UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Matshi 2010
Ukomeleza uKholo kuThixo uBawo kunye noYesu Krestu ngokuziFundela Izibhalo EziNgcwele
Ngomthandazo fundisa ezi zibhalo zingcwele kunye nezicatshulwa okanye, ukuba kuyimfuneko, omnye umgaqo ozakusikelela oodade obafundisayo. Yabelana ngobungqina bemfundiso. Mema abo ubafundisayo ukuba bathethe ngoko bakuvileyo ezintliziyweni zabo kunye nabakufundileyo.
“Ngoku ndandingumtshakazi, … Ndamenywa kwisidlo sasemini sabo bonke oodade boMbutho wooMama kwisebe lam ababefunde iNcwadi ka Mormon okanye Incwadi emfutshane engembali yeCawa. Ndandise ndizifundela ngokuzidelela izibhalo ezingcwele, ke Ndandifanelekile ukuba ndiye kweso sidlo ngokuba ndifunde incwadi emfutshane ngoba yayilulana kwaye yayithatha ixesha elincinci. Njengokuba ndandisitya isidlo sam sasemini, Ndaba nomvakalelo onamandla wokuba nangona lencwadi yembali yayilungile, Ngendandiyifundile iNcwadi kaMormon. UMoya oyiNgcwele wawundichukumisa ukuba nditshintshe iindlela zam zesiqhelo endandifunda ngazo izibhalo ezingcwele. Ngaloo mini kanye Ndaqala ndafunda iNcwadi ka Mormon, kwaye Andizange ndiyeke. … Ngokuba Ndaqala ndafunda izibhalo ezingcwele rhoqo ngosuku, Ndifunde ngo Bawo wam waseZulwini, noNyana Wakhe uYesu Krestu, kwaye nendikusweleyo ukuba ndikwenza ukuze ndibe nje ngabo. …
“… Wonke umfazi angangumfundisi wemfundiso yevangeli ekhayeni lakhe, kwaye wonke udade eCaweni uswele ulwazi lwevangeli njengenkokheli kunye nomfundisi. Ukuba awukaqalisi ukukhulisa isiqhelo sokufunda izibhalo ezingcwele rhoqo ngosuku, qalisa ngoku kwaye uqhubekeke ufunde ukuze ulungele imithwalo yakho kobubomi kwaye nakoo naphakade.”1
Julie B. Beck, umongameli wajikelele woMbutho woMama.
“Ukufunda izibhalo ezingcwele kuyakunceda ubungqina bethu kunye nobungqina bamalungu osapho lwethu. Abantwana bethu namhlanje bayakhula bengqongwe ngamazwi abalukuhlayo ukuba bashiye phantsi oko kulungileyo kwaye balandelele, endaweni yoko, ubumnandi bomhlaba. Ukuba abanaso esi siseko siqinisekileyo esiqinileyo kwivangeli likaYesu Krestu, ubungqina benyaniso, kunye nokuzimisela ukuba baphile ngokulungileyo, basengozini yokuhendeka zezimpembelelo. Ngumsebenzi nomthwalo wethu ukuba sibaxhobise kwaye sibakhusele.”2
UMongameli Thomas S. Monson.
“Sifuna oodade bethu ukuba babe ngabafundi bezibhalo ezingcwele. … Kufuneka uzazise nezinyaniso zanaphakade usenzela impilo yakho, kwaye nangeenjongo zokufundisa abantwana bakho kunye nabanye bonke abadibana nempembelelo yakho.”3
“Sifuna amakhaya ethu asikeleleke ngoodade abangabafundi abakrelekrele bezibhalo ezingcwele—nokuba awutshataga okanye utshatile, umncinci okanye umdala, ungumhlolokazi okanye uphila esatsheni. Yibani ngabafundi bezibhalo ezingcwele—ningabekeli abanye phantsi, kodwa nibanyuse!4
UMongameli Spencer W. Kimball (1895–1985).
© 2010 by Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/09. Isivumelo sokuguqula: 6/09. Inguqulelo ka Visiting Teaching Message, March 2010. Xhosa. 09363 774
Uncedo lwabaNdwendweli Makhaya
Ngexesha lokundwendwela kwakho, phendula imibuzo kwaye wabelane nolwazi lwakho usebenzisa izibhalo ezingcwele. Yabelana ngobungqina bakho bendlela izifundo zakho zezibhalo ezingcwele ezomeleze ngayo ukholo lwakho. Cela udade omndwendwelayo abelane nani ngendlela ukufunda kwakhe izibhalo ezingcwele okomeleze ngayo ikhaya nosapho lwakhe.
Ulungiselelo Lwakho
Yohane 5:39
2 Timoti 3:14–17