Doctrine and Covenants 2025
Amazwi oBuyiselo: USapho lukaJoseph Smith


“Amazwi oBuyiselo: Usapho lukaJoseph Smith,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

“Usapho lukaJoseph Smith,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025

amazwi obuyiselo

Amazwi oBuyiselo

Usapho lukaJoseph Smith

Thina ngamnye sichaphazeleka ngokunzulu kubomi bethu bosapho, kwaye uJoseph Smith wayengohlukanga. Iinkolelo noqheliselo lonqulo lwabazali bakhe lwatyala imbewu yokholo eyenza uBuyiselo kwaba nokwenzeka. Ijenali kaJoseph ishicilela lo mnikelo: “Amagama nolwimi [ona] awonelanga ukuvakalisa umbulelo endiwutyala uThixo ngokuba endiphe abazali abahlonipheke ngoluhlobo.”

Ezi zicatshulwa zilandelayo ezivela kunina, uLucy Mack Smith; umntakwabo uWilliam Smith; kwaye uMprofeti ngokwakhe usinika ufifi kwimpembelelo yenkolo kwikhaya lakwaSmith.

umfanekiso wosapho lukaJoseph Smith Sr.

Joseph Smith Family [Usapho lukaJoseph Smith], nguDan Baxter

ULucy Mack Smith

A painting depicting Lucy Mack Smith, mother of Joseph Smith.

“[Malunga no 1802], ndandigula. … Ndazixelela, andikulungelanga ukufa kuba andizazi iindlela zikaKrestu, kwaye kwakubonakala kum ngokungathi kwakunomsantsa omnyama nobulolo phakathi kwam noKrestu endandingalingi nokuwunqumla. …

“Ndaye ndakhangela eNkosini ndayicenga ndiyibongoza iNkosi okokuba ibusindise ubomi bam ukuze ndikwazi ukukhulisa abantwana bam kwaye ndithuthuzele intliziyo yomyeni wam; ndalala ke ubusuku bonke. … Ndenza umnqophiso noThixo [wokuba] ukuba yena wayengandivumela ukuba ndiphile, ndandiya kwenza iinzame zokufumana loo nkolo eyakuthi indenze ukuba ndimkhonze ngokufanelekileyo, nokuba yayiseBhayibhileni okanye naphi na apho yayifumaneka khona, nokuba yayifunyanwa ezulwini ngomthandazo nangokholo. Ekugqibeleni ilizwi lathetha nam lathi, ‘Funa,uyofumana; nkqonkqozani, uyovulelwa. Intliziyo yakho mayithuthuzeleke. Uyakholwa kuThixo; kholwa nakum.’…

“Ukusukela ngeli xesha ukuya phambili ndaye ndafumana amandla ngokuqhubekekayo. Ndathetha kancinci ngombandela wenkolo nangona wawuthatha ingqondo yam ngokupheleleyo, kwaye ndacinga ukuba ndiya kwenza yonke inkuthalo kamsinya nje ndakuba ndikwazi ukukhangela umntu ohlonela uThixo ozaziyo iindlela zikaThixo aze andifundise izinto zaseZulwini.”

UWilliam Smith

Portrait of William Smith in latter years of his life.

“Umama wam, owayelibhinqa elihlonela uThixo kwaye enomdla omkhulu kwintlalontle yabantwana bakhe, ngokubini apha nakwelizayo, waye wasebenzisa zonke iinzame ezathi uthando lomzali lungazicebisa, ukusenza sibandakanyeke ekufuneleni imiphefumlo yethu usindiso, okanye (njengoko kwakusaziwa ngoko) ‘ekufumaneni inkolo.’ Woyisa phezu kwethu ukuba siye kwiintlanganiso, yaye phantse yonke intsapho yaba nomdla kulo mbandela, nababefuna inyaniso.”

“Sasisoloko sinemithandazo yosapho kusukela ekukhumbuleni kwam. Ndikhumbula kakuhle utata wayedla ngokuthwala iindondo zakhe kwipokotho yakhe yevesti, … kwaye thina makhwenkwe xa sasimbona ekhangela iindondo zakhe, sasisazi ukuba oko yayiluphawu lokulungiselela umthandazo, kwaye ukuba sasingaluqaphelanga umama waye athi, ‘William,’ okanye nokuba ngubani na owayenganakanga, ‘lungiselela umthandazo.’ Emveni komthandazo sasineculo esasilicula.”

incwadi evulekileyo yezibhalo

UJoseph Sr. noLucy Smith bafundisa usapho lwabo ukufunda izibhalo.

UJoseph Smith

One drawing in pencil, charcoal and ink on paper.  A left profile, head/shoulders portrait of Joseph Smith; drawn basically in charcoal, highlighted with white paint and black ink.  titled at bottom "Jospeh Smith the Prophet."  Signed at left shoulder "Drawn from the most authentic sources by Dan Weggeland"  A drawn border surrounds it.  No date apparent.

“Ngoku, ndiyatsho ukuba [utata wam] akazange enze senzo singcolileyo ekwakunokuthiwa sasingenasisa, ebomini bakhe, ngokolwazi lwam. Ndandimthanda ubawo kunye nenkumbulo yakhe; kwaye inkumbulo yezenzo zakhe ezibekekileyo, iphumle ngobunzima obunzima engqondweni yam; kwaye uninzi lwamazwi akhe obubele nawobuzali kum, abhalwe kwicwecwe lentliziyo yam. Okungcwele kum, ziingcinga endizixabisayo zembali yobomi bakhe, eyathi yahlala engqondweni yam kwaye yafakwa apho, ngokwengqwalasela yam kusukela ndazalwa. … Umama wam naye ngomnye wabandilisekekile, kwaye engogqwesileyo kubo bonke abafazi.”