UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Tshazimpunzi 2017
Isifungo noMnqophiso wobuBingeleli
Funda ngokuthandaza ezizinto kwaye uphande impembelelo yokuba yintoni na onokuyaba Ukuqonda ngomsebenzi woMbutho waManina kungazilungiselela njani iintombi zikaThixo ukufumana iintsikelelo zobomi obungunaphakade?
Ukholo, Usapho, Uncedo
Xa thina njengoodade siqonda ngokungakumbi ukuba isifungo nomnqophiso wobubingeleli senzelwe thina kungona sizokwamkela iintsikelelo nezithembiso zobubingeleli.
Umdala M. Russell Ballard weQumrhu labaPostile abalishumi elinesibini wathi, “Bonke abenze iminqophiso engcwele neNkosi kwaye abayigcinayo lominqophiso balungele ukufumana isityhilelo ngeziqu zabo, ukusikelelwa ziingelosi, ukuthetha noThixo, ukufumana ivangeli ngokupheleleyo, kwaye, ekugqibeleni, ukuba zindlalifa noYesu Krestu zako konke oko uBawo anako.”1
Iintsikelelo nezithembiso zesifungo nomnqophiso wobubingeleli zezamadoda nawo amanina. Udade uSheri L. Dew, owaye ngumcebisi kubuMongameli Jikelele boMbutho Wamanina wathi, “Kona ukuphelela kobubingeleli okuqulathwe kweyona iphezulu imimiselo yendlu yeNkosi kukwazi ukufunyanwa kuphela yindoda kunye nomfazi bekunye.2
Udade uLinda K. Burton, uMongameli Jikelele woMbutho Wamanina, wagqithisa olubizo, “Ndinimema ukuba nazi ngentloko isifungo nomnqophiso wobubingeli, ofumaneka kuyo iMfundiso neMinqophiso 84:33–44. Ngokwenza njalo, ndiyathembisa ukuba uMoya oyiNgcwele uzokwenza banzi ukukuqonda kwakho ububingeleli kwaye ukukhuthaze ukuphakamise ngeendlela ezimndandi.”3
Iimfundiso zikaJoseph Smith kuMbutho Wamanina zazenzelwe ukulungiselela amakhosikazi ukuze “aze ubunini kumalungelo akhethekileyo & kwintsikelelo & neziphiwo zobubingeleli.” Oko kungenziwa ngemimiselo yetempile.
“Imimiselo yetempile yimimiselo yobubingeleli, kodwa ayiniki sikhundla yezentshumayelo kumadoda namakhosikazi. Lemimiselo izalisekisa isithembiso seNkosi sokuba abantu bakhe—amakhosikazi namadoda—anganako u‘kuphiwa amandla avela phezulu’ [IMfundiso & neMinqophiso 38:32].”4
IziBhalo Ezongezelelweyo
iMfundiso neMinqophiso 84:19–40, 10 121:45; reliefsociety.lds.org
© 2017 ngoIntellectual Reserve, Inc Onke amalungelo agciniwe Ishicilelwe eUSA. Isivumelo SesiNgesi: 6/16 Isivumelo Senguqulelo: 6/16 Inguqulelo yawo Visiting Teaching Message, April 2017. Xhosa 97924 774