“Ukusebenzisa Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“Ukusebenzisa Yizani, Nindilandele,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Ukusebenzisa Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla
Senzelwe Bani Esi siXhobo?
Esi sixhobo sesakhe nabani na ofuna ukufunda IMfundiso neMinqophiso—eyedwa, njengosapho, nasemagumbini okufundela eBandla. Ukuba ukhe awazifunda izibhalo rhoqo kwixesha elidlulileyo, esi sixhobo singakunceda uqalise. Ukuba sele unaso isimo esilungileyo sokufunda ivangeli, esi sixhobo singakunceda ubenamava anentsingiselo.
Abantu ngabanye neeNtsapho eKhaya
Eyona ndawo efanelekileyo yokufunda ivangeli kusekhaya. Iititshala zakho ebandleni zingakuxhasa, kwaye ungafumana inkuthazo kumanye amalungu ewadi. Kodwa ukuze siphile ngokwasemoyeni, ngamnye wethu udinga ukondliwa “ngelizwi elilungileyo likaThixo” (Moronayi 6:4).
Sebenzisa esi sixhobo nangayiphi na indlela esiluncedo kuwe. Ulwandlalo lugqamisa imigaqo ebalulekileyo efumaneka kwiMfundiso neMinqophiso. Zona kananjalo zicebisa ngezimvo nemisebenzi yokukunceda ufunde izibhalo uwedwa, kunye namalungu osapho, okanye nabahlobo. Njengoko ufunda, landela isikhokelo soMoya ukufumana iinyaniso zanaphakade ezinentsingiselo kuwe. Khangela imiyalezo kaThixo kuwe, kwaye ulandele iimpembelelo ozifumanayo.
Iititshala naBafundi eBandleni
Ukuba ufundisa iklasi yePrayimari, ulutsha okanye Isikolo sangeCawe, iqumrhu lobuBingeleli buka-Aron, okanye iklasi yaMantombazane Aselula, uyakhuthazwa ukuba usebenzise ulwandlalo kwesi sixhobo njengoko ulungiselela ukufundisa. Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla yikharikyulam yeklasi yakho yangeCawe. Izimvo zokufunda kwesi sixhobo ziyilelwe ukufunda ekhaya nasecaweni. Njengoko ulungiselela ukufundisa, qalisa ngokuba nawakho amava kwizibhalo. Olona lungiselelo lubalulekileyo luyakwenzeka njengoko uphendla izibhalo kwaye ufuna impembelelo yobuqu kuMoya oyiNgcwele. Ungafunda kananjalo neentswelo zabantu obafundisayo engqondweni. Khangela iinyaniso zanaphakade. Yizani, Nindilandele angakunceda ukuba uchonge ezinye zezi nyaniso kwaye ufunde indlela izibhalo ezinokusetyenziswa ngayo kubomi bakho.
Uze ukhumbule ukuba ukufunda ivangeli, ngokukuko, kusekelwe ekhaya kuxhaswa liBandla. Ngamanye amazwi, olona xanduva lwakho kukuxhasa abantu obafundisayo kwimigudu yabo yokufunda kwaye bayiphile ivangeli ekhaya. Ungazikhathazi ngokuba nomxholo owahlukileyo wokubabonelela eklasini. Endaweni yoko, banike amathuba okwabelana ngamava wabo, iingcinga, nemibuzo malunga nezicatshulwa zesibhalo baye bazifunda ekhaya. Bameme ukuba babelane ngeenyaniso zanaphakade abazifumeneyo. Oku kubalulekile ngaphezu kokugqiba umyinge othile wento enokwenziwa.
Iiklasi zolutsha nezeSikolo sangeCawe Sabadala
Isizathu esinye esingundoqo sokuhlangana kwiiklasi zesikolo sangeCawe kukuba sixhasane kwaye sikhuthazane omnye nomnye njengoko sizama ukwazi nokulandela uYesu Krestu. Indlela elula yokwenza oku kukubuza umbuzo onje “Yintoni oyifundiswe nguMoya oyiNgcwele kule veki njengoko ufunde izibhalo kunye no Yizani, Nindilandele?” Iimpendulo kulo mbuzo zingakhokelela kwiingxoxo ezinentsingiselo ezakha ukholo kuYesu Krestu nevangeli yaKhe.
Emva koko ungamema ingxoxo esekelwe kwiingcebiso zokufunda ku Yizani, Nindilandele. Ngokomzekelo, imbono yokufunda ingacebisa ukuphendla IMfundiso neMinqophiso 19:15–20, ukhangela indlela uMsindisi awachaza ngayo ukubandezeleka kwaKhe. Ungacela amalungu eklasi ukuba abelane ngendlela abaziva ngayo njengoko befunda inkcazo yaKhe kwaye bathethe ngokuba oku kuyichaphazela njani indlela abacinga ngayo ngaYe. Okanye ningachitha ixesha nifunda le miqolo njenge klasi.
AmaQumrhu obuBingeleli buka-Aron neeKlasi zamaNtombazana Aselula
Xa amaQumrhu obuBingeleli buka-Aron neeKlasi zamaNtombazana Aselula ehlangana ngeeCawe, injongo yabo yahluke ngandlel’ ithile kwiklasi yeSikolo seCawe. Ukongeza ekuncediseni omnye nomnye ngokufunda ivangeli kaYesu Krestu, la maqela kananjalo ayahlangana ukucebisana ngokuphumelelisa umsebenzi wosindiso nokuphakanyiswa (bona General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, 1.2), njengoko kukhokelwa yiklasi yabo okanye ubongameli bequmrhu.
Ngenxa yesi sizathu, iqumrhu ngalinye okanye intlanganiso yeklasi kufanele iqale ngelungu lequmrhu okanye ubongameli beklasi bukhokela ingxoxo ngeenzame zabo. Ngokomzekelo, banokucebisana kunye ngeenzame zabo zokuphila ivangeli, balungiselele kubantu abasweleyo, babelane ngevangeli, okanye bathabathe inxaxheba kwitempile nomsebenzi wembali yosapho.
Emva kweli xesha lokucebisana kunye, umyaleli ukhokela iklasi okanye iqumrhu ekufundeni ivangeli kunye. Iinkokeli ezindala okanye amalungu eklasi okanye iqumrhu bangabelwa ukuba bafundise. Iklasi okanye ubongameli bequmrhu, bubonisana neenkokeli ezindala, zenza olu lwabiwo.
Abantu ababelwe ukufundisa kufuneka balungiselele ngokusebenzisa amacebiso okufunda kulwandlalo lweveki ku Yizani, Nindilandele. Kulwandlalo ngalunye, olu phawu lubonisa umsebenzi ophathelele ncakasana kulutsha kwaye ohambelana noko bakufunda kwiseminari. Nangona kunjalo, nawaphi na amacebiso akulwandlalo angasetyenziswa njengomsebenzi wokufunda wolutsha.
Isampulu ye-ajenda yentlanganiso yequmrhu okanye iklasi, bona isihlomelo D.
IPrayimari
Ulungiselelo lwakho lokufundisa iPrayimari luqalisa njengoko uzifundela izibhalobuqu nosapho lwakho. Njengoko usenza, vuleleka kwiimvakalelo neengqiqo ezivela kuMoya oyiNgcwele malunga nabantwana kwiklasi yakho yasePrayimari. Yiba nomthandazo. UMoya unokuphembelela ngezimvo zokubanceda bafunde ivangeli kaYesu Krestu.
Njengoko ulungiselela ukufundisa, ungafumana impembelelo eyongezelelweyo ngokuhlola izimvo zokufundisa kwesi sixhobo. Ulwandlalo ngalunye ku Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla lunecandelo elibizwa “Iingcebiso zokuFundisa Abantwana.” Cinga ngezi zimvo njengamacebiso okubanga eyakho impembelelo. Uyabazi abantwana kwiklasi yakho yePrayimari—kwaye uyakubazi kangcono ngokuya unxibelelana nabo. UThixo naye uyabazi, kwaye Yena uyakuphembelela wena ngendlela ezigqibeleleyo zokubafundisa nokubasikelela.
Abantwana kwiklasi yakho kusenokwenzeka sele beyenzile eminye yale misebenzi ku Yizani Nindilandele kunye neentsapho zabo. Kulungile. Ukuphindaphinda kulungile. Cinga ngokumema abantwana ukuba babelane omnye nomnye ngoko bakufunde ekhaya. Kufuneka kananjalo ucwangcise iindlela abantwana abangathatha inxaxheba ngayo nokuba abafundi ekhaya. Abantwana bafunda iinyaniso zevangeli ngempumelelo xa ezi nyaniso ziphindaphindwa kwimisebenzi eyahlukeneyo. Ukuba ufumanisa ukuba umsebenzi wokufunda uyasebenza ebantwaneni, cinga ukuwuphinda, ngakumbi ukuba ufundisa abantwana abancinane.
Ngeenyanga ezineeCawe ezintlanu, ootitshala bePrayimari bayakhuthazwa ukuba batshintshe ulwandlalo olucwangcisiweyo luka Yizani, Nindilandele ngeCawe yesihlanu ngomnye okanye ngaphezulu yale misebenzi yokufunda ku “Isihlomelo B: EyaBantwana—Preparing Children for a Lifetime on God’s Covenant Path[Ukulungiselela Abantwana Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo]