Doctrine and Covenants 2025
EyoMsintsi 22–28: “Emva koHlobo loNyana kaThixo”: IMfundiso neMinqophiso 106–108


“EyoMsintsi 22–28: ‘Emva koHlobo loNyana kaThixo’: IMfundiso neMinqophiso 106–108,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 106–108,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025

UYesu Krestu enika igunya lobubingeleli

EyoMsintsi 22–28: “Emva koHlobo loNyana kaThixo”

IMfundiso neMinqophiso 106–108

Ekukrwaquleni kokuqala, IMfundiso neMinqophiso 107 ingabonakala ngathi imalunga nokulungelelanisa ii-ofisi zobubingeleli qha kwisakhiwo sobunkokeli beBandla leNkosi. Ngexesha esi sityhilelo sasipapashwa, ubulungu beBandla babusele bukhulile ngaphezulu kweenkokeli ezimbalwa elalinazo endaweni. Ukuchaza iindima noxanduva loBongameli bokuQala, lweQumrhu lwabaPostile abaliShumi ElineSibini, abaMashumi Asixhenxe, oobhishophu, oomongameli bamaqumrhu kwakufuneka ngokuqinisekileyo kwaba luncedo. Kodwa kuninzi kakhulu okusemyalelweni wobuthixo kulo icandelo 107 kunendlela ubunkokeli beBandla obumele bulungelelaniswe ngayo. Apha, iNkosi isifundisa ngamandla negunya laYo, “uBubingeleli obuNgcwele, emva koHlobo loNyana kaThixo” (umqolo 3). Injongo yobubingeleli kukuvulela “zonke iintsikelelo zomoya zebandla” ukuze bonke abantwana bakaThixo “babe namazulu avulekela bona” kwaye babe “nokuvuyela ubudlelane nobukho bukaThixo uBawo, noYesu umthetheleli womnqophiso omtsha” (imiqolo 18–19). Ekusifundiseni ngobubingeleli baKhe, uMsindisi usifundisa ngaYe kwaye nokuba singeza njani kuYe.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 106; 108

umfanekiso weseminari
INkosi iyandixhasa mna xa Yona indibiza ukuba ndikhonze.

Kuyo IMfundiso neMinqophiso 106 kunye 108, iNkosi yanika ingcebiso nezithembiso emalungwini amabini awayebizelwe ukukhonza eBandleni. Njengokuba ufunda ingcebiso yaKhe, usenokucinga ngamathuba akho okusebenzela iNkosi—mhlawumbi umsebenzi wolungiselelo, ubizo lwaseCaweni, uxanduva kusapho lwakho, okanye iimpembelelo zomoya zokwenza okulungileyo.

Uva ukuba uthini umyalezo weNkosi kuwe kwezi zityhilelo? Ngawaphi amabinzana abonakala enentsingiselo ngakumbi kuwe? Nazi ezimbalwa onokucinga ngazo:

Cinga ngokubhala ileta ukukhuthaza inzala yakho—okanye ikamva lakho—ukwamkela amathuba okukhonza iNkosi. Bandakanya kwileta yakho iinyaniso ozifundayo ezivela kuyo, IMfundiso neMinqophiso 106 no 108, namava angawakho.

IMfundiso neMinqophiso 107:1–4, 18–20

Ububingeleli “[buse]emva koHlobo loNyana kaThixo.”

INkosi iqala “isityhilelo [saYo] ngobubingeleli” (IMfundiso neMinqophiso 107, isihloko secandelo) ngokusifundisa igama lokuqala loBubingeleli bukaMelkitsedeke (bona imiqolo 1–4). Kutheni ucinga ukuba kubalulekile ukwazi oko? Eli gama liyichaphazela njani indlela ocinga ngayo ngobubingeleli?

Gcina ezi ngcinga engqondweni xa ufunda ngobubingeleli, ngakumbi imiqolo 18–20. Kuthetha ukuthini “babe namazulu avulekela bona”? Kuthetha ukuthini “[u]kuvuyela ubudlelane nobukho bukaThixo uBawo, noYesu”? Amandla obubingeleli boMsindisi negunya benza njani ukuba konke oku kufumaneke kuwe?

Bona kananjalo Alma 13:2, 16; IMfundiso neMinqophiso 84:19–27.

Gqalisela kuYesu Krestu. “Zininzi izinto ekunokufundiswa ngazo kwivangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu—imigaqo, imiyalelo, iziprofeto, namabali wezibhalo. Kodwa zonke ezi zingamasebe omthi omnye, kuba zonke zinenjongo enye: ukunceda bonke abantu beze kuKrestu kwaye bagqibelele kuYe (bona Yaromi 1:11; Moronayi 10:32). Ngoko nokuba ufundisa ntoni na, khumbula ukuba ngokwenene ufundisa ngoYesu Krestu nendlela yokuba njengaYe” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 6). Ngokomzekelo, njengokuba ufundisa—kwaye ufunda—ngobubingeleli kuyo IMfundiso neMinqophiso 107, rhoqo buza, “Sifunda ntoni ngoMsindisi?”

IMfundiso neMinqophiso 107:22

Izicaka zeNkosi “baxhasw[a] ngokubathemba, ukholo, nomthandazo webandla.”

Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukuxhasa abakhonzi beNkosi ngokuzithemba kwakho? ngokholo lwakho? ngomthandazo wakho?

IMfundiso neMinqophiso 107:23–24, 33–35, 38, 91–92

AbaProfeti nabaPostile bangqina ngoYesu Krestu.

UJoseph Smith wabelana ngalo icandelo 107 ngowe-1835 kunye neQumrhu labaPostile abaLishumi elineSibini elalisandula ukubizwa (bona isihloko secandelo). INkosi yabafundisa ntoni ngobizo lwabo imiqolo 23–24, 33–35, 38? Ingaba ubungqina bakho bukaYesu Krestu bomelezwe njani yimfundiso nobufundisi babaPostile baKhe abaphilayo?

Kuyo imiqolo 91–92, iNkosi ifundisa ngomPostile waYo omkhulu, uMongameli weBandla. “Ufana njani noMoses”? (bona IsiKhokelo kwiZibhalo, “Moses,” Ithala leeNcwadi zeVangeli).

IMfundiso neMinqophiso 107:27–31, 85–89

INkosi iwufeza umsebenzi waYo ngamabhunga.

Qaphela into eyafundiswa yiNkosi malunga namabhunga kuyo IMfundiso neMinqophiso 107:27–31, 85–89. Yintoni eyenza ibhunga lisebenze? Ungayisebenzisa njani le migaqo kubizo lwakho lwaseBandleni, ekhayeni lakho, okanye kolunye uxanduva lwakho?

usapho lucwangcisa kunye

INkosi imema iintsapho ukuba zicebisane kunye.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 02

Iingcebiso zokuFundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 107:18–20

UYesu Krestu uyandisikelela ngamandla obubingeleli baKhe.

  • Njengoko wena nabantwana bakho nifunda kunye IMfundiso neMinqophiso 107:18–19, gxininisa ibinzana elithi “zonke iintsikelelo zomoya.” Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningadwelisa iintsikelelo ezivela kububingeleli. Unokwenza umdlalo ngazo—jonga ukuba ngubani onokwenza olona luhlu lude. Abantwana bakho kananjalo basenokuzoba okanye bafumane imifanekiso ebonisa ezi ntsikelelo (bona elale veki iphepha lomsebenzi). Ungathetha emveni koko ukuba imimiselo yobubingeleli (efana nobhaptizo okanye umthendeleko) isinceda njani ukuba sifumane iintsikelelo zikaThixo.

IMfundiso neMinqophiso 107:21–26, 33–35, 91–92

Izicaka ezinyuliweyo zeNkosi zikhokela iBandla laYo.

  • Ukhutsho ngalunye lwenkomfa yeLiyahona lubandakanya iphepha lemifanekiso lwabaseMagunyeni Jikelele. Cinga ngokujonga le mifanekiso nabantwana bakho njengokuba ufunda malunga noxanduva lwabo kuyo IMfundiso neMinqophiso 107:21–26, 33–35, 91–92. Wena nabantwana bakho ningathetha ngokuba kutheni ninombulelo ngokuba iNkosi ibanike olu xanduva.

  • Abantwana bakho banokufunda ngakumbi ngabakhonzi beNkosi “General Church Leadership” ku ChurchofJesusChrist.org. Mhlawumbi ngamnye kubantwana bakho unokufunda ngenye yezi nkokeli kwaye bafundisane ngayo. Yabelanani ngendlela eniyazi ngayo ukuba ezi nkokeli ngabakhonzi benyaniso bakaYesu Krestu.

  • Emva kokufunda IMfundiso neMinqophiso 107:22 kunye, wena nabantwana bakho ningatshintshana nibambe umfanekiso woBongameli bokuQala kwaye nabelane ngeendlela eningabaxhasa ngazo njengabakhonzi beNkosi.

UBongameli BokuQala

UBongameli BokuQala

IMfundiso neMinqophiso 108:3

Ndingalumka ekuphileni iminqophiso yam.

  • Ukuqalisa incoko ngalo mqolo, unokucela abantwana bakho ukuba benze into efuna ingqalelo ekhethekileyo, njengokuzalisa ikomityi ngaphandle kokuchitheka. Kwenzeka ntoni xa singalumkanga? Emveni koko ungafunda IMfundiso neMinqophiso 108:3 ukufumanisa ukuba yintoni na iNkosi efuna ukuba siyenze ngononophelo. Zeziphi “izifungo” (izithembiso okanye iminqophiso) esizenzayo noThixo? Sinokukulumkela ngakumbi njani ukuzigcina? Ungacula kananjalo ingoma engokugcina iminqophiso.

intombazana igalela amanzi

Ukugalela amanzi ngononophelo kunokufaniswa nokugcina iminqophiso yethu ngononophelo.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

umzobo kaMelkitsedeke no-Abraham

Melchizedek Blesses Abram [UMelkitsedeke Usikelela u-Abram], nguWalter Rane.

iphepha lomsebenzi labantwana