Doctrine and Covenants 2025
UCanzibe 19–25: “Oko Kuko kukaThixo Kukukhanya”: IMfundiso neMinqophiso 49–50


“UCanzibe 19–25: ‘Oko Kuko kukaThixo Kukukhanya’: IMfundiso neMinqophiso 49–50,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 49–50,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

ukuphuma kwelanga

UCanzibe 19–25: “Oko Kuko kukaThixo Kukukhanya”

IMfundiso neMinqophiso 49–50

UMsindisi “ngumalusi olungileyo” wethu (IMfundiso neMinqophiso 50:44). Yena uyazi ukuba ngamanye amaxesha izimvu ziyazulazula kwaye intlango ineengozi ezininzi. Ngoko ke Yena usikhokelela ngothando kukhuseleko lwemfundiso yaKhe. Yena usikhokelela kude nobungozi obufana “noomoya abangoomoya abangcolileyo, abathe beza ngaphambili emhlabeni, bekhohlisa ihlabathi” (IMfundiso neMinqophiso 50:2 Ukulandela Yena qho kuthetha ukuyeka izimvo okanye amasiko angalunganga. Oku kwakuyinyaniso kuLaman Copley nabanye eOhio. Babe yamkele ivangeli ebuyisiweyo kodwa besabambelele kwiinkolelo ezingalunganga. Kuyo IMfundiso neMinqophiso 49, iNkosi yabhengeza iinyaniso ezalungisa iinkolelo zangaphambili zikaLeman malunga nemixholo efana nomtshato nokuBuya kwesiBini koMsindisi. Kwaye ngelixa abasanda kuguquka base-Ohio “bafumana … oomoya [bona] babengenakho uku[ba]qonda,” iNkosi yabafundisa indlela yokwahlula iimbonakaliso zokwenyani zoMoya (IMfundiso neMinqophiso 50:15). UMalusi Olungileyo unomonde kuthi, abaKhe “abantwana abancinane” ebabemele “ukukhula elubabalweni nakulwazi lwenyaniso” (IMfundiso neMinqophiso 50:40).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 49; 50:24

UYesu Krestu ufuna ukuba ndamkele iinyaniso zevangeli yaKhe.

Ngaphambili kokuzimanya neBandla, uLeman Copley wayeyinxalenye yeqela lenkolelo elaziwa njenge-United Society of Believers in Christ’s Second Appearing, ekwaziwa ngokuba ziiShakers. Emveni kwencoko noLeman, uJoseph Smith wafuna ingcaciso eNkosini malunga nezinye iimfundiso zeShakers. INkosi yaphendula ngesityhilelo kulo icandelo 49. Ezinye zeenkolelo zeeShakers zikhankanywe kwisihloko secandelo.

Yintoni eyafundiswa yiNkosi kulo icandelo 49 ukulungisa iinkolelo zeeShakers? Bobuphi ubungqina obubonayo kwesi sityhilelo sothando lwaKhe nenkxalabo ngabantu abangenayo inzaliseko yenyaniso yaKhe? Unokufikelela njani kubo ngothando nangenkxalabo?

Yintoni ekuchukumisayo malunga nokuqwalasela kweNkosi ku mqolo 2? Unokuthelekisa oku nento eyenzekayo ukuba ubukela inxalenye ethile qha yomboniso bhanya-bhanya, ubone isiqwenga esinye sephazili, okanye uve icala elinye lengxabano. Isilumkiso seNkosi sinxulumana njani nayo IMfundiso neMinqophiso 50:24? Cinga ngento oyenzayo ukufumana ukukhanya okungakumbi kwiNkosi.

IMfundiso neMinqophiso 49:15–17

umfanekiso weseminari
UMtshato phakathi kwendoda nomfazi ubalulekile kwicebo likaThixo.

Kwiinzame zokujongela phantsi icebo likaBawo waseZulwini, uSathana uzama ukudala ukubhideka ngomtshato. INkosi, kwelinye icala, iqhubeka nokutyhila inyaniso ngomtshato ngabaprofeti baYo. Ungafumana enye yale nyaniso kuyo IMfundiso neMinqophiso 49:15–17; Genesis 2:20–24; KwabaseKorinte I 11:11; kunye “USapho: IsiBhengezo kwiHlabathi.” Yenza uluhlu lweenyaniso ozifumanayo. Kutheni umtshato ubaluleke kangaka kwicebo likaThixo?

UMdala u-Ulisses Soares wafundisa ukuba “ivangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu ibhengeza umgaqo ozele intsebenziswano phakathi komfazi nendoda, kokubini kubomi basemhlabeni nakwiphakade” (“In Partnership with the Lord,” Liyahona, EyeNkanga 2022,42.) Unokufunda umyalezo wakhe, ukhangela imigaqo “eyomeleza intsebenziswano phakathi kwendoda nomfazi.” Unokuyisebenzisa njani le migaqo kubomi bakho? Ukuba umntu wenye inkolo ukubuza isizathu sokuba kutheni umtshato ubalulekile, ubuya kuphendula uthini? Kutheni unombulelo ngako oku kuqonda?

2:36

Renaissance of Marriage

Yiba novelwano ngeemeko zomntu ngamnye. Ngelixa umtshato owonwabileyo nobomi bosapho buyiyeyona nto iphambili kwivangeli kaYesu Krestu, asikwazi ukuzonwabela zonke ezi iintsikelelo ngeli xesha sisemhlabeni. Xa uxoxa ngesi sihloko, yiba novelwano kwiimeko ezahlukeneyo zomntu ngamnye nezentsapho, ingakumbi abantu “abalindele ngomonde eNkosini” ukuze izithembiso zanaphakade zizaliseke (bona IMfundiso neMinqophiso 98:1–3).

usapho ngaphandle kwetempile

IMfundiso neMinqophiso 50

Iimfundiso zeNkosi zingandikhusela kwinkohliso zikaSathana.

