Doctrine and Covenants 2025
UCanzibe 12–18: “Funani Ngenzondelelo Ezona Zipho”: IMfundiso neMinqophiso 46–48


“UCanzibe 12–18: ‘Funani Ngenzondelelo Ezona Zipho’ : IMfundiso neMinqophiso 46–48,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“IMfundiso neMinqophiso 46–48,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

intlanganiso ngasemlanjeni

The Camp Meeting [iNtlanganiso yeNkampu], nguWorthington Whittredge

UCanzibe 12–18: “Funani Ngenzondelelo Ezona Zipho”

IMfundiso neMinqophiso 46–48

Njengoko uParley P. Pratt, u-Oliver Cowdery, uZiba Peterson, noPeter Whitmer Jr. baye bemka eKirtland kwaye baqhubela phambili ukuya baqhubekeke nokushumayela ivangeli, baye bashiya amalungu amatsha eBandla angaphezulu kwekhulu awayezele yinzondelelo enkulu kodwa ayenamava amancinci okanye umkhomba-ndlela omcinane. Babe ngenazo iincwadi zemiyalelo, kungekho ziintlanganiso zokuqeqeshela ubunkokeli, kungekho sasazo lwenkomfa yajikelele—eneneni, kwakungekho neekopi zeNcwadi kaMormoni ezaneleyo ukujikeleza. Uninzi lwala makholwa matsha lwalutsalelwe kwivangeli ebuyisiweyo ngesithembiso sokubonakaliswa okumangalisayo koMoya, ngakumbi ezo zichazwe kwiTestamente eNtsha. (bona, ngokomzekelo, KwabaseKorinte I 12:1–11). Kodwa abaninzi bakufumanisa kunzima ukuchonga imibonakaliso eyiyo. Ngokubona ukudideka, uJoseph Smith waye wathandazela uncedo. Impendulo yeNkosi inexabiso namhlanje, xa abantu benamaxesha athile okwala okanye bangahoyi izinto zoMoya. Yena waphinda waqinisekisa ukuba iimbonakaliso zokomoya ziyinyani. Waphinda wacacisa ukuba ziyintoni na: iziphiwo ezivela kuBawo waseZulwini onothando, “zinikelwa ukunceda abo bathanda [Yena] baze bagcine yonke imiyalelo [yaKhe], nalowo ufuna ukwenza njalo” (IMfundiso neMinqophiso 46:9).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.

IMfundiso neMinqophiso 46:1–7

UMsindisi wamkela bonke abafuna ukunqula eBandleni laKhe.

Ingaba uziva ukuba abahlobo bakho nabantu abakwingingqi yakho baziva bamkelekile kwiinkonzo zonqulo kwisebe lakho? Yintoni oyenzayo ukwenza iintlangano zeBandla zibe ziindawo apho abantu bafuna ukubuyela kuzo? Cingisisa ngendlela onokusisebenzisa ngayo isiluleko seNkosi kuyo IMfundiso neMinqophiso 46:1–7 (bona kananjalo 2 Nifayi 26:24–28; 3 Nifayi 18:22–23).

Usenokucinga nangexesha owawuzimase ngalo iinkonzo zeBandla—okanye intlanganiso yelinye iqela—okokuqala. Abantu benza ntoni ukunceda uzive wamkelekile?

Bona kananjalo Moronayi 6:5–9.

1:5

Welcome Comeuntochrist.org

IMfundiso neMinqophiso 46:7–33

umfanekiso weseminari
UBawo waseZulwini undiphe izipho zomoya ukusikelela abanye.

AbaNgcwele bantlandlolo babekholelwa kwizipho zomoya kodwa babedinga uncedo ngokuzichonga kwaye baqonde injongo yazo. Njengoko ufunda ngezipho zoMoya kuyo IMfundiso neMinqophiso 46:7–33, cingisisa ngenjongo “[yoko] zikunikiweyo” (umqolo 8). Yintoni oyifundayo malunga ngoThixo—umniki wezi zipho?

Ungancinga ngemizekelo yabantu othe wababona besebenzisa ezi zipho okanye ezinye izipho zomoya? Zona “zabanceda njani … abantwana bakaThixo”? (umqolo 26). Unokubona kananjalo ukuba ungayichonga na imizekelo yezipho zomoya ezahlukeneyo kwizibhalo ezifana nezi: OoKumkani I 3:5–15; Daniyeli 2:26–30; Izenzo 3:1–8; Hilamani 5:17–19; Mormoni 1:1–5; Etere 3:1–15; IMfundiso neMinqophiso 6:10–12; Moses 7:13.

Ufundo lwakho ngezipho zomoya kusenokukwenza ucingisise ngezipho uThixo akuphe zona. Ungazisebenzisa njani ezi zipho ukusikelela abantwana baKhe? Ukuba unayo intsikelelo kasolusapho, kunokwenzeka ichonga izipho ozinikiweyo.

Yeyiphi “imithambo” enokukunceda uphuhlise izipho zakho zomoya?

IMfundiso neMinqophiso 47

INkosi ifuna iBandla laYo ligcine imbali.

Ubizo lukaJohn Whitmer lokugcina imbali yeBandla laqhubekisa isithethe eside sabagcini bembali phakhathi kwabantu bakaThixo. Kutheni ucinga ukuba ukugcina imbali kubalulekile kwiNkosi? Cingisisa ngoku njengoko ufunda icandelo 47 nemiyalelo efanayo ku 2 Nifayi 29:11–12; Moses 6:5; Abraham 1:28, 31. Yintoni ocinga ukuba iNkosi ifuna uyibhale malunga nobomi bakho?

KuPhendlo loSapho, unokubhala iinkumbulo namava kubomi bakho—nobomi bezinyanya zakho (bona FamilySearch.org).

John Whitmer

John Whitmer

IMfundiso neMinqophiso 47

UMoya oyiNgcwele unokundikhokela njengoko ndizalisekisa ubizo lwam.

Mhlawumbi ungazinxulumanisa nendlela uJohn Whitmer awavakalelwa ngayo xa wayefuna isiqinisekiso sokuba ubizo lwakhe lwaluvela kuThixo. Yathini iNkosi kuyo IMfundiso neMinqophiso 47 kuJohn Whitmer—nakuwe—ukuphembelela ukuzithemba ekuzalisekiseni ubizo Yena alunikayo?

Indima katitshala. Ukufundisa kungaphezulu kunokunika ulwazi. Kubandakanya ukudala imeko apho amalungu eklasi anokufunda kwaye azifumanele iinyaniso kwaye abelane ngoko akufundileyo omnye nomnye (bona Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi26).

umfanekiso wecandelo labantwana 02

Iingcebiso zokuFundisa Abantwana

IMfundiso neMinqophiso 46:2–6

Ndinganceda abanye bazive bamkelekile ebandleni.

  • Emva kokufunda IMfundiso neMinqophiso 46:5 nabantwana bakho, thethani ngendlela uMsindisi afuna abantu bazive ngayo xa besiza eBandleni laKhe. Mema abantwana bakho ukuba bacinge ukuba babone umntu enkonzweni okokuqala. Bancede baziqhelise iindlela zokunceda lo mntu azive amkelekile.

IMfundiso neMinqophiso 46:7–26

UBawo waseZulwini undiphe izipho zomoya ukusikelela abanye.

  • Ukunceda abantwana bakho bafunde ngezipho zomoya ezichazwe kuyo IMfundiso neMinqophiso 46:13–26, cinga olu luvo. Ungazibhala izipho kumaqhekeza ephepha kwaye uwafihle ngokujikeleze igumbi. Njengoko abantwana bakho befumana iphepha ngalinye, bancede bafumanise apho eso sipho sikhankanywe khona kulo icandelo 46. Kwisipho ngasinye, thetha nabo malunga nendlela esisetyenziswa ngayo ukusikelela abanye.

    2:19

    Chapter 20: Gifts of the Spirit: 8•March 1831

  • Xelela abantwana bakho ngezipho oziva ukuba uBawo waseZulwini ubanikile bona, kwaye bavumele ukuba bathethe ngezipho abaziqaphelayo omnye komnye. Ngokwayo IMfundiso neMinqophiso 46:8–9, 26, kutheni uBawo waseZulwini esinika izipho zomoya? Sinokuzisebenzisa njani izipho zethu ukunceda abanye?

IMfundiso neMinqophiso 47:1, 3

Ndiyakwazi ukubhala imbali yam.

  • Vumela abantwana bakho bafumane into eyayifunwa yiNkosi kuJohn Whitmer kuyo IMfundiso neMinqophiso 47:1, 3. Nisenako ukwabelana omnye nomnye ngamabali eniwathandayo avela kwizibhalo. Chaza ukuba siyawazi la mabali kuba kukho umntu owawabhalayo.

  • Cinga ngendlela onokuthi ubakhuthaze ngayo abantwana bakho ukuba babhale iimbali zabo zobuqu? Usenokwabelana ngamanye amanqaku avela kwijenali yakho yobuqu okanye wabelane ngebali elimalunga nokhokho (bona FamilySearch.org) Unganikeza ngeengcebiso zejenali, njenga “Yintoni eyenzekileyo kule veki ongabawela abazukulwana bakho bazi ngayo?” okanye “Usibone njani isandla seNkosi ebomini bakho kule veki?” Abantwana abancinane bangazoba imifanekiso yamava abo, okanye ungabashicilela bebalisa ngamabali abo. Zeziphi iintsikelelo ezisuka ekugcineni “imbali esisigxina”? (IMfundiso neMinqophiso 47:1).

intombazana ibhala kwijenali

IMfundiso neMinqophiso 48:2–3

Ndinokunceda abanye ngokwabelana ngezinto endizinikiweyo.

  • Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 48:2–3 nabantwana bakho, usenokufuna ukucacisa ukuba abantu babesiza e-Ohio bevela eMpuma, kwaye babengenandawo yokuhlala. Yintoni iNkosi eyacela abaNgcwele ukuba bayenze ukunceda? Nceda abantwana bakho bacinge ngezinto abaziphiwe nguThixo abanokwabelana ngazo nabanye.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Amalungu eBandla ebulisana

Bonke abafuna ukunqula uMsindisi bamkelekile kwiintlanganiso zabaNgcwele baKhe.

iphepha lomsebenzi labantwana