2017
Ndandisele Ndigqibile
eyoKwindla 2017


Ulutsha

Ndandisele Ndigqibile

Umbhali uhlala e-Utah, USA.

Ndakhe ndafumana esona sifundo sixabisekileyo kwiklasi yaMantombazana Amancinane esasingobunyulu ngecantsi—esona sihloko esathi senza uninzi lolutsha ukuba lugqushalaze ezitulweni zalo. Andikhumbuli yonke into endathi ndayifunda ngaloo mini, kodwa ndikhumbula inkokheli yethu yayithetha ngenye yamaxabiso wayo—ukusoloko sihlale sinyulu ngocantsi. Amazwi ayo aye ahlala nam, kwaye ndaye ndenza isigqibo esisengqondweni sokulithabatha njengesinye samaxabiso wam.

Ngenye imini njengoko ndandikhwele ibhasi ndisiya ekhaya ndibuya kwisiganeko sezemidlalo, kwakukho omnye umntu owaye waqala umdlalo wenyani okanye umcelingeni. Sidikiwe, abanye babantwana nam saye sangenelela. Xa wawufika kwilixa lam, ndaye ndanikwa umcelingeni wokwenza enye into endandiyazi ukuba yayingalunganga. Esi yayingaba sisigqibo esinzima kum ukuba ndisenze, kodwa amazwi wenkokheli yam Yamantombazana Amancinane afika entlokweni yam, kwaye isigqibo saye sabalula. Ndaye ndala ngokukhawuleza. Ndandisele ndigqibile engqondweni yam ngento endandiyakuyenza kuloomeko.

Ndiyazi okokuba xa sisiya ecaweni kwaye senze igumbi lezinto esizifundiswa apho, siyakusikelelwa ngamandla omoya amakhulu kunye nangokhuseleko kwizihendo zehlabathi.