Amalungu amatsha eBandla e-Ohio ayenomdla wokufumana iimbonakaliso zomoya ezithenjiswe kwizibhalo. Nakubeni, uSathana wayezimisele ukubalahlekisa. Ukuba ubucelwe ukuba uncede la malungu aqonde indlela yokuqonda iimbonakaliso eziyinyani zoMoya oyiNgcwele, yeyiphi imigaqo kuyo IMfundiso neMinqophiso 50 onokuthi wabelane ngayo? (bona ngakumbi imiqolo 22–25, 29–34, 40–46). Ukuncede njani uMsindisi ukuba wazi umahluko phakathi kwenyaniso nempazamo?

Bona kananjalo KwabaseKorinte I 14:1–28; Timoti II 3:13–17.

IMfundiso neMinqophiso 50:13–24

Ootitshala nabafundi bayahlaziyeka kunye ngoMoya.

Ukuphila ivangeli kaYesu Krestu kunika amathuba amaninzi okuba ngootitshala nabafundi, ekhaya naseBandleni. Enye indlela onokufunda ngayo IMfundiso neMinqophiso 50:13–24 kukuzoba umfanekiso katitshala nomfundi. Ecaleni kwawo ngamnye, yenza uluhlu lwamagama namabinzana avela kule miqolo athi akufundise okuthile malunga nokufunda nokufundisa ivangeli. Wakhe wanamava nini akufundise ukubaluleka koMoya ekufundiseni nasekufundeni? Cinga ngoko ungakwenza ukuphucula iinzame zakho njengomfundi wevangeli nanjengotitshala.

IMfundiso neMinqophiso 50:23–25

“Oko kuko kukaThixo kukukhanya.”

Njengoko ucingisisa amazwi oMsindisi kuyo IMfundiso neMinqophiso 50:23–25, cinga ngendlela ofumana ngayo ukukhanya kukaThixo ebomini bakho kwaye “ubugxotha njani ubumnyama”. Ngokomzekelo, le miqolo ilukhokela njani ukhetho lwakho malunga nendlela yokusebenzisa ixesha lakho? Loluphi ulonwabo okanye amajelo eendaba onokuwafuna? Zeziphi iincoko ukuzibandakanya kuzo? Zeziphi ezinye izigqibo enokunceda ngayo le miqolo?

umfanekiso wecandelo labantwana 03

Iingcebiso zokuFundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 49:12–14

Ndinokulandela uYesu Krestu.

  • Ukufundisa abantwana bakho imigaqo kule miqolo, ungalungiselela imizila yeenyawo yamaphepha amane nemifanekiso emine emele ukholo kuYesu Krestu, inguquko, ubhaptizo,nokwamkela uMoya oyiNgcwele (bona imifanekiso kulo iphepha lomsebenzi) wale veki). Abantwana bakho banokubeka imizila yeenyawo emgangathweni nemifanekiso ecaleni kwayo. Emva koko banokutshintshana ngokuhamba kwimizila yeenyawo ngelixa ufunda IMfundiso neMinqophiso 49:12–14. Bancede baqonde ukuba xa sisenza izinto ezikule mifanekiso, silandela uYesu Krestu.

  • Usenokumema abantwana bakho ukuba bathelekise IMfundiso neMinqophiso 49:12–14 kunye nazo Izenzo 2:38 kunye nalo inqaku lesine lesivumo sokholo. Zeziphi izinto ezifanayo oziqaphelayo? Kutheni ezi nyaniso zibalulekile?

IMfundiso neMinqophiso 49:15–17

UMtshato phakathi kwendoda nomfazi ubalulekile kwicebo likaThixo.

  • Ukwazisa le miqolo, ungacacisa ukuba iiShakers yayiliqela lenkolo elalikholelwa ukuba abantu mabangatshati (bona isihloko secandelo kuyo IMfundiso neMinqophiso 49). Mema abantwana bakho ukuba bafumane izinto iNkosi efundisa ngazo ngomtshato kuyo IMfundiso neMinqophiso 49:15– 7. Kuthetha ukuthini ukuba “umtshato umiselwe nguThixo”? Mhlawumbi ninokufunda imihlathi emithathu yokuqala yalo “USapho: Isibhengezo kwiHlabathi.” Emva koko thetha ngokuba kutheni umtshato nosapho zibalulekile kuBawo waseZulwini.

IMfundiso neMinqophiso 50:23–25

“Oko kuko kukaThixo kukukhanya.”

  • Ukwazisa IMfundiso neMinqophiso 50:23–25, thetha nabantwana bakho ngomahluko phakathi kokukhanya nobumnyama. Kutheni sidinga ukukhanya? Thetha ngeendlela esikufamana ngayo ukukhanya kukaThixo neendlela esinokugxotha ngazo ubumnyama. Nisenokucula kunye ingoma engokukhanya kwabo kokomoya.

IMfundiso neMinqophiso 50:40–46

UYesu Krestu nguMalusi wam oLungileyo.

  • Emveni kokufunda IMfundiso neMinqophiso 50:40–46 kunye, ungabonisa umfanekiso woMsindisi ekupheleni kolu lwandlalo kwaye ubuze imibuzo efana nale: Umalusi uvakalelwa njani ngezimvu zaKhe? Ingaba uMsindisi ungumalusi njani kuthi?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

UMalusi Olungileyo

Gentle Shepherd [Umalusi Onobunono], nguYongsung Kim

iphepha lomsebenzi labantwana