“Tshazimpuzi 28–UCanzibe 4: ‘Umthetho Olawula iBandla Lam’: IMfundiso neMinqophiso 41–44,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 41–44,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Tshazimpuzi 28–UCanzibe 4: “Umthetho Olawula iBandla Lam”
IMfundiso neMinqophiso 41–44
IBandla lakhula ngokukhawuleza ngo-1830 no-1831, ngakumbi ngokugxalathelana kwamalungu amatsha eKirtland, e-Ohio. Oku kukhula kwakuchulumancisa kwaye kukhuthaza abaNgcwele, kodwa yona kananjalo yazisa nemingeni ethile. Ulimanya njani iqela lamakholwa elanda ngokukhawuleza? Ngokuthe ngqo, wenza ntoni xa bezisa imfundiso nezenzo kwiinkolo zabo zangaphambili? Ngokomzekelo, xa wafika uJoseph Smith eKirtland ekuqaleni kweyoMdumba ngo-1831, wafumana amalungu amatsha esabelana izinto zabo ngelinge lokwenene lokuzama ukulinganisa amaKrestu eTestamente Entsha (bona Izenzo 4:32–37 INkosi yenza izilungiso ezibalulekileyo neengcaciso malunga noku nezinye izihloko. Yena wakwenza oku kakhulu ngesityhilelo esibhalwe kuyo IMfundiso neMinqophiso 42 Yena awasibiza “umthetho olawula ibandla lam” (umqolo 59). Kwesi sityhilelo, sifunda iinyaniso ezisisiseko ekusekeni iBandla leNkosi kwimihla yokugqibela. Kwaye sifunda ukuba kuninzi ekufuneka sikufundile: “Ukuba uya kucela,” iNkosi yathembisa, “uya kufumana isityhilelo phezu kwesityhilelo, ulwazi phezu kolwazi” (IMfundiso neMinqophiso 42:61).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
“Lowo wamkela umthetho wam kwaye awenze, onjalo ungumfundi wam.”
Ekuqaleni kowe-1831, abaNgcwele babeqalisa ukuhlanganisana e-Ohio. Babelangazelela ukufumana umthetho uThixo awayethembise ukuwutyhila apho (bona IMfundiso neMinqophiso 38:32). Kodwa kuqala, iNkosi yafundisa abafundi baYo ukuba benze njani ukulungiselela ukufumana umthetho waYo. Yeyiphi imigaqo oyifumana kuyo IMfundiso neMinqophiso 41:1–6 eyayinokunceda abaNgcwele bafumane umthetho kaThixo? Ingakunceda njani le migaqo ufumane Umyalelo kuYe?
INkosi indinika imiyalelo kubaYona iyandithanda.
AbaNgcwele babesibona isityhilelo esifumaneka kuyo IMfundiso neMinqophiso 42:1–72 ukuba sisesinye sezona zibalulekileyo umProfeti wakhe wazifumana. Yayisesinye sezityhilelo zokuqala ukupapashwa. Kangangeminyaka emininzi, abaNgcwele bawubiza ngokulula “umthetho.” Ngelixa icandelo lingaquki yonke imiyalelo yeNkosi okanye imithetho, kufanelekile ukulicingisisa ukuba kutheni le migaqo yayibalulekile kwiBandla elitsha elibuyiselweyo. Kutheni ibalulekile nje kuthi namhlanje?
Ngenxa yokuba icandelo 42 lilide ngokwentelekiso, ungacinga ukuyifunda ngeenxalenye ezincinane, njengoku landelayo. Chonga imigaqo efundiswa kuyo nganye, kwaye ucinge ukuba le mithetho ingumqondiso njani wothando lweNkosi ngabantu baYo.
Kutheni uThixo esinika imithetho nemiyalelo? Ngaziphi iindlela oye wasikelelwa ngazo ngokwazi nokulandela imiyalelo?
IMfundiso neMinqophiso 42:30–42
“Khumbula amahlwempu.”
Njengenxalenye yomthetho otyhilwe kulo icandelo 42, iNkosi yafundisa abaNgcwele baYo indlela abangenzangayo, njengabalandeli bakaKrestu bamandulo, “babe nezinto zonke ngokufanayo” (Izenzo 2:44; 4 Nifayi 1:3), “kungekho mahlwempu phakathi kwabo” (Moses 7:18). Ufunda ntoni kuyo IMfundiso neMinqophiso 42:30–42 malunga nendlela abaNgcwele ababewuphila ngayo umthetho wongcwaliso? (Ukungcwalisa kuthetha ukubekela bucala okuthile ngenjongo engcwele.)
Nangona singenazo“zonke izinto ngokufanayo” namhlanje, kwiitempile abaNgcwele beMihla yokuGqibela banqophisa ukuphila umthetho wongcwaliso. Ungakungcwalisa njani oko uThixo akuphe ukuba usikelele abantu abasweleyo?
Christ and the Rich Young Ruler [UKrestu kunye neNkokheli eNcinane Esisityebi], nguHeinrich Hofmann
IMfundiso neMinqophiso 42:61, 65–68; 43:1–16
UThixo unika isityhilelo sokukhokela iBandla laKhe—nokukhokela mna.
Yiba nomfanekiso-ngqondweni ukuba unencoko nelungu elitsha leBandla ovuyiswa kukwazi ukuba iBandla likhokelwa ngesityhilelo. Ungayisebenzisa njani IMfundiso neMinqophiso 43:1–16 ukumnceda ukuba afunde ngomzekelo weNkosi wokukhokela iBandla laKhe ngomprofeti waKhe? Ungayisibenzisa njani IMfundiso neMinqophiso 42:61, 65–68 ukufundisa ngokufumana isityhilelo sobuqu?
Zeziphi ezinye “zezinto zoxolo” nezinto ezivuyisayo ozifumene eNkosini ngoMoya waKhe?
Cinga ngokwenza owakho umboniso bhanya-bhanya, ucacisa indlela iNkosi enxibelelana ngayo nawe.
Bona kananjalo uRussell M. Nelson, “Isityhilelo seBandla, Isityhilelo Sobomi Bethu,” Liyahona, Tshazimpuzi 2018, 93–96.
Sebenzisa izifundo zento. Izifundo zento okanye izinto ezibonwayo zinganceda abantu obafundisayo ukuba baziqonde ngcono iinyaniso zevangeli kwaye bazikhumbule ixesha elide. Ngokomzekelo, ungasebenzisa iphazili, edityaniswe isiqwenga ngesiqwenga, ukufundisa ngokufumana “isityhilelo phezu kwesityhilelo, ulwazi phezu kolwazi” (IMfundiso neMinqophiso 42:61).
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
Umfundi ngumntu owamkela umthetho kaThixo aze awuthobele.
-
Ukunceda abantwana bakho bazi ukuba kuthetha ukuthini ukuba ngumfundi kaYesu Krestu, ungabhala IMfundiso neMinqophiso 41:5 kwisiqwenga sephepha, ushiya izikhewu apho igama elithi mfundi limele ukuba khona. Bona emveni koko banokujonga kuwo umqolo 5 igama elishiyiweyo. Ngokwa lo mqolo, kuthetha ukuthini ukuba ngumfundi kaYesu Krestu? Sizama njani ukuba ngabafundi abangcono bakaKrestu?
Ndiyonwaba xa ndithobela iNkosi.
-
Abantwana bakho banokukonwabela ukudlala umdlalo ofuna ukuba baphulaphule ngenyameko kwaye balandele imiyalelo. Ungasebenzisa lomdlalo ukuthetha ngokuba kuthetha ukuthini “ukuphulaphula kwaye umamele uze uthobele” iNkosi (IMfundiso neMinqophiso 42:2). Yeyiphi imiyalelo Yena asinike yona? Sisikelelwa njani ngokuthobela imithetho nemiyalelo yaKhe?
-
Unokugqiba iphepha lomsebenzi lale veki kunye nabantwana bakho. Cinga ngokwabelana omnye nomnye ngendlela ukuthobela imithetho kaThixo okukuzisele ngayo ulonwabo.
Ndikhonza uYesu Krestu xa ndikhonza abanye.
-
Emva kokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 42:38, nceda abantwana bakho bacinge ngeendlela abanokumkhonza ngazo uYesu ngokukhonza abanye.
2:18Pass It On
-
Ungabonisa abantwana bakho isiliphu sesiShumi neminye iMinikelo kwaye uthethe ngendlela yokusisebenzisa ukuze sinikele ngento esinayo ukuze sisikelele abanye.
Ngumprofeti kuphela onokufumana isityhilelo seBandla liphela.
-
Mema abantwana bakho ukuba babe nomfanekiso-ngqondweni ukuba kukho umntu ophakamayo kwintlanganiso yobungqina kwaye axelele iwadi ukuba ufumene isityhilelo seBandla liphela (ngokomzekelo, isityhilelo sokuba akufuneki siphinde sitye iminqathe okanye kufuneka sihlambe izandla zethu ngobisi endaweni yamanzi.) Uthi masimamele into ayithethayo endaweni yomprofeti. Inokuba ingayintoni ingxaki kuloo nto? Emva koko ningafunda IMfundiso neMinqophiso 43:1–7 kunye ukuze nifumanise ukuba iNkosi iyinika njani imiyalelo eBandleni laYo.
-
Ungaphinda kananjalo ubonise umfanekiso womprofeti ophilayo kwaye umeme abantwana bakho ukuba babelane ngento ayifundise kutsha nje. Ukuba bafuna uncedo, yabelana ngomboniso bhanya-bhanya okanye isicatshulwa esisuka kumyalezo wekomfa yajikelele yamva nje. Kutheni kuyintsikelelo ukuba nomprofeti ophilayo namhlanje?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.