2017
Amandla Wokwenza kaYesu Krestu kunye neNtlawulelo yaKhe
eyoKwindla 2017


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, EyoKwindla 2017

Amandla Wokwenza kaYesu Krestu kunye neNtlawulelo yaKhe

Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye ucele impembelelo yokwazi into ekumele wabelane ngayo. Ingaba ukuqonda injongo yeQumrhu Lamanina ingazilungiselela kanjani iintsikelelo zobomi banaphakade iintombi zikaThixo?

Relief Society seal

Ukholo, Usapho, Uncedo

“Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKrestu” (AbaseFilipi 4:13). “Nangona sonke sinobuthathaka, singaboyisa,” utsho uMongameli Dieter F. Uchtdorf, uMcebisi Wesibini kuBongameli BokuQala. “Eneneni kungofefe lukaThixo okokuba, ukuba siyazithoba kwaye sibenokholo, izinto ezibuthathaka zingomelela.”1

UMsindisi wethu uthi kwiMfundiso Neminqophiso, “Ndiyakuhamba phambi kobuso benu. (Imfundiso Neminqophiso 84:88). Ndiyakuba ngasesandleni senu sasekunene kwakunye nasekhohlo, kwaye uMoya wam uya kubasezintliziyweni zenu, kwaye iingelosi zam ziyakunirhangqa, zinithwale” (Iimfundiso neMinqophiso 84:88).

“UNifayi ungumzekelo womntu owayesazi, owayeqonda, kwaye owayethembele emandleni wokwenza woMsindisi,”utsho uMdala David A. Bednar weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini. “Abantakwabo Nifayi bambopha ngeentambo kwaye baceba utshabalaliso lwakhe. Nceda uqaphele umthandazo kaNifayi: ‘Owu Nkosi, ngokokholo lwam olukuwe, ungandikhulula ezandleni zabantakwethu; ewe, kwaye ungandinika namandla okuba ndiziqhawule nezi ntambo ndibotshwe ngazo’ (1 Nifayi 7:17; ugxininiso longezelelwe).

“… UNifayi akazange athandazele ukuba iimeko zakhe ziguqulwe. Ngokuncono, waye wathandazela ulomelezo lokuba aguqule iimeko zakhe. Kwaye ndiyakholelwa ukuba waye wathandaza ngalendlela ngqo kuba wayesazi, wayeqonda, kwaye wayenamava wamandla wokwenza weNtlawulelo.

“Andicingi ukuba iintambo uNifayi awayebotshwe ngazo ukuba zavele zaziwela ngemilingo ezandleni zakhe nasezihlahleni zakhe. Ngokungcono, ndiyasola ukuba waye wasikelelwa ngokunyamezela kunye nolomelezo lobuqu olungaphaya kwamandla wakhe wendalo okuqonda, khona ade “emandleni eNkosi’ (Mozaya 9:17) wasebenza kwaye wazijikajika kwaye watsala iintambo, kwaye ekugqibeleni nakunye ngokwenyama waye wakwazi ukuziqhawula iintambo.”2

Izibhalo Ezongezelelweyo kunye Nenkcukacha

Izaya 41:10; Etere 12:27;reliefsociety.lds.org

Izikhumbuzo

  1. Dieter F. Uchtdorf, “The Gift of Grace,” Liyahona, Canzibe 2015, 108.

  2. David A. Bednar, “Strength Beyond Our Own,” New Era, EyoKwindla 2015, 4.