Ulutsha
UbuCaka kwabanye ngoKholo
Mongameli Uchtdorf usixelela ukuba ukholo kuThixo kufuneka “luhambe nesenzo.” Xa ukholo lwethu “lubotshwe kwidyokhwe ngedyokhwe eqhubekekayo,” uyacacisa, lona “luzalisa … Umphefumlo ngoxolo kunye nothando.” Ngesithembiso salentsikelelo, thina singakwazi ukwenza umahluko, kwaye singakubona oku ebomini bethu ukuba singathabatha ixesha lokwenza ukukhonza okuzaliswe lukholo ubucaka. Wena ungathandaza rhoqo ekuseni ukuze ucele iNkosi ngoncedo ekuncedeni abanye. Umzekelo, Mcele Yena akubonise xa omnye wabantwana bakowenu edinga uncedo kumsebenzi wasekhayeni okanye umhlobo edinga isincomo. Xa, ufumana impembelelo, yenze! Ukuba wenza lemithandazo nokukukhonza inxalenye yobomi bakho, esinyanisekileyo, esingapheziyo isenzo sakho sizakusikelela ubomi bakho nobomi babanye. UMongameli Uchtdorf uthembisa ukuba wena “ungatshintsha abantu, iintsapho, amazwe kunye nehlabathi.”