UMyalezo wesiMongameli sokuQala 2010
Ukulungisa uMoya
Ingcebiso ephuma kumProfeti wethu
Isiseko sokholo
“Ukuba asinaso isiseko esinzulu sokholo kunye nobungqina obuqinileyo, singanobunzima ekumeleni izaqhwithi ezirhabaxa kunye nemimoya enomkhenkce zotshaba ezisoloko zisiza kuthi singathandi.
“Obubomi lixesha lokulingwa, ixesha lokuba sizibonakalise sibonise imfanelo yethu yokubuyela ebukhweni bukaBawo wethu waseZulwini. Ukuze sivavanywe, kufuneka sijongane nezilingo kunye nobunzima. Ezi zinto zingasaphula, kwaye umphezulu wemiphefumlo yethu ungaqhekeka kwaye uvuthuke—ukuba, iziseko zethu zokholo, nobungqina bethu benyaniso abuhlelanga nzulu ngaphakathi kuthi.”1
Funda izifundo zeMbali
“Kwinkangelo yeziqu zethu ezigqibeleleyo, imibuzo embalwa iyakukhokela iingcinga zethu: Ingaba ndiyilento endifuna ukuba yiyo? Ingaba ndikufuphi kunye noMsindisi kunayizolo? Ingaba ngomso ndiyakuba kufutshane naye na? Ingaba ndinaso na isibindi sokuba ndiguquke ndibebhetele? …
“Iminyaka ifikile kwaye yaphinda yahamba, kodwa imfuno yobungqina bevangeli iyaqhubekeka ukuba ibeyeyona nto ibaluleke kakhulu. Xa siqhubekeka sibhekise kwikamva, kufuneka silumke singayeki ukuhoya izifundo zembali.”2
ILiyahona yakho
“Intsikelelo kasolusapho ngeyakho kwaye ngeyakho wedwa. Ingamfutshane okanye ibende, ibelula okanye ibenzulu. Ubude nolwimi lokuthetha azidalwa yintsikelelo kasolusapho. NguMoya onika intetho yayo yokwenene. Intsikelelo yakho ayeyokuba isongwe kakuhle kwaye ibekwe kude. Ayiyoyokuba iphahlwe ixhonywe edongeni okanye ibhengeshwe. Kodwa, yeyokuba ifundwe. Yeyokuba ithandwe. Yeyokuba ilandelwe. Intsikelelo yakho kasolusapho iyakukuba nawe ngobona busuku obakhe babamnyama. Iyakukukhokela kuzo zonke iingozi zobomi. Intsikelelo yakho ka solusapho yiLiyahona yakho kuwe ekubonisa indlela yakho kwaye iyakukhokela. …
“Umonde ungafuneka xa sibukela, silinde, kwaye sisebenzele intsikelelo esithenjisiweyo ukuba izaliseke.”3
Yizani Kuye
“Khumbulani ukuba anihambi nodwa. …Njengokuba nihamba ebomini, soloko nihambela ukudibana nokukhanya, kwaye imithunzi yobomi iyakuwa emva kwenu. …
“Njengokuba ndiphendukele ezibhalweni ezingcwele ndifuna impembelelo, igama elithile [liye] lama lodwa ngamaxesha onke. Igama [li] ‘zile.’ INkosi yathi, ‘Yizani kum.’ Wathi, ‘Yizani nifunde ngam.’ Kwaye Wathi, ‘Yizani nindilandele.’ Ndiyalithanda elo gama, yizani. Isicelo sam kukuba siye eNkosini.”4
© 2010 yi Intellectual Reserve. Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/09. Isivumelo Sokuguqula: 6/09. Inguqulelo ka First Presidency Message February 2010. Xhosa 09362 774
Ukufundisa ngaloMyalezo
Teaching -Ukufundisa, No Greater Call - Akukho bizo lungