UMyalezo Wobongameli BokuQala, EyeDwarha 2017
Ukuba Ngabafundi bokweNyani
Kuzo zonke iintlanganiso zomthendeleko, sinethuba lokuthembisa uBawo Osezulwini ukuba sizohlala sikhumbula uMsindisi kwaye sigcine imithetho yakhe ukuze sibenoMoya Oyingcwele nathi.(Bona Moronayi 4:3; 5:2; Imfundiso nemiNqophiso 20:77, 79). Ukumkhumbula kuzozizela ngokwemvelo kuthi xa sithabathela igama lakhe kuthi. Senza njalo ngeendlela ezininzi kodwa ngakumbi xa sinceda abanye ngegama lakhe, sifunde ilizwi lakhe elingcwele, kwaye sithandaze ukuze siyazi ukuba ufuna senze ntoni.
Yenzeka kum ngexesha ndibhaptiza indodana encinci. Ndandiyazi ukuba ndandibiziwe sisicaka soMsindisi esasimiselwe, njengombingeleli wevangeli Yakhe kwaye ndingqine ngaye kwaye nange Cawa yakhe yenyani. Umlingane wam ongumbingeleli kunye nam sathembisa lendondana incinci ukuba wayezakuhlanjwa ngamandla esicamagushelo sikaYesu Krestu ngokuguquka ngokholo kuMsindisi kwaye abhaptizwe sisicaka sakhe esinegunya.
Xa ndiphakamisa lendodana incinci ngaphandle emanzini obhaptizo, yahlebeza endlebeni yam, “Ndicocekile, Ndicocekile.” Ngelathuba, Ndakhumbula ubhaptizo loMsindisi nguYohane obhaptizayo kumlambo waseYordane. Ikakhulu, ndakhumbula ukuba ndandisenza umsebenzi osindisayo wovukileyo nophilayo uMsindisi—ofikelwe nguMoya Oyingcwele, njengoko uYohane wayesenza.
Kum nakuthi sonke, ukukhumbula uMsindisi ingangaphezulu kunokuthembela kwinkumbulo yolwazi lwethu namava ethu Naye. Singenza izigqibo rhoqo ngemihla ezisisondezela kuYe ngoku.
Esona silula isigqibo ingakufunda izibhalo ezingcwele. Ngokwenza njalo, singafumana imizwa yokusondela kuye. Kum, ukusondela kuza ngakumbi xa ndifunda kwiNcwadi KaMormoni. Kweyokuqala imizuzu xa ndifunda kwizahluko zika 2 Nifayi, Ndiva engqondweni yam ilizwi lika Nifayi kunye noLihayi becacisa ngoMsindisi ngokungathi babemazi ubuqu. Umzwa yokusondela iyafika.
Kuwe, ezinye indawo kwizibhalo ezingcwele zingakusondeza ngakumbi Kuye. Kodwa nobakuphi kwaye nobakunini, ufunda ilizwi likaThixo, ngokuthobekileyo neenjongo zokwenyani ukukhumbula uMsindisi, uzokunyusa umqweno wokuthabathela igama lakhe kuwe kubomi bakho bemihla ngemihla.
Lomqweno uzoyitshintsha indlela okhonza ngayo eCaweni yeNkosi. Uzokuthandaza kuBawo oSezulwini ngoncedo ekukwenzeni banzi, noko kubonakala kuncinci elubizweni lwakho. Oluncedo uzokulucela kukukwazi ukuzilibala kwaye ujonge kakhulu koko kufunwa nguMsindisi kwabo ubizelwe ukubanceda.
Ndisivile isandla sakhe nokusondela kwakhe ekukhonzeni kwam nabantwana bam ngexesha ndithandazela ukwazi indlela yokubanceda bafumane oluxolo luziswa yivangeli kuphela. Ngamaxesha anjalo, ndandikhathala kancinci ngokubonwa njengo mzali ophumeleleyo, kodwa ndandikhala nzulu ngempumelelo nentlalo-ntle yabantwana bam.
Lomnqweno wokunikela kwabo sibancedayo oko uMsindisi ebezobanika kona kukhokelela kwimithandazo ecengayo kuBawo Osezulwini, ngokunyanisekileyo ngegama likaYesu Krestu. Xa sithandaza ngalondlela—ngegama loMsindisi, ngokholo Kuye—uBawo uyaphendula. Uthumela uMoya Oyingcwele usikhokele, usithuthuzele kwaye asikhuthaze. Kuba uMoya Oyingcwele engqina ngoMsindisi (Bona 3 Nifayi 11:32, 36; 28: 11; Etere 12:41); amandla wethu okuthanda iNkosi ngayo yonke intliziyo, ingqondo kunye namandla ayonyuka. (Bona Marko 12:30; Luka 10:27; D&C 59:5).
Iintsikelelo zokukhumbula rhoqo kwaye ngoku zizoza kancinci kwaye xa simkhonza, ezwini Lakhe, kwaye sithandaze ngokholo kwigama lakhe. Oku ukukhumbula kuzosimilisa ukuba sibengabafundi bokwenyani beNkosi uYesu Krestu bukukumkani bakhe apha kulo umhlaba—nakwilixa elizayo noBawo Wakhe kwilizwe elinobukumkani elizayo.
© 2017 ngo Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Ishicilelwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/17. Isivumelo Senguqulelo: 6/17. Inguqulelo yawo First Presidency Message, October 2017. Xhosa. 97930 774