2017
ukuthemba
uTshazimpuzi 2017


Abantwana

ukuthemba

Zama lomdlalo nomhlobo. Kuzakufuneka uthembe kwaye ulandele imiyalelo yakhe kakuhle.

Fumana iphepha kwaye uzobe isangqa esimele ubuso nobuso. Ngepen okanye ipensile esandleni, vala amehlo akho. Yeka umhlobo wakho akuxelele apho mawuzobe amehlo, impumlo, umlomo, kunye nenwele kobubuso. Emveni koko ujonge. Uphume njani? Ungafaka imibala kobubuso kwaye uzobe obunye ukuze udlale kwakhona!

Ngamanye amaxesha kunzima ukulandela imiyalelo. Kodwa xa sizama ukulandela uBawo seZulwini ngokumamela uMoya oyiNgcwele, Yena uzakusinceda. Thina singahlala simthembile Yena.