UMyalezo woBongameli Bokuqala, EyoKwindla 2017
Ukuxhotyiswa Ngobulungisa
Umprofethi kaThixo emhlabeni, uMongameli Thomas S. Monson, uye wavakalisa, “Namhlanje, sirhangqwe luluhlu olukhulu lwesono, nolwempatho embi, kunye nolobubi olwakhe lwahlanganiswa phambili kwamahlo wethu.” 1
Ingaba ubungamangaliswa kukufunda ukuba uMongameli Monson wawatsho loo mazwi kangangeminyaka engama 50 eyadlulayo? Ukuba sasirhangqwe luluhlu lobubi olwalungaziwa ngaphambili ngoko, ingaba ububi busigrogrisa kangakanani namhlanje? Ngesizathu esilungileyo, iNkosi yaye yabhengeza ngeli xesha lethu, “Yabonani, utshaba luhlangene” (Imfundiso Neminqophiso 38: 12).
Imfazwe “esibhaliswe kuyo sonke”2 yaqala ngaphambili kokuba sizalwe emhlabeni. Yona yaqala nkqu ngaphambili kokuba umhlaba wadalwa. Yaqala kumawaka-waka weminyaka emininzi eyagqithayo kwilizwe langaphambili, apho uSathana waye wavukela kwaye “wayefuna ukutshabalalisa inkululeko yokukhetha yomntu ”(Mosisi 4:3)
USathana waye wohluleka kuloomfazwe kwaye “waphoswa phantsi emhlabeni” (Isityhilelo 12:9), apho aqhubekela nemfazwe yakhe namhlanje. Apha emhlabeni “yena wenza imfazwe nabangcwele bakaThixo, kwaye uyabarhangqa” (Imfundiso Neminqophiso 76:29) ngobuxoki, ngamaqhinga, kunye nangezihendo.
Yena ulwisa nabaprofethi kunye nabapostile. Ulwisa umthetho wobunyulu kunye nobungcwalisa bomtshato. Yena ulwisa usapho kunye netempile. Yena ulwisa into elungileyo, engcwele, kunye nengcwalisiweyo.
Ingaba silulwisa kanjani utshaba olunjena? Ingaba silwa kanjani nobubi obubonakala bugubungele ihlabathi lethu? Yintoni isixhobo sethu? Ngoobani abethu esisebenzisana nabo?
Amandla WeMvana
UMprofethi Joseph Smith wafundisa okokuba uSathana ubanamandla phezu kwethu kuphela ukufikelela kwinqanaba esithi simvumele lona. 3
Ebona umhla wethu, uNifayi “wabona igunya leMvana kaThixo, okokuba lehla phezu kwabangcwele bebandla leMvana, kwaye naphezu kwabantu bomnqophiso beNkosi, ababesasazwe phezu kwabo bonke ubuso bomhlaba; babexhotyiswe ngobulungisa kwanegunya likaThixo ngobuqaqawuli obukhulu” (1 Nifayi 14:14; ugxininiso longezelelwe).
Ingaba sizixhobisa kanjani ngobulungisa nangamandla? Sigcina umhla weSabatha ngcwele kwaye sizukise ububingeleli. Senza kwaye sigcina iminqophiso engcwele, sisebenza kwimbali yethu yosapho, kwaye sizimase itempile. Siyazama ngokuqhubekayo ukuguquka kwaye siyangxengxeza neNkosi ukuba “isebenzise igazi elihlawulelayo likaKrestu ukuze sifumane uxolelo lwezono zethu” (Mozaya 4:2). Siyathandaza kwaye siyanceda kwaye siyangqina kwaye sisebenzise ukholo kuYesu Krestu.
Sizixhobisa futhi ngobulungisa kunye nangamandla njengoko “sigcinela ezingqondweni [zethu] ngokuqhubekayo amazwi wobomi” (Imfundiso Neminqophiso 84:85). Sigcina loo mazwi ngokuzintywilisela kwizibhalo ezingcwele kunye nakumazwi wezicaka zeNkosi ezikhethiweyo, eziyakuthi zabelane ngentando yaYo, nangengqondo, kunye nangelizwi laYo (bona Imfundiso Neminqophiso 68:4) kwinkomfa yajikelele kwinyanga elandelayo.
Kwimfazwe yethu echasene nobubi, kufuneka sisoloko sikhumbula ukuba sinalo uncedo olusuka kumacala omabini esigqubuthelo. Abasebenzisana nathi baquka uThixo uBawo Ongunaphakade, iNkosi uYesu Krestu, kunye noMoya OyiNgcwele.
Abasebenzisana nathi baquka nemikhosi engabonakaliyo yasezulwini. “Musa ukoyika,” u-Elisha waxelela umfana omncinane owayesoyika njengoko babejongene nomkhosi wabenzi bobubi, “ngokuba baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo” (bona 2 Iikumkani 6:15–16).
Asidingi ukoyika. UThixo uyabathanda abaNgcwele baKhe. Yena akasokuze asilahle.
Ndiyazi ukuba uThixo, kwimpendulo yomthandazo, sele ezifezekisile izicelo zam zokundikhulula ebubini. Ndiyangqina okokuba ngoncedo lukaThixo uBawo, noMsindisi wehlabathi, kunye noMoya OyiNgcwele, thina singaqinisekiswa okokuba siyakunikwa amandla angaphezu kokwaneleyo wokumelana nemimoya yobubi nesithi sijongane nayo.
Yanga singasoloko sixhotyisiwe ngobulungisa ukuze sikwazi ukubanokuthembela kuloyiso lokugqibela.
© 2017 ngoIntellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kushicilelwe e-USA Isivumelo sesiNgesi: 6/16. Isivumelo senguqulelo: 6/16. Inguqulelo First Presidency Message, March 2017. Xhosa. 97923 774