Doctrine and Covenants 2025
EyoMnga 30–EyoMqungu 5: “UBuyiselo Oluthenjisiweyo Luya Phambili”: UBuyiselo lweNzaliseko yeVangeli kaYesu Krestu


“EyoMnga 30–EyoMqungu 5: ‘UBuyiselo Oluthenjisiweyo Luya Phambili’: UBuyiselo lweNzaliseko yeVangeli kaYesu Krestu,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“UBuyiselo lweNzaliseko yeVangeli kaYesu Krestu,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

ilanga liphuma esibhakabhakeni

EyoMnga 30–EyoMqungu 5: “UBuyiselo Oluthenjisiweyo Luya Phambili”

UBuyiselo lweNzaliseko yeVangeli kaYesu Krestu

Uwukhumbula njani unyaka wama-200 wesiganeko esatshintsha ihlabathi? Lowo ngumbuzo uBongameli bokuQala neKhoram yabaPostile abaLishumi elineSibini abawuphononongayo njengoko uTshazimpuzi ka-2020 wayesondela, ephawula iminyaka engama-200 ukususela kuMbono wokuQala kaJoseph Smith. ”Sasizibuza inoba kwakuza kwakhiwa ilitye lesikhumbuzo,” UMongameli uRussell M. Nelson wakhumbula. “Kodwa njengoko sasiqwalasela impembelelo eyodwa yembali nehlabathi jikelele yaloo Mbono wokuQala, saziva sichukumisekile ukuba senze ilitye lesikhumbuzo elingelilo ilitye lenyengane okanye ilitye kodwa elamagama … , lingakrolwa ‘kwiitafile zamatye’ kodwa endaweni yoko likrolwe ‘kwizitafile zenyama’ zeentliziyo zethu [2 KwabaseKorinte 3:3]” (“Mveni Yena,” Liyahona, UCanzibe 2020, 90).

Isikhumbuzo samagama abawenzileyo sinesihloko “UkuBuyiselwa kokuZaliseka kweVangeli kaYesu Krestu: ISibhengezo seMinyaka engaMakhulu Amabini kwiHlabathi.” Sisikhumbuzo hayi nje kuMbono wokuQala kodwa kananjalo nakuyo yonke into eyenziwe nguYesu Krestu—kwaye nasayenza—ukusukela ngoko. UBuyiselo lwevangeli yaKhe lwaqala xa umntu omnye waguqukela kuThixo kwaye wamva Yena. Kuqhubeka ngaloo ndlela ifanayo: intliziyo enye, amava angcwele ngexesha—kuquka nawakho.

umfanekiso wokufunda

Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni

“UThixo uyabathanda abantwana baKhe kuzo zonke izizwe zehlabathi.”

Ngoko luvo lwakho, kwakutheni ukuze isibhengezo malunga nokuBuyiselo luqale ngamazwi othando lukaThixo? Njengoko ufunda esi sibhengezo, khangela iimbonakaliso zothando lukaThixo “lwabantwana baKhe kuzo zonke izizwe zehlabathi.” Ingaba uBuyiselo lwevangeli ikuncede njani ukuze uve uthando lwaKhe?

Bona kananjalo Gerrit W. Gong, “All Nations, Kindreds, and Tongues,” Liyahona, Nov. 2020, 38–41.

UBuyiselo lwaqala ngempendulo kumbuzo.

Kunokuthiwa uMsindisi waqala uBuyiselo lwevangeli yaKhe ngokuphendula umbuzo. Ngowuphi umyalezo owuvayo Isibhengezo soBuyiselo onawo womntu onemibuzo ngoThixo, ivangeli, okanye “usindiso lomphefumlo [wakhe] ”? Usenokufunda kananjalo Imbali kaJoseph—Smith 1:5–20 ukuze ubone ukuba ungafunda ntoni na kuJoseph Smith malunga nokufumana iimpendulo kwimibuzo yevangeli.

umzobo kaJoseph Smith ejonge phezulu kwihlathi lemithi

Inkcukacha evela Iminqweno yeNtliziyo Yam, nguWalter Rane

umfanekiso weseminari
UYesu Krestu ulibuyisele iBandla laKhe.

Wazi ntoni “ngeBandla likaKrestu leTestamente eNtsha,” athe uMsindisi walibuyisela ngoJoseph Smith? Cinga ngokufunda ezi zibhalo kwaye wenze uluhlu lweempawu zeBandla laKhe:

  • Mateyu 16:15–19

  • UMarko 16:15–18

  • Luka 6:12–13

  • IZenzo 4:34–35

  • KwabaseKorinte I 15:29

  • Kwabase-Efese 4:11–15

Okulandelayo, ungangqamanisa izibhalo ezingentla nezingezantsi, ezichaza indlela uYesu Krestu azibuyisela ngayo ezo mpawu zeBandla laKhe ngoJoseph Smith:

Kutheni unombulelo woBuyiselo lwevangeli kaYesu Krestu?

Umdala uJeffrey R. Holland nomfazi wakhe bakhe bazama ukucinga ukuba babezakuziva njani ngokuphila phambi kokuba iBandla libuyiselwe. “Yintoni esinqwenela ukuba besinayo?” bona bazibuza. Funda ngamava abo kwi “A Perfect Brightness of Hope” (Liyahona, UCanzibe 2020, 81–82). UBuyiselo likuncede njani ukuzalisekisa amathemba akho omoya?

“UBuyiselo oluthenjisiweyo luya phambili.”

Ngaba ukhe wacinga ngawe njengenxalenye yoBuyiselo lwevangeli? Cinga la mazwi avela kuMongameli Dieter F. Uchtdorf: “Ngamanye amaxesha sicinga ngoBuyiselo lwevangeli njengento epheleleyo, esele isemva kwethu. … Ngokwenyani, iMbuyiselo yinkqubo eqhubekayo; sihlala kuyo ngoku” (“Are You Sleeping through the Restoration?,” Liyahona, UCanzibe 2014, 59).

Njengokuba ulungiselela ukufunda ukuba ivangeli yabuyiselwa njani ngoo-1800s, ungaqala ngokucingisisa ukuba yabuyiselwa njani na ebomini bakho. Funda Isibhengezo soBuyiselo ngemibuzo efana nale engqondweni: Ndiye ndazi njani ukuba oku kuyinyani? Ndithatha inxaxheba njani kuBuyiselo namhlanje?

“Amazulu avulekile.”

Lithetha ntoni kuwe ibinzana elithi “amazulu avulekile”? Bobuphi ubungqina obubonayo—kuso Isibhengezo soBuyiselo, eBandleni namhlanje, kwizibhalo, nasebomini bakho—okuba ngokwenene amazulu avulekile?

Bona kananjalo uQuentin L. Cook, “The Blessing of Continuing Revelation to Prophets and Personal Revelation to Guide Our Lives,” Liyahona, UCanzibe 2020, 96–100.

Fundani kunye. UMongameli Nelson wasimema ukuba “sifunde [isibhengezo soBuyiselo] bucala kunye namalungu osapho [lwethu] nabahlobo.” (“Mveni Yena,” 92). Cinga ngendlela onokubabandakanya ngayo abanye kufundo lwakho.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

icandelo labantwana umfanekiso 01

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

“Sivakalisa ngokundilisekileyo.”

  • Njengoko ufunda iinxalenye zaso Isibhengezo soBuyiselo kunye nabantwana bakho (okanye bukela umboniso bhanya bhanya kaMongameli Nelson esifunda), bancede bafumane izivakalisi eziqala ngamabinzana afana nala “siyavakalisa,” “siyabhengeza,” okanye “siyangqina.” Zeziphi iinyaniso abazivakalisayo abaprofeti nabapostile bethu? Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningabelana ngobungqina benu ngezinye zezi nyaniso ezifanayo.

    6:0

    The Restoration of the Fulness of the Gospel of Jesus Christ

“UJoseph Smith … wayenemibuzo.”

  • Kunganomdla ebantwaneni bakho ukuphonononga eminye yemibuzo uJoseph Smith awayenayo eyakhokelela kuBuyiselo lwevangeli yoMsindisi. Bancede bafumane imizekelo kuyo Imbali—kaJoseph Smith 1:10, 29, 68. Sisikelelwe njani namhlanje ngenxa yokuba uThixo wayiphendula imibuzo kaJoseph Smith?

  • Usenokunika kananjalo abantwana bakho ithuba lokuthetha ngemibuzo abanayo. Sifunda ntoni kuJoseph Smith malunga nokuba singazifumana njani iimpendulo? (bona Imbali—kaJoseph-Smith 1:8–17.

“Zeza izithunywa zezulu ukuyalela uJoseph.”

  • Yayizeziphi “izithunywasezulu [ezeza] ukuyalela uJoseph”? Abantwana bakho bangonwabela ukujonga imifanekiso yabo Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli (bona amanani 91, 93, 94, 95). Ngaba isithunywa ngasinye sanceda njani “ukuseka kwakhona iBandla likaYesu Krestu”? Izibhalo ezicetyisiweyo kule veki iphepha lomsebenzi zinokunceda abantwana bakho bawuphendule lo mbuzo.

The Prophet Joseph Smith sitting on his bed in the Smith farm house. Joseph has a patchwork quilt over his knees. He is looking up at the angel Moroni who has appeared before him. Moroni is depicted wearing a white robe. The painting depicts the event wherein the angel Moroni appeared to the Prophet Joseph Smith three times in the Prophet's bedroom during the night of September 21, 1823 to inform him of the existence and location of the gold plates, and to instruct him as to his responsibility concerning the plates.

UYesu Krestu ulibuyisele iBandla laKhe.

  • Ungabanceda njani abantwana bakho baqonde ukuba kuthetha ukuthini ukuba iBandla loMsindisi libuyiselwe? Mhlawumbi banokwakha inqaba elula ngeebhloko okanye iikomityi baze “babuyisele,” okanye bayakhe ngokutsha. Okanye, ukuba abantwana bakho bakhe batshintsha into ngenxa yokuba ilahlekile okanye yonakele, ungathelekisa loo mava noMsindisi ebuyisela iBandla laKhe. Bancede bafumane izinto ezithile ezikhankanywe kuso isibhengezo soBuyiselo ukuba uMsindisi wazibuyisela.

utata nabantwana bedlala ngeebhloko

“Amazulu avulekile.”

  • Ukubonisa intsingiselo yebinzana elithi “amazulu avulekile,” mhlawumbi unokuthetha nabantwana bakho ngomyalezo, okokuqala uvale ucango uze emva koko uluvule. Mavumele batshintshisane ngokwabelana ngomyalezo nabo. Yeyiphi imiyalezo uYesu Krestu anayo yethu? Ngawaphi amava aye asinceda sazi ukuba sivulelwe amazulu?

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.