“UCanzibe 5–11: ‘IziThembiso … Ziya Kuzalisekiswa’: IMfundiso neMinqophiso 45,’ Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 45,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
UCanzibe 5–11: “IziThembiso …Ziya Kuzalisekiswa”
IMfundiso neMinqophiso 45
Isityhilelo kulo icandelo 45 samkelwa, ngokwesihloko secandelo, “kuvuyo lwabaNgcwele.” Kwaye kuninzi ekufuneka sikuvuyele kwesi sityhilelo. Kuso uMsindisi unika isithembiso saKhe esithambileyo sokusibongozela phambi koBawo (bona imiqolo 3–5). Yena ubalisa ngomnqophiso waKhe ongunaphakade osasazeleka kulo lonke ihlabathi, “njengomthunywa … ekulungiseni indlela phambi [kwaKhe]” (umqolo 9). Kwaye Yena uprofeta ngokubuYa kweSibini okuzukileyo kwaKhe. UMsindisi ukwenza konke oku ngelixa ekwavuma ukuba la ngamaxesha anzima (bona umqolo 34), kwinxalenye ngenxa yeengozi eziya kwenzeka ngaphambi kokubuya kwaKhe. Kodwa loo ngozi, obo bumnyama abunamandla ngokwaneleyo ukuba bucime ukukhanya kwethemba. “Kuba inene ndithi kuni,” iNkosi yatsho, “okokuba nd[lu] … khanyiso [o]lwabonakala ebumnyameni” (umqolo 7). Eso kuphela sisizathu sokufumana esi sityhilelo—ngaso nasiphi isiluleko nezilumkiso nenyaniso afuna ukuyinika—ngovuyo.
Iingcebiso zokuFunda eKhaya naseBandleni.
UYesu Krestu nguMthetheleli wam kuBawo.
Xa siziva singenelanga okanye singafanelekanga phambi koThixo, singafumana isiqinisekiso kumazwi oMsindisi kuyo IMfundiso neMinqophiso 45:1–5. Njengoko uphengulula le miqolo, cinga imibuzo efana nale:
-
Ngawaphi amagama okanye amabinzana kule miqolo anentsingiselo ngakumbi kuwe?
-
UMthetheleli ngumntu oxhasa esidlangaleni okanye ocebisa umntu okanye isizathu. Ngokwa le miqolo, uYesu Krestu ukwenza njani oku kuwe? Yintoni emenza Yena afanele ukwenza oku?
-
Yintoni ekuchukumisayo ngamazwi oMsindisi kuBawo? (imiqolo 4–5).
Ezi zicatshulwa zilandelayo zinokongeza ekuqondeni kwakho indima yoMsindisi njengoMthetheleli. Njengoko uzifunda, cinga ngokubhala phantsi amabinzana okanye iinyaniso onokuthi wabelane ngazo nabanye: 2 Nifayi 2:8–9; Mozaya 15:7–9; Moronayi 7:27–28; IMfundiso neMinqophiso 29:5; 62:1. Kutheni la mabinzana enentsingiselo kuwe?
The Mediator
IMfundiso neMinqophiso 45:9–10
Ivangeli ngumgangatho kwizizwe.
Mandulo, umgangatho yayibhanile okanye iflegi eyayithwalwa xa kwakuyiwa edabini, eyayisetyenziselwa ukuhlanganisa nokumanyanisa amajoni. Umgangatho ikwangumzekelo okanye umthetho ekunokulinganiswa ngawo ezinye izinto. Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 45:9–10, cingisisa ngendlela iminqophiso yakho neNkosi eye yaba ngumgangatho ngayo kuwe .
IMfundiso neMinqophiso 45:11–75
UYesu Krestu uya kubuya esebuqaqawulini.
UkuBuya kweSibini kweNkosi kuye kwachazwa “njengokukhulu” “nokukwantyisa” (Malaki 4:5). Kuyo IMfundiso neMinqophiso 45, zombini iinkcazo zibonakala zifanelekile. Esi sityhilelo siquka zombini izilumkiso nezithembiso ezinethemba malunga nokuza kweNkosi. Njengoko ufunda imiqolo 11–75, cingisisa ukuba ungakulungiselela njani ukuBuya kweSibini unokholo kuKrestu kunoloyiko. Bhala okufumanayo kwitafile efana nale:
|
IsiProfeto okanye isithembiso |
Yintoni endinokuyenza |
|---|---|
IsiProfeto okanye isithembiso Ukukhanya (ivangeli) kuya kubafikela abo bahleli ebumnyameni (umqolo 28) | Yintoni endinokuyenza Yamkela ukukhanya—uze wabelane ngako (umqolo 29) |
IsiProfeto okanye isithembiso | Yintoni endinokuyenza |
IsiProfeto okanye isithembiso | Yintoni endinokuyenza |
IsiProfeto okanye isithembiso | Yintoni endinokuyenza |
Men's Hearts Shall Fail Them
IMfundiso neMinqophiso 45:31–32, 56–57
Ndinako “ukuma kwiindawo ezingcwele” kwaye ndingashukunyiswa.
Yintoni oyifunda kuyo IMfundiso neMinqophiso 45:31–32, 56–57 malunga nokulungiselela ukuBuya kweNkosi? Zeziphi “iindawo ezingcwele” zakho? Kuthetha ukuthini “ukungashukunyiswa”? Ungenza njani na apho ukhona ukuba kube ngcwele ngakumbi?
Phawula ukuba iNkosi yayibhekisela kumzekeliso weentombi ezilishumi, ithelekisa i-oli ekumzekeliso nenyaniso noMoya oyiNgcwele. Cinga ngokufunda umzekeliso ku Mateyu 25:1–13 unaloo nto engqondweni. Zeziphi iimbono ozifumanayo?
Parable of the Ten Virgins [Umzekeliso weeNtombi Ezilishumi], nguDan Burr
IMfundiso neMinqophiso 45:11–15, 66–71
IZiyon yindawo yokhuseleko lwabaNgcwele bakaThixo.
AbaNgcwele ngexesha likaJoseph Smith babenomdla wokwakha iZiyon, iYerusalem Entsha, (bona Etere 13:2–9; Moses 7:18, 62–64). Yintoni oyifundayo malunga neZiyon—zozibini isixeko sika-Enoki samandulo nesixeko semihla yokugqibela—ephuma kuyo IMfundiso neMinqophiso 45:11–15, 66–71? Namhlanje umyalelo wokumiselwa kweZiyon ubhekisa ekumiseni ubukumkani bukaThixo naphi na apho sihlala khona. Yintoni ongayenza ukunceda ekwakheni iZiyon apho ukhoyo?
Iingcebiso zokuFundisa Abantwana
UYesu Krestu nguMthetheleli wam kuBawo.
-
Ungafuna ukunceda abantwana bakho baqonde ukuba umthetheleli ngumntu oxhasa omnye umntu. Emva koko unokuthetha ngemizekelo yokuba ngumthetheleli abanokuthi baqhelene nayo (njengokumela umhlobo). Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 45:3–5 kunye, nceda abantwana bakho bafumanise ukuba ngubani uMthetheleli wethu kwaye usinceda njani.
Ndinako “ukuma kwiindawo ezingcwele”.
-
Kusenokuba mnandi ukubeka imifanekiso yekhaya, yesakhiwo seBandla, netempile jikelele egumbini. Emva koko unokunika abantwana bakho imikhondo echaza ezi ndawo uze ubameme ukuba beme kufutshane nomfanekiso owuchazayo. Bacele ukuba beme ngxi ngelixa ufunda umgca wokuqala kuyo IMfundiso neMinqophiso 45:32. Zeziphi ezinye iindawo ezingcwele uThixo asinika zona? Nceda abantwana bakho baqonde ukuba “ukuma kwiindawo ezingcwele, kwaye … ungashukunyiswa” kuthetha ukukhetha oko kulungileyo ngamaxesha onke, nokuba kwenzeka ntoni na. Singalenza njani ikhaya lethu libe yindawo engcwele ngakumbi?
Ivangeli kaYesu Krestu ngumgangatho kwihlabathi.
-
Usenokucacisela abantwana bakho ukuba mandulo, umgangatho yayiyibhanile okanye iflegi eyayithwalwa xa kwakuyiwa edabini. Yona yayinceda amajoni ukuba azi ukuba ahlanganisane phi kwaye enze ntoni. Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 45:9, kwaye nixoxe ngeendlela ivangeli efana nomgangatho. Abantwana bakho banokukonwabela ukwenza owabo umgangatho okanye iflegi, bequka imifanekiso okanye amagama avakalisa iimvakalelo zabo ngoMsindisi.
Ivangeli ifana nomgangatho, okanye ibhanile okanye iflegi.
IMfundiso neMinqophiso 45:44–45
UYesu Krestu uyakuza kwakhona.
-
Intshabalalo eya kwenzeka ngaphambi kokuBuya kweSibini inokuboyikisa abantwana. Ukubalathisa kuYesu Krestu kunokubanceda bajonge phambili benokholo! Cinga ngokubamema ukuba bacinge ngendlela abaziva ngayo xa kukho umntu okhethekileyo esiza kutyelela, njengo tatomkhulu nomakhulu okanye umhlobo. Balulungiselela njani utyelelo? Emva koko ungabonisa umfanekiso woMsindisi kwaye ufunde IMfundiso neMinqophiso 45:44–45. Yabelanani omnye nomye ngendlela eniziva ngayo ngokuza koMsindisi.
-
Ukunceda abantwana bakho bazive bevuya ngokuBuya kweSibini koMsindisi, ungabhala emaphepheni ezinye zezithembiso ezithembisayo ezivela kulo icandelo 45 (bona, ngokomzekelo, imiqolo 44–45, 51–52, 55, 58–59, 66–71). Nika abantwana bakho amaphepha kwaye ubacele ukuba baphakamise isandla sabo xa isithembiso abasibambileyo sikhankanywa njengoko ufunda imiqolo. Xoxa ngokuba zithetha ntoni ezi zithembiso.
Nceda abantwana bakho bawuqaphele uMoya. Njengokuba ufundisa abantwana bakho, baxelele xa usiva uMoya oyiNgcwele. Thetha ngendlela oyibona ngayo impembelelo yaKhe. Ngokomzekelo, unokuziva unoxolo okanye uvuyo xa ucula ingoma ngoMsindisi.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.