“Ukusebenzisa Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla,“ Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
Ukusebenzisa Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla
Senzelwe Bani Esi siXhobo?
Yizani, Nindilandele ngowakhe nabani na ofuna ukufunda kwizibhalo—eyedwa, njengosapho, kwaye nakwiiklasi eBandleni. Ukuba ukhe awazifunda izibhalo rhoqo kwixesha elidlulileyo, esi sixhobo singakunceda uqalise. Ukuba sele uqhele ngokulungileyo ukufunda ivangeli, esi sixhobo singakunceda ube namava anentsingiselo.
Abantu ngabanye neeNtsapho eKhaya
Eyona ndawo efanelekileyo yokufunda ngevangeli kusekhaya. Iititshala zakho ebandleni zingakuxhasa, kwaye ungafumana inkuthazo kwamanye amalungu ewadi. Kodwa ukuze uphile ngokwasemoyeni, wena nosapho lwakho nidinga ukondliwa “ngelizwi elilungileyo likaThixo” (Moronayi 6:4).
Sebenzisa esi sixhobo nangayiphi na indlela esiluncedo kuwe. Ulwandlalo lugqamisa iinyani zanaphakade ezibalulekileyo ezifumaneka kwiTestamente eNdala. Zona kananjalo zicebisa ngezimvo nemisebenzi yokukunceda ufunde izibhalo uwedwa, namalungu osapho, okanye nabahlobo. Njengoko ufunda, landela isikhokelo soMoya ukufumana iinyaniso zanaphakade ezinentsingiselo kuwe. Khangela imiyalezo kaThixo kuwe, kwaye ulandele iimpembelelo ozifumanayo.
Ootitshala naBafundi eBandleni
Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla uyikharityulam yeklasi zeSikolo sangeCawe ePrayimari, zolutsha nezeSikolo sangeCawe sabantu abadala, iiklasi zaMantombazana, neentlanganiso zamaQumrhu oBubingeleli buka-Aron. Ukuba ufundisa kuyo nayiphi na kwezizimo, uyakhuthazwa ukuba usebenzise amagqabantshintshi akwesisixhobo ekuzifundeleni kwakho naxa ulungiselela ukufundisa. Qalisa ngokuba ube namava angawakho kwizibhalo. Olona lulungiselelo lubalulekileyo luyakwenzeka njengoko uphengulula izibhalo kwaye ufuna impembelelo yoMoya oyiNgcwele. Khangela iinyaniso zanaphakade ezikuncedayo ukuba wenziwe ngakumbi njengoBawo waseZulwini noYesu Krestu. Yizani, Nindilandele angakunceda ukuba uchonge ezinye zezi nyaniso kwaye uqonde umxholo wezibhalo.
Gcina engqondweni ukuba ukufunda ivangeli, ngokukuko, kusekelwe ekhaya kwaye kuxhaswa liBandla. Ngamanye amazwi, olona xanduva lwakho kukuxhasa abantu obafundisayo kwimigudu yabo yokufunda kwaye bayiphile ivangeli ekhaya. Ungazikhathazi ngokuqulatha isifundo esahlukileyo sokubabonelela eklasini. Endaweni yoko, banike amathuba okwabelana ngamava wabo, iingcinga, nemibuzo malunga nezicatshulwa zesibhalo abaye bazifunda ekhaya. Bameme ukuba babelane ngeenyaniso zanaphakade abazifumeneyo. Oku kubalulekile ngaphezu kokugqiba umyinge othile wento enokwenziwa.
Iiklasi zoLutsha nezeSikolo sangeCawe Sabadala
Isizathu esinye esingundoqo sokuhlangana kwiiklasi zeSikolo zangeCawe kukuba sixhasane kwaye sikhuthazane omnye nomnye njengoko sizama ukulandela uYesu Krestu. Indlela elula yokwenza oku kukubuza umbuzo onje “Yintoni oyifundiswe nguMoya oyiNgcwele kule veki njengoko ubufunda izibhalo?” Iimpendulo kulo mbuzo zingakhokelela kwiingxoxo ezinentsingiselo ezakha ukholo kuYesu Krestu nevangeli yaKhe.
Emva koko ungamema ingxoxo esekelwe kwiingcebiso zokufunda ku Yizani, Nindilandele. Umzekelo, ingcebiso yokufunda ingacebisa ukuphengulula UIsaya 53, ukhangele amagama achaza umsebenzi woMsindisi. Usenokucela amalungu eklasi ukuba abelane naziphi na iingcinga okanye iimvakalelo eziphenjelelwe ngala magama. Okanye ningachitha ixesha nikhangela la magama njengeklasi.
AmaQumrhu obuBingeleli buka-Aron neeKlasi zamaNtombazana Aselula
Xa amaQumrhu obuBingeleli buka-Aron neeKlasi zamaNtombazana Aselula ehlangana ngeeCawe, injongo yabo yahluke ngandlel’ ithile kwiklasi yeSikolo seCawe. Ukongeza ekuncediseni omnye nomnye ngokufunda ivangeli kaYesu Krestu, la maqela kananjalo ayahlangana kunye ukucebisana ngokuphumelelisa umsebenzi wosindiso nokuphakanyiswa (bona General Handbook, 1.2). Oku bakwenza phantsi kwesikhokelo sobongameli beeklasi zamaqumrhu.
Ngenxa yesi sizathu, iqumrhu ngalinye okanye intlanganiso yeklasi ifanele ukuqala ngelungu lequmrhu okanye ubongameli beklasi bukhokele ingxoxo ngeenzame zoku, umzekelo, ukuphila ivangeli, ukuvelela abo basweleyo, ukwabelana ngevangeli, okanye ukuthatha inxaxheba etempileni kunye nomsebenzi ongembali yosapho.
Emva kweli xesha lokucebisana kunye, umfundisi ukhokela iklasi okanye iqumrhu ekufundeni ivangeli kunye. Iinkokeli ezindala okanye amalungu eklasi okanye iqumrhu zingabelwa ukuba zifundise. Iklasi okanye ubongameli bequmrhu, bubonisana neenkokeli ezindala, benza ezi zabelo.
Abantu abanyulelwe ukufundisa mabazilungiselele ngokusebenzisa iingcebiso zokufunda kulwandlalo lweveki ku Yizani, Nindilandele. Kulwandlalo ngalunye, lo mfanekiso ubonisa umsebenzi ofanele ulutsha ncakasana. Nangona kunjalo, naziphi na iingcebiso kulwandlalo zingasetyenziswa njengomsebenzi wokufunda wolutsha.
Umzekelo we-ajenda yentlanganiso yequmrhu okanye iklasi, bona isihlomelo D
IPrayimari
Ulungiselelo lwakho lokufundisa iPrayimari luqalisa njengoko uzifundela izibhalo buqu kunye nosapho lwakho. Njengoko usenza, uze uzivulele iimvakalelo neengqiqo ezivela kuMoya oyiNgcwele malunga nabantwana kwiklasi yakho yePrayimari. Yiba nokuthandaza, kwaye uMoya uyakukuphembelela ngezimvo zokubanceda bafunde ivangeli kaYesu Krestu.
Njengoko ulungiselela ukufundisa, ungafumana impembelelo eyongezelelweyo ngokuhlola amacebo okufundisa ku Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla. Amagqabantshintshi ngamanye kwesi sixhobo anecandelo elibizwa “Iingcebiso zokuFundisa Abantwana.” Cinga ngezi zimvo njengeengcebiso zokubanga eyakho impembelelo. Uyabazi abantwana kwiklasi yakho yePrayimari—kwaye uyakubazi kangcono ngokuya unxibelelana nabo. UThixo naye uyabazi, kwaye Yena uyakukuphembelela ngendlela ezibalaseleyo zokubafundisa nokubasikelela.
Kusenokwenzeka ukuba abantwana kwiklasi yakho sele beyenzile eminye yale misebenzi ku Yizani Nindilandele neentsapho zabo. Kulungile oKo. Ukuphindaphinda kulungile. Cingisisa ngokumema abantwana ukuba babelane omnye nomnye ngoko bakufunde emakhaya—nangona kufuneka uyile iindlela abantwana abangathatha inxaxheba ngayo nokuba abafundi ekhaya. Abantwana bafunda iinyaniso zevangeli ngempumelelo ngoku ngakumbi xa ezi nyaniso ziphindaphindwa kwimisebenzi eyahlukeneyo. Ukuba ufumanisa ukuba umsebenzi wokufunda uneziphumo ezihle ebantwaneni, cingisisa ngokuwuphindaphinda, ingakumbi xa ufundisa abantwana abancinane. Usenokuhlola umsebenzi kwisifundo esigqithileyo.
Ngeenyanga ezineeCawe ezintlanu, ootitshala bePrayimari bayakhuthazwa ukuba batshintshe ulwandlalo olucwangcisiweyo luka Yizani, Nindilandele ngeCawe yesihlanu ngomnye okanye emininzi yale misebenzi yokufunda kuso “Isihlomelo B: EyePrayimari—Ukulungiselela Abantwana Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo.”