Ulutsha
UkuKhumbula iNkosi iMihla ngeMihla
Izihlobo, imisebenzi, umsebenzi wasekhaya, iTV—zininzi izinto ezicela ubukho bethu. Kodwa rhoqo ngeveki, “sithembisa uBawo Osezulwini” (D&C 20:79).
uMongameli Eyring uthi ukuba singanako “ukwenza izigqibo rhoqo ngemihla” esinceda sikhumbule uMsindisi. Cingisisa ukwenza injongo kulenyanga yokukhumbula uMsindisi ngakumbi rhoqo ngemihla. Ungenza ikhalenda kwaye uzinikele kwinto enye ngemini ukwakha ubudlelwano Naye. Umongameli Eyring uquka izinto ezifana nokufunda izibhalo ezingcwele, ukuthandaza ngokholo, nokukhonza uMsindisi nabanye. Kukho nokugcina imbali, ukuya kwiintlanganiso zeCawa, ukumamela inkomfa jikelele, ukuya etempileni, ukucula amaculo—zininzi izinto ezinokuqukwa! Njengokuba sikhumbula uMsindisi rhoqo, uMongameli Eyring uthembisa ukuba “intsikeleleo … Zizoza kancinci … [Kwaye] zizosenza ukuba sibengabafundi bokwenyani beNkosi uYesu Krestu.”