2017
Olilungisa uyakuphila ngokholo
uTshazimpuzi 2017


UMyalezo wobuMongameli Bokuqala, Tshazimpunzi 2017

Olilungisa uyakuphila ngokholo

URabhi noMenzi weSepha

Kukho ibali elidala lamaYuda ngomenzi wesepha owayengakholelwa kuThixo. Ngenye imini esahamba noRabhi, wathi, “Kukho into endingayiqondiyo. Thina sibenayo inkolo amawaka eminyaka, Kodwa kwindawo yonke ojonga kuyo kukho ukungcola, urhwaphilizo, ukunganyaniseki, ukungabi nobulungisa, intlungu, ukulamba, kunye nodlame. Kuyacaca ukuba ukholo aluliphuculanga ilizwe kwaphela. Ngoko ndiyabuza, ilungele ntoni?

URabhi azange aphendule okwethutyana kodwa waqhubekeka ukuhamba nomenzisepha. Ekugqibeleni basondela kwibala apho abantwana ababenomhlaba, babedlala ebumdakeni.

“Kukho into endingayiqondiyo,” watsho uRabhi. “Jonga ababantwana. Sineminyaka engamawaka sinesepha, kodwa ababantwana bamdaka. Ilungele ntoni isepha?

Umenzi wesepha waphendula, “Kodwa Rabhi, ayilunganga into yokutyhola isepha ngababantwana bamdaka. Isepha kufuneka isetyenziswe ukuze yenze umsebenzi wayo.”

URabhi wancuma kwaye wathi, “Nqo”.

Siyakuphila Njani?

UmPostile uPawulosi, ecaphula kumprofeti weTestamente Endala, washwankathela ukuba kuthetha ntoni ukuba likholwa xa wayebhala, “Olilungisa ke uya kudla ubomi ngokokholo.” (Kwabaseroma 1:17).

Umhlawumbi siyawuqonda umahluko phakathi kokholo olubuthathaka kwaye olungasebenziyo kunye nolunamandla okutshintsha ubomi.

Kodwa ukuze siqonde ukuba kuthetha ntoni ukuphila ngokholo, kufuneka siqonde ukuba ukholo yintoni na.

Ukholo lukhulu kunenkolelo. Lithemba elipheleleyo kuThixo elihamba nesenzo.

Lukhulu kunokunqwena.

Lukhulu kunokuhlala emva, singqina ngentloko, kwaye sisithi siyavuma. Xa sisithi “Olilungisa ke uya kudla ubomi ngokokholo,” sithetha ukuba sikhokelwa kwaye siqhutywa lukholo lwethu. Thina senza ngendlela ehambelana nokholo lwethu—singenzi ngendlela ebonisa intobeko engenankathalo kodwa ngethemba nothando olunyanisekileyo lukaThixo nobulumko obungenakubekwa xabiso athe wasityhilela bona.

Ukholo kufuneka luhambe nesenzo; okanye alunabomi (Yakobi 2:17). Ayilukholo kwaphela. Alunawo namandla okuguqula namnye umntu, ingakumbi ilizwe.

Amadoda namakhosikazi okholo athemba kuBawo oseZulwini onemfesane—nakumaxesha okungaqiniseki, nakuwo amaxesha okuthandabuza nenkxwaleko, xa engaboni ngokugqibeleleyo okanye engaqondi ngokucacileyo.

Amadoda namakhosikazi okholo ayihamba ngokunyanisekileyo indlela yobudesipile kwaye azama ukulandela umzekelo woMsindisi oyintanda, uYesu Krestu. Ukholo luyakhuthaza kwaye, ngokuqinisekileyo, lusiphembelela ukuba sikekelisele iintliziyo zethu ezulwini kwaye sivuselele ngokudlamkileyo, siphakamise, kwaye sisikelele abantu.

Inkolo ngaphandle kokwenza ifana nesepha esebhokisini. Inganawo amandla angummangaliso, kodwa eneneni inamandla amancinci ukwenza umahluko de yenze umsebenzi eyenzelwe wona. Ivangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu yivangeli yokwenza. Inkonzo kaYesu Krestu ifundisa inkolo eyinyani njengomyalezo wethemba, ukholo kunye nothando, kuquka nokunceda abanye ngendlela zomoya nezenyama.

Kwinyanga ezimbalwa ezidlulileyo, unkosikazi wam, uHarriet, nam besinohambo losapho nabanye babantwana bethu Kwisithili seMediterra. Sityelele iindawo zamahlwempu kwaye sadibana neentsapho ezisuka kumazwe anemfazwe. Ababantu babe ngengabo abenkolo yethu kodwa babe ngabantakwethu kunye noodade bethu kwaye bedinga uncedo ngokungxamsekileyo. Intliziyo zethu zazichukumisekile kakhulu ukuzibonela ngokwethu indlela ukholo lwamalungu eBandla lethu luzisa uncedo, inkululeko, nethemba kwabanye abantu abasweleyo, kungakhathaliseki inkolo yabo, ilizwe okanye imfundo .

Ukholo olubotshwe kwiidyokhwe nezenzo ezingapheziyo luzalisa intliziyo ngobubele, ingqondo ngobulumko nokuqiqa, kunye nomphefumlo ngoxolo nothando.

Ukholo lwethu lunga sikelela kwaye luphembelele ngobulungisa abo basingqongileyo kunye kwa nathi.

Ukholo lwethu lungazalisa ilizwe ngobulungisa noxolo.

Ukholo lwethu lungatshintsha intliziyo ibeluthando kunye neentshaba zibe ngabahlobo.

Abalungileyo, ke, baphila ngokwenza ngokholo; bona baphila ngokuthembela kuThixo nokuhamba kwindlela yaKhe.

Kwaye lolo ukholo olunako ukutshintsha abantu, iintsapho, amazwe kunye nehlabathi.