uLutsha
Akukho Mntu uGqibeleleyo
Ndandisoloko ndinqwenela ukuba njengoNefayi: Ndingahexi ekuthobeleni, ndibenokholo kakhulukazi, kwaye ndibenzulu ngokomoya. Emehlweni am uNefayi wayengoyena mzekelo umkhulu wobulungisa. Izinto ezimbalwa zazindichaza ngaphezulu kwengcinga yokukhula ndifane twatse naye—okanye ndiqale ndibe neqentswana nje lobulungisa bakhe.
Ngenye imini ndandinengxaki encinci, eyabangwa yimivakalelo yokuba andilunganga. Ndandinamabhongo kwaye neenjongo ezininzi. Kodwa ndandingabheki ndawo. Ezinyembezeni zokulahla ithemba, Ndaxelela utata wam ngalemivakalelo ndandinayo. Wakhawuleza wama, wahamba waya kwikhabhathi yeencwadi, watsala enye yeencwadi zakhe Incwadi kaMormoni. Engathethanga nelinye ilizwi, wayivula 2 Nefayi 4 kwaye waqala wafunda ivesi 17.
Ndabanenyama yedada emzimbeni wam ndaqhaqhazela njengombanenjengokuba ndandimamele lamazwi anamandla: “Oh indoda elusizi eNdim!” Iingcinga zam zabaleka zashiyana. Angatsho njani uNefayi, iqhawe lam nomzekelo wam, ukuba “wayelusizi”? Ukuba wayelusizi, yayindenza bani lonto?
Kwakhona, umbane wakhawuleza kum njengokuba utata wam wayefunda ivesi 28: “Vuka, mphefumlo wam! Sukuqhubeka untywile esonweni.” Yayivakala kum ingathi ilifu elimnyama elalisengqiqweni yam limkile kwaye lacoca lasusa lathyila imfudumalo kunye nobuhle obukhulu besibhakabhaka esiblowu kunye nelanga eliqaqambileyo. Ayikho indlela yokuba ndichaze indlela levesi eya khanyisa ngayo umphefumlo wam. Iivesi ezimbalwa zezibhalo ezingcwele zindigcwalisile ngethemba, ngempembelelo, kunye novuyo nje ngalevesi.
Kwivesi 30, uNefayi wathetha kanye into Endandiyicinga, kodwa ngamazwi afaneleke gca: “Umphefumlo wam uyakugcoba kuwe, Thixo wam, kwaye oyiyo nembokotho yentsindiso yam.” Le vesi yaza nemivakalelo yoxolo nombulelo ngenxa yenceba nothando lweNkosi ezithambileyo.
Utata wam wayivala le ncwadi kwaya wacacisa ukuba ezi vesi ngamanye amaxesha zibizwa ngokuba ziindumiso zikaNefayi. Emva koko wandifundisa ngononophelo ukuba nabona bantu bakhulu emhlabeni abagqibelelanga, kwaye aba bantu kufuneka bakwazi ukungagqibeleli kwabo okanye bayakuba nekratshi kwaye, ke ngoko bangabi bakhulu.
Ndaqonda. Into nje yokuba ndibenobuthathaka yayingachazi ukuba ndandingakwazi ukuba nje ngoNefayi. Ukuqonda ubuthathaka bam kwandizisa kufutshane nenqanaba likaNefayi. UNefayi wayemkhulu ngokuba, kwaye ethobela kwaye enokholo, wayethobekile kwaye enomdla wokuzivuma iimpazamo zakhe.
Ukusukela ngaloo mini yokufumana loo mava, Ndisoloko ndiwaxabisile amazwi kaNefayi. Ngexesha ngalinye Endiwafunda ngalo, Ndiye ndive la mincili ifanayo kunye nezaa mpembelelo ndandiziva ngokuya ndandizifunda okokuqala. Ezi vesi ziculela ngaphandle kum ukuba Ndingumntwana oyintombazana kaThixo, onawo amandla ngaphezulu kunendlela endizibina ngayo. Ndiyayazi ukuba ndisebenzisa ukholo kwaye ndicinezelele phambili, iintsikelelo ezingaxelwayo zigciniwe.