UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyeDwarha 2017
Ukungqunga ngoThando abo balahlekayo
Ngokuthandaza funda ezi zinto kwaye ucele impembelelo yokukwazi into yokwabelana. Ingaba ukuqonda injongo yeQumrhu Lamanina ingazilungiselela njani iintsikelelo zobomi banaphakade iintombi zikaThixo?
Ukholo Usapho Uncedo
“Inyaniso yeyokuba azikho intsapho ezigqibeleleyo,” utsho uMongameli Dieter F. Uchtdorf, uMcebisi Wesibini kuBongameli BokuQala. “Nokuba zeziphi ingxaki usapho lwakho elujongene nazo, nokuba wenza ntoni ukuzisombulula, isiqalo nesiphelo sesisombululo luthando, uthando olumsulwa lukaKrestu.”1
Kwabo bangathathi nxaxheba kwaphela kwivangeli, uLinda K. Burton, osuka ubanguMongameli jikelele Wequmrhu Lamanina, uthi: “uBawo Osezulwini ubathanda bonke abantwana bakhe. … Nokuba baphi—phakathi okanye ngaphandle endleleni—Ubafuna bonke babuye ekhaya.” 2
“Nokuba balahleke [abantwana bakho] kangakanani, …xa uthetha nabo, sukuyenza ngomsindo, sukuyenza ngokukhohlakala, ngomoya ogwebayo,” wafundisa uMongameli Joseph F. Smith (1838–1918). “Thetha nabo ngobubele.”3
Umdala Brent H. Nielson wabalishumi elinesixhenxe waphinda umyalelo woMsindisi kwabo banedrarhima ezilishumi baze balahlekelwe yenye: “Khangela de uyifumane. Xa lena ilahlekileyo ngunyana wakho okanye intombi yakho, umntakwenu okanye udade wenu, … emveni konke esinokwenza, simthanda lamntu ngentliziyo yethu yonke …
Inga mna nawe singa fumana isityhilelo sokwazi eyona ndlela yokuza kwabo basebomini bethu balahlekileyo kwaye, xa kufanelekile, sibenomonde kwaye nothando lukaBawo wethu Osezulwini noNyana Wakhe, njengokuba sithanda, sijongile, silindele owolahleko.”4
UMongameli Henry B. Eyring, uMcebisi woKuqala kubuMongameli bokuQala seCawa, wathi: “Sendakhe ndathandaza ngokholo ukuba umntu ondimthandayo angakhangela kwaye ave amandla esicamagushelo. Sendakhe ndathandaza ngokholo ukuba iingelosi ezingabantu bangeza bazokubanceda, kwaye beza.
“UThixo wenze indlela yokuhlangula bonke abantwana bakhe”5
IziBhalo Ezongezelelweyo kunye nenkcukacha
Mateyu 18:12; Alma 31:35; 3 Nifayi 13:32; D&C 121:41-42
© 2017 ngo Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Ishicilelwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/17. Isivumelo Senguqulelo: 6/17. Inguqulelo yawo Visiting Teaching Message, October 2017. Xhosa. 97930 774