“Izimvo zokuPhucula ukuFunda eKhaya naseBandleni,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“Izimvo zokuPhucula ukuFunda eKhaya naseBandleni,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Izimvo zokuPhucula ukuFunda eKhaya naseBandleni
Njengokuba ufunda ivangeli yoMsindisi ekhaya nasebandleni, cinga le mibuzo ilandelayo:
-
Ungawumema njani uMoya kwisifundo sakho?
-
Ungagxila njani kuMsindisi kwisifundo sakho?
-
Ungalisebenzisa njani ithuba lokufunda imihla ngemihla?
-
Ungawakhuthaza njani amalungu osapho neklasi ukuba azifundele izibhale kwaye abelane nabanye ngoko bakufundayo?
Nazi ezinye iindlela ezilula zokuphucula ukufunda kwakho ilizwi likaThixo.
Thandazela impembelelo
Izibhalo zililizwi likaThixo, ngoko ke mcele Yena akuncede ukuba uziqonde.
Khangela iinyaniso ezimalunga noYesu Krestu
Zonke izinto zingqina ngoKrestu (bona 2 Nifayi 11:4; Moses 6:63), ngoko ke cinga ngokuqaphela okanye uphawule imiqolo engqina ngoMsindisi, eyenza uthando lwakho lube nzulu kuYe, kwaye efundisa indlela yokumlandela Yena. Ngamanye amaxesha iinyaniso ngoMsindisi nevangeli yaKhe zichazwa ngokuthe ngqo, kwaye ngamanye amaxesha zichazwa ngomzekelo okanye ibali. Zibuze, “Zeziphi iinyaniso zanaphakade ezifundiswayo kule miqolo? Ezi nyaniso zindifundisa ntoni ngoMsindisi?”
Phulaphula kuMoya
Nika ingqalelo kwiingcinga neemvakalelo zakho, nokuba azinxulumelenanga noko ukufundayo. Ezi mvakalelo zingazizinto kanye uBawo waseZulwini afuna ukuba uzifunde.
Shicilela izimvo zakho
Zininzi iindlela zokubhala uchukumiso oluzayo njengoko ufunda. Ngokomzekelo, usenokufumanisa ukuba amagama namabinzana athile ezibhalo ayakuchukumisa; ungawaphawula kwaye ubhale iingcinga zakho njengenqaku kwizibhalo zakho. Ungagcina kananjalo ijenali yemihla ngemihla yeengqiqo, yokuva, neemvakalelo ozifumanayo.
Yabelana nabanye ngoko ukufundayo
Ukuxoxa iingqiqo ezisuka kufundo lwakho lobuqu yindlela elungileyo yokufundisa abanye, kwaye inceda ukomeleza ukuqonda kwakho ngako oko ukufundileyo. Yabelana ngoko ukufundayo namalungu osapho nabahlobo (ngobukho bomntu okanye ngokwedijithali), kwaye ubameme ukuba benze okufanayo.
Nxulumanisani izibhalo kubomi bakho
Cinga ukuba amabali neemfundiso ozifundayo asebenza njani ebomini bakho. Ngokomzekelo, usenokuzibuza, “Ngawaphi amava endiye ndawafumana afana nalento ndiyifundayo?”
Buza imibuzo njengoko ufunda
Njengoko ufunda izibhalo, imibuzo isenokufika engqondweni. Le mibuzo inganxulumelana noko ukufundayo okanye nobomi bakho jikelele. Cingisisa le mibuzo kwaye ukhangele iimpendulo njengoko uqhubekeka ukufunda izibhalo.
Sebenzisa uncedo lwezifundo
Ukuze uzuze iingqiqo ezongezelelweyo kwimiqolo oyifundayo, sebenzisa imibhalo esemazantsi, IsiKhokelo kwiZibhalo, nolunye uncedo lwezifundo.
Cinga umongo wezibhalo
Ungafumana iingqiqo ezinentsingiselo ngomhlathi wesibhalo njengoko ucinga ngokwemeko yawo, kuquka neemeko okanye imo osuka kuyo. Ngokomzekelo, ukwazi imvelaphi neenkolelo zabantu uThixo awathetha nabo kunganceda wena uqonde ngcono injongo yamazwi aKhe. Unokufunda malunga nabo ku Saints, Revelations in Context, izihloko zecandelo kwiMfundiso neMinqophiso, nezinye izixhobo.
Funda amazwi abaprofeti nabapostile bemihla yokugqibela
Funda oko abaprofeti nabapostile bemihla yokugqibela abayifundisileyo ngemigaqo oyifumana kwizibhalo.
Phila ngako oko ukufundayo
Ufundo lwezibhalo akumelanga ukuba lusiphembelele kuphela kodwa kumele kananjalo lusikhokele kutshintsho lwendlela esiphila ngayo. Mamela oko uMoya ukushukumisela ukuba ukwenze njengoko ufunda, kwaye emveni koko wenze ngokwezi mpembelelo.
Sebenzisa umculo
Iingoma ezicetyiswayo neengoma zabantwana zifumaneka kuyo yonke indawo Yizani, Nindilandele. Sebenzisa umculo ongcwalisekileyo ukumema uMoya kwaye wenze nzulu ukholo lwakho nobungqina beenyaniso zevangeli.
Nkqayani izibhalo
Khetha isiqendu sesibhalo esinentsingiselo kuwe, kusapho lwakho, okanye iklasi yakho, kwaye usinkqaye ngokusiphinda yonke imihla okanye ngokudlala umdlalo wokunkqaya.
Yabelana ngezifundo zezinto
Fumana izinto ezinxulumene nezahluko nemiqolo oyifundayo. Cinga indlela into nganye enxulumana ngayo neemfundiso kwizibhalo.
Zoba, fumana, okanye thatha umfanekiso
Funda imiqolo ezimbalwa, uze uzobe into ehambelana noko ukufundayo. Okanye unokukhangela umfanekiso kwiNcwadi Yomsebenzi woBugcisa beVangeli okanye kwindawo ethile kwiThala leVangeli. Usenokuthatha umfanekiso obonisa oko ukufundileyo.
Yenza umdlalo webali
Emveni kokufunda ibali, mema usapho okanye amalungu eklasi ukuba alilinganise. Emva koko, thetha ngendlela ibali elidibana ngayo nezinto ohlangabezana nazo.
Yiba nokuthamba ekhaya
Ukuba unamalungu osapho angafuni ukuthatha inxaxheba kufundo lwezibhalo zosapho, khangela ezinye iindlela zoku qhagamshelana nabo. Ngokomzekelo, ngaba unokwabelana ngenyaniso engunaphakade ngokwemvelo kwiincoko zakho okanye wabelane ngesibhalo esinentsingiselo ngendlela engabonakali ishumayela okanye igqithisela? Ufundo lwezibhalo aludingi ukuba kukhangeleke ngokufanayo kuzo zonke iintsapho. Abanye abantwana banokuphendula ngcono kufundo lwezibhalo lomnye ngamnye. Thandaza kwaye ulandele uchukumiso loMoya.
Iintlanganiso zebhunga lootitshala zabazali. Ukuba ungathanda uncedo olongezelelweyo kwiinzame zakho zokufundisa abantwana bakho, fumanisa ukuba iwadi yakho ibamba iintlanganiso zebhunga lootitshala zabazali (bona General Handbook, 17.5). Ezi ntlanganiso zilithuba labazali lokucebisana nokufunda kunye malunga nendlela yokuphucula ukufundisa kwabo. Bangaxoxa ngemigaqo eku Ukundisa ngeNdlela yoMsindisi, iizimvo ezi kula maphepha zokuphucula ufundo lwezibhalo zosapho, neengcebiso zokufunda nokufundisa ezifumaneka kuye wonke Yizani, Nindilandele.