya 31:31; 32:40). Uyintoni loo mnqophiso? Cinga ngokujonga iimbono kwiSikhokelo seZibhalo, “Mnqophiso omtsha nongunaphakade, “Ithala leeNcwadi zeVangeli.

Njengoko ufunda UYeremiya 31:31–34; 32:37–42, cingisisa:

  • Kuthetha ntoni kuwe ukuba yinxalenye yabantu bakaThixo bomnqophiso.

  • Kuthetha ukuthini ukuba nomthetho waKhe ubhalwe entliziyweni yakho.

  • Into iNkosi eyithembisayo xa wena usenza iminqophiso kunye naYe.

  • Indlela ubudlelwane bakho bomnqophiso neNkosi bukutshintsha ngayo.

Zeziphi izithembiso ozenzileyo kuThixo njengokuba uthathe inxaxheba kwimimiselo engcwalisekileyo? Uzizalisekisa njani izithembiso zaKhe kuwe?

Bona kananjalo David A. Bednar, “Abide in Me, and I in You; Therefore Walk with Me,” Liahona, Canzibe 2023, 123–26.

UYeremiya 36

Izibhalo zinamandla okundisusa ebubini.

Ngokuka UYeremiya 36:2–3, kwakutheni ukuze iNkosi iyalele uYeremiya ukuba abhale iziprofeto zakhe? Njengoko ufunda UYeremiya 36, cingisisa ngokuphawula indlela aba bantu balandelayo baziva ngayo malunga nezi ziprofeto:

  • INkosi (bona imiqolo 1–3, 27–31)

  • UYeremiya (bona imiqolo 4–7, 32)

  • UBharuki (bona imiqolo 4, 8–10, 14–18)

  • UYehudi noKumkani uYehoyakim (bona imiqolo 20–26)

  • UElnatan, UDelaya, noGemariya (bona umqolo 25)

Cingisisa ngendlela ovakalelwa ngayo ngezibhalo. Zikuncede njani ukuba umke ebubini?

UYeremiya 37–39

Ungagungqi ekulandeleni abaprofeti bakaThixo.

Ku Yeremiya 37:1–3, 15–21; 38:1–6, 14–28, bubuphi ubungqina obubonayo bokuba uKumkani uZedekiya wayekholelwa ukuba uYeremiya wayengumprofeti wenene weNkosi? Bubuphi ubungqina obubonayo bokuba uZedekiya wayengakholwa? Yintoni oyifunda kolu thelekiso? Njengoko ufunda UYeremiya 39, cinga ngomahluko ongewawenzekile ukuba uZedekiya nabantu bakhe babemlandele umprofeti kwaye bagcina imiyalelo yeNkosi. (Thelekisa okwenzeka kuZedekiya nokwenzeka kusapho lukaLihayi ku 1 Nifayi 1–2.)

UYeremiya 38:6–13; 39:15–18

Ndinokuba nesibindi sokumela okulungileyo.

Amagosa kakumkani avakalelwa kukuba iziprofeto zikaYeremiya zenza amajoni awo angabi namdla wokulwa, ngoko amphosa uYeremiya emhadini omdaka (bona UYeremiya 38:1–4). Ku UYeremiya 38:6–13, yintoni ekuchukumisayo ngendlela awasabela ngayo uEbhedi-meleki umTiyopiya? Qaphela kwakhona intsikelelo iNkosi eyayinika uEbhedi-meleki ku Yeremiya 39:15–18.

Unokuwulandela njani umzekelo ka-Ebhedi-meleki?

UYeremiya eYerusalem, wolula ingalo yakhe abe ebambe intloko ngesinye

The Cry of Jeremiah [IsiKhalo sikaYeremiya umProfeti]

Izililo 1; 3

INkosi inokukhulula usizi endinalo ngenxa yesono.

Incwadi yeZililo yingqokelela yemibongo eyabhalwa emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem netempile yayo. Kutheni ucinga ukuba kubalulekile ukuba zazigciniwe? Cingisisa ngoko izifaniso ezikwi Zililo 1 kunye 3 zikunceda uqonde malunga nosizi olukhulu uSirayeli waluvayo. Yeyiphi imiyalezo yethemba kuKristu oyifumanayo? (bona ngakumbi Izililo 3:20–33; bona kananjalo UMateyu 5:4; UYakobi 4:8–10; Alma 36:17–20).

UMongameli M. Russell Ballard ukhankanye iimeko ezininzi ezinokubangela ukuba abanye baphelelwe lithemba, kwaye wanika ingcebiso malunga nendawo yokufumana ithemba:

“Abanye bethu basenokufumanisa ubomi bethu buzaliswe kukudana, ukuphoxeka, nosizi. Abaninzi baziva bengento yanto xa bahlangabezane nombhodamo obonakala ugquba ehlabathini. Abanye banxunguphele ngenxa yamalungu entsapho athwaxwa ngumsinga oguquguqukayo wemilinganiselo ewohlokayo nemilinganiselo yokuziphatha ewohlokayo. … Abaninzi bade barhoxa ekubeni bamkele ubungendawo nenkohlakalo yehlabathi njengento engenakulungiswa. Balilahlile ithemba. …

“… Abanye phakathi kwethu basenokuba balahlekelwe lithemba ngenxa yesono nokreqo. Umntu unokutshona nzulu kwiindlela zehlabathi kangangokuba angaboni ndlela yakuphuma aze aphelelwe lithemba. Isicelo sam kubo bonke abathe bawela kulo mgibe wotshaba kukuba banganikezeli! Nokuba izinto zisenokubonakala zinxunguphele kangakanani na okanye zidodobala kangakanani na, nceda undikholelwe, ungahlala unethemba. Ngamxesha onke” (“The Joy of Hope Fulfilled,” Ensign, EyeNkanga. 1992, 31–32).

Nceda abanye bathathe uxanduva lokufunda kwabo. Ngamanye amaxesha kubonakala ngathi eyona ndlela ilula yokufundisa kukuxelela nje abafundi oko sicinga ukuba bafanele ukukwazi. Nangona kunjalo, eyona ndlela ilula ayisoloko iyeyona ndlela ilungileyo. Nangona kunjalo, uMdala uDavid A. Bednar wacebisa: “Injongo yethu ayifanelanga ibe kukuba ‘Ndibaxelela ntoni?’ Endaweni yoko, imibuzo esimele sizibuze yona yile: ‘Ndinokubamema ukuba benze ntoni? Yeyiphi imibuzo ephefumlelweyo endinokuyibuza ukuba bayathanda ukuyiphendula, iyakuqalisa ukumema uMoya oyiNgcwele ebomini babo?’” (evening with a General Authority, Feb. 7, 2020, broadcasts.ChurchofJesusChrist.org; see also Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi25). Zininzi iindlela zokunceda abafundi bathathe uxanduva lokufunda kwabo. Ngokomzekelo, kolu lwandlalo abafundi bayamenywa ukuba bakhangele, bacingisise, benze uluhlu, bajonge imifanekiso, bathabathe inxaxheba kwizifundo zezinto, bazobe, babelane baze bakusebenzise oko bakufundayo.

umfanekiso wecandelo labantwana

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

UYeremiya 31:3

UBawo waseZulwini noYesu bandithanda “ngothando olungunaphakade.”

  • Njengoko ufunda UYeremiya 31:3 nabantwana bakho, banokukunceda ufumane izinto (okanye imifanekiso yezinto) ezihlala ixesha elide, njengengqekembe yentsimbi, nezinye ezingenzi njalo, njengeqhekeza lesiqhamo. Ningathetha ngento ethethwa “ngonaphakade” kwaye nabelane omnye nomnye ngendlela eniluve ngayo “uthando lwanaphakade” lukaBawo oseZulwini.“

UYeremiya 31:31–34; 32:38–41

UThixo uya kundinceda ukuba ndigcine imithetho yaKhe.

  • Abantwana bakho bangakonwabela ukuzoba intliziyo ephepheni baze babhale entliziyweni izinto abazifunda ku Yeremiya 31:31–34 ngokwenza iminqophiso noThixo. Ungafuna ukuphonononga umnqophiso abawenzayo kubhaptizo (bona Mozaya 18:10, 13) kwaye nixoxe ngokuba kuthetha ukuthini ukuba nezi zithembiso zibhalwe ezintliziyweni zabo.

intombazana ifunda izibhalo

UYeremiya 36:1–4

Izibhalo lilizwi likaThixo.

  • Iphepha lomsebenzi wale veki linokunceda abantwana bakho bafunde ngoYeremiya, uBharuki, nokumkani (bona UYeremiya 36). Basenokwenza kananjalo izenzo ezihambisana namazwi ku Yeremiya 36:4–10, njengokubhala encwadini (bona umqolo 4) nokufunda izibhalo ebantwini (bona umqolo 8, 10).

  • Wena nabantwana bakho ningajonga incwadi yabantwana kunye nekopi yezibhalo kwaye nithethe ngendlela ezahluke ngayo ezi ncwadi. Yintoni eyenza izibhalo zikhetheke? Kungakhuthaza ukwabelana nabanye ngeenxalenye yezibhalo ezikhethekileyo kuwe.

UYeremiya 38:6–13

Ndiyakwazi ukumela okulungileyo.

  • Unokusebenzisa umfanekiso osekupheleni kolwandlalo ukunceda abantwana bakho babe nomfanekiso-ngqondweni webali likaEbhedi-meleki eliku Yeremiya 38:6–13. Mhlawumbi unokubanceda bafumane indinyana apho uEbhedi-meleki wenza into yokukhalipha ukuze ancede umprofeti weNkosi. Yintoni esinokuyenza ukubonisa ukuba siyazi ukuba umprofeti wethu namhlanje ubizwe nguThixo?

Izililo 1:1–2, 16; 3:22–26

UMsindisi wenze ukuba ndikwazi ukuxolelwa izono zam.

  • Ukwazisa incwadi yeZililo, usenokucacisela abantwana bakho ukuba ngenxa yokuba amaSirayeli engazange aguquke, iYerusalem netempile zatshatyalaliswa. Ninokwabelana omnye nomnye ngendlela ebeninokuziva ngayo ukuba benihlala apho ngelo xesha (bona Izililo 1:1–2, 16). Umyalezo okuzo Izililo 3:22–26 unokukunika njani ithemba?

  • Ninokuxelelana kananjalo ngamaxesha apho nizive lusizi ngokhetho olubi olwenzileyo. Yintoni esiyifumanayo kuzo Izililo 3:22–26 esinceda siqonde uxolelo olunikelwa nguYesu Krestu?

Ngokungambi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

UYeremiya ukhutshwa ngeentambo emngxunyeni

Ngokuqinisekileyo ndiya kukuhlangula (UYeremiya 39:18), nguEva Timothy

Iphepha lomsebenzi wePrayimari: Izibhalo zililizwi likaThixo