2010
Ubukhalipha Bokulungileyo
Matshi 2010


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Matshi 2010

UBukhalipha BokuLungileyo

Ezinye zeenjongo zobubomi basemhlabeni kukubonakalisa kuThixo ukuba siyakuyigcina imithetho Yakhe xa oku kufuna ubukhalipha. Saluphumelela ola vavanyo kwihlabathi lemimoya. Kodwa isithathu sesiqingatha sabantu bezulu sagxobha isicelo sokuba bavavanywe kubomi basemhlabeni apho kwakukho isichenge sokuba bangawa phantsi.

Phambi kokuba sizalwe, sasimazi uThixo uBawo kwaye noNyana Wakhe, uYesu Krestu umntu ngamnye. Sasikwazi ukubabona Bona kwaye sibamamele xa Babesifundisa kwaye besikhuthaza. Ngoku isigqumathelo sabekwa phezulu kwee ngqiqo zethu nangaphezulu kweenkumbulo zethu. Usathana, ubawo wobuxoki, unokulungelwa ngokuba kufuneka ukuba sibone inyaniso yokuba singobani na ngamehlo okholo, ngelixa imizimba yethu isenza ukuba sihendeke kwaye imizimba ibe buthathaka.

Sinoncedo olukhulu olusinika ubukhalipha kobu bomi. Olona lukhulu yiNtlawulo kaYesu Krestu. Ngenxa yoko Awakwenzayo, izono ziyahlanjwa zimke emanzini obhaptizo. Singakwazi ukwenza kakutsha loo ntsikelelo xa sisitya umthendeleko ngokholo kwaye nangentliziyo eguqukileyo.

Izipho zoMoya lolunye uncedo. UMoya kaKrestu siwufumana xa sizalwa. Oku kusinika amandla okukwazi ukukhetha okuza kusikhokelela kubomi banaphakade. Izibhalo ezingcwele yinkokhelo eqinisikeliyo xa sizifunda kunye noMoya oyiNgcwele njengeqabane lethu.

UMoya oyiNgcwele uyasivumela ukuba sibulele kwaye sicele uncedo emthandazweni ngendlela ecacileyo kunye nenethemba esakhe salonwabela kunye noBawo wethu waseZulwini kwaye esiyakuba nalo xa sibuyela Kuye. Uthungelwano kunye noThixo luyasinceda ukuba sitshabalalise uloyiko ezintliziyweni zethu njengokuba lusakha ukholo kunye nothando lukaBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu.

Ububingeleli obungcwele businika ukukhalipha enkonzweni yethu. Kwimimiselo yobubingeleli samkela amandla okukhonza abantwana bakaThixo kwaye nawokoyisa impembelelo yokungalunganga. Xa esibiza ukuba sikhonze, sinesisithembiso: “Nabani na onamkelayo, Nam ndiyakuba lapho, ngokuba Ndiyakuhamba phambi kobuso bakho. Ndiyakuba ngasesandleni sakho sasekunene kunye nasekunxele kwakho, kwaye uMoya wam uyakuba sezintliziyweni zenu, kwaye iingelosi zam ziyakukungqonga, zikuphakamisele phezulu” (Imfundiso neMinqophiso 84:88).

Umprofeti Joseph Smith enkonzweni yakhe wayenesizathu sokuba azale luloyiko. Kodwa uThixo wamnika ubukhalipha kunye nesisiqinisekiso somzekelo weNkosi:

“Ukuba uyakulahlwa emngxunyeni, okanye ezandleni zababulali, kwaye unikwe isigwebo sokufa; ukuba ulahlwa enzulwini; ukuba umoya ophekuzayo uyakubhunga; ukuba imimoya emibi iba lutshaba lwakho; ukuba amazulu aqokelela ubumnyama, kwaye zonke iziqalelo zidibane zibiyele indlela; kwaye ngaphezulu koko, ukuba imihlathi yesihogo iyakhamisa ithi nkaa emva kwakho, yazi wena, nyana wam, ukuba zonke ezi zinto zikukunika amava kwaye zibe zezokulungelwa kwakho.

“UNyana woMntu uhlile ezantsi kwabo bonke. Ingaba awukhomkhulu kunaye?” (Imfundiso neMinqophiso 122:7–8).

UThixo usinike ngaphezulu konokwaneleyo ukusinceda ukuba sitshabalalise uloyiko, nokuba yintoni na esinokujongana nayo ebomini. Xa sifikela ngaphandle sicela uncedo Lwakhe, Angasiphakamiselela kufutshane nobabomi banaphakade sibukhangelayo.

Ukufundisa ngaloMyalezo

uYesu Krestu, INkosi enguMfundisi, wayesoloko ebuza imibuzo ukuba akhuthaze abantu ukuba bazikise ukucinga kwaye benze imigaqo Awayeyifundisa. … Imibuzo Yakhe yayiphembelela ingcinga, ukukhangela umphefumlo, kunye nokuzibophelela” (Teaching, No Greater Call [1999], 68). Cinga ngokwenza kwaye nangokubuza imibuzo eliqela ukunceda umntu ngamnye aqonde kwaye azenze ezi nyaniso zifundiswa kulo myalezo. Umzekelo, ungabuza, “Loluphi uncedo uThixo akunike lona ukuba utshabalalise uloyiko kwaye likunike ubukhalipha?” okanye “Ukuncede njani uThixo ukuba woyise uloyiko lwakho?” Khuthaza umntu ngamnye ukuba azikise ukucinga ngeempendulo zakhe phambi kokuba aphendule.