Yizani, Nindilandele 2024
Izimvo zokuPhucula ukuFunda eKhaya naseBandleni


“Izimvo zokuPhucula ukuFunda eKhaya naseBandleni,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

usapho lufunda kunye

Izimvo zokuPhucula ukuFunda eKhaya naseBandleni

Njengoko ufunda ivangeli yoMsindisi ekhaya nasebandleni, cinga le mibuzo ilandelayo:

  • Ungawumema njani uMoya kwisifundo sakho?

  • Ungagxila njani kuMsindisi kwisifundo sakho?

  • Ungawasebenzisa njani amathuba emizuzwana yokufunda imihla ngemihla?

  • Ungalukhuthaza njani usapho namalungu eklasi ukuba afunde izibhalo ngokunokwawo kwaye babelane ngoko bakufundayo?

Nazi ezinye iindlela ezilula zokuphucula ukufunda kwakho ilizwi likaThixo.

Thandazela impembelelo

Izibhalo zililizwi likaThixo, ngoko ke mcele Yena akuncede ukuba uziqonde.

Khangela iinyaniso ezimalunga noYesu Krestu

Zonke izinto zingqina ngoKrestu (bona 2 Nifayi 11:4; Moses 6:63), ngoko ke cinga ngokuqaphela okanye uphawule imiqolo engqina ngoMsindisi, eyenza uthando lwakho lube nzulu kuYe, kwaye efundisa indlela yokumlandela Yena. Ngamanye amaxesha iinyaniso ngoMsindisi nevangeli yaKhe zichazwa ngokuthe ngqo, kwaye ngamanye amaxesha zichazwe ngomzekelo okanye ibali. Zibuze, “Zeziphi iinyaniso zanaphakade ezifundiswayo kule miqolo? Zindifundisa ntoni ezi nyaniso malunga noMsindisi?”

Phulaphula kuMoya

Nika ingqalelo kwiingcinga zakho neemvakalelo, nokuba azinxulumenanga kuko oko ukufundayo. Ezi mvakalelo zingazizinto uBawo waseZulwini afuna ukuba uzifunde.

Shicilela izimvo zakho

Zininzi iindlela zokubhala uchukumiso oluzayo njengoko ufunda. Umzekelo, usenokufumanisa ukuba amagama namabinzana athile kwizibhalo ayakuchukumisa; ungawaphawula kwaye ubhale iingcinga zakho njengenqaku kwizibhalo zakho. Ungagcina kananjalo ijenali yemihla ngemihla yeengqiqo, yokuva, neemvakalelo ozifumanayo.

intombazana eselula ifunda

Yabelana nabanye ngoko ukufundayo

Ukuxoxa iingqiqo ezisuka kufundo lwakho lobuqu yindlela elungileyo yokufundisa abanye, kwaye inceda ukomeleza ukuqonda kwakho ngako oko ukufundileyo. Yabelana ngoko ukufundayo namalungu osapho nabahlobo (ngobuqu okanye ngokwedijithali), kwaye ubameme ukuba benze okufanayo.

Nxulumanisani izibhalo kubomi bakho

Cinga ukuba amabali neemfundiso ozifundayo asebenza njani ebomini bakho. Ngokomzekelo, usenako ukuzibuza, “Ngawaphi amava endiye ndawafumana ayelelene kulento ndiyifundayo?”

Buza imibuzo njengoko ufunda

Njengoko ufunda izibhalo, imibuzo isenokufika engqondweni. Le mibuzo inganxulumana noko ukufundayo okanye nobomi bakho jikelele. Cingisisa le mibuzo kwaye ukhangele iimpendulo njengoko uqhubekeka ukufunda izibhalo.

umfana oselula efunda

Sebenzisa uncedo lwezifundo

Ukuze uzuze iingqiqo ezongezelelweyo kwimiqolo oyifundayo, sebenzisa imibhalo esemazantsi, nolunye uncedo lwezifundo.

Cinga umongo wezibhalo

Ungafumana iingqiqo ezinentsingiselo ngomhlathi wesibhalo njengoko ucinga ngokwemeko yawo, kuquka neemeko okanye imo osuka kuyo. Ngokomzekelo, ukwazi imvelaphi neenkolelo zabantu uThixo awathetha nabo kunganceda wena uqonde ngcono injongo yamazwi aKhe.

Funda amazwi abaprofeti nabapostile bemihla-yokugqibela

Funda oko abaprofeti nabapostile bemihla-yokugqibela bakufundisileyo ngemigaqo oyifumana kwizibhalo.

umama nonyana befunda kunye

Phila ngako oko ukufundayo

Ufundo lwezibhalo akumelanga ukuba lusiphembelele kuphela kodwa kufanele kananjalo lusikhokele kutshintsho lwendlela esiphila ngayo. Phulaphula oko uMoya ukushukumisela ukuba ukwenze njengoko ufunda, kwaye emveni koko wenze ngokwezi mpembelelo.

Sebenzisa umculo

Iingoma ezicetyiswayo neengoma zabantwana zifumaneka kuyo yonke indawo Yizani, Nindilandele. Sebenzisa umculo ongcwalisekileyo ukumema uMoya kwaye wenze nzulu ukholo lwakho nobungqina beenyaniso zevangeli.

usapho lucula kunye

Nkqaya izibhalo

Khetha isiqendu sesibhalo esinentsingiselo kuwe, kusapho lwakho, okanye iklasi yakho, kwaye usinkqayengokusiphinda yonke imihla okanye ngokudlala umdlalo wokunkqaya.

Yabelana ngezifundo zezinto

Fumana izinto ezinxulumene nezahluko nemiqolo oyifundayo. Cinga ukuba into nganye inxulumana njani neemfundiso kwizibhalo.

Zoba, fumana, okanye thatha umfanekiso

Funda imiqolo embalwa, uze uzobe into ehambelana noko ukufundayo. Okanye unokukhangela umfanekiso kuyo Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli okanye kwenye indawo kwiThala leVangeli. Unako kananjalo ukuthatha umfanekiso obonisa oko ukufundileyo.

Yenza umdlalo webali

Emveni kokufunda ibali, mema usapho okanye amalungu eklasi ukuba balinganise umdlalo. Emva koko, thetha ngokuba ibali linxulumana njani nezinto ohlangabezana nazo.

Yiba nokuthamba ekhaya

Ukuba unamalungu osapho angazimiselanga ukuthatha inxaxheba kufundo lwezibhalo zosapho, khangela ezinye iindlela zoku qhagamshelana nabo. Ngokomzekelo, unako ukwabelana ngenyaniso engunaphakade ngokwemvelo kwiincoko zakho okanye wabelane ngesibhalo esinentsingiselo ngendlela engabonakali ishumayela okanye igqithisela? Ufundo lwezibhalo aludingi ukuba lukhangeleke ngokufanayo kuzo zonke iintsapho. Abanye abantwana banokuphendula ngcono kufundo lwezibhalo emnye komnye. Thandaza kwaye ulandele iimpembelelo zoMoya.

Iintlanganiso zebhunga lootitshala zabazali. Ukuba ungathanda uncedo olongezelelweyo kwiinzame zakho zokufundisa abantwana bakho, fumanisa ukuba iwadi yakho iyazibamba kusini iintlanganiso zebhunga lootitshala zabazali (bona General Handbook, 17.5). Ezi ntlanganiso zilithuba labazali lokucebisana nokufunda kunye malunga nendlela yokuphucula ukufundisa kwabo. Bangaxoxa ngemigaqo eku Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, izimvo ezikula maphepha zokuphucula ufundo lwezibhalo zosapho, neengcebiso zokufunda nokufundisa ezifumaneka kuye wonke Yizani, Nindilandele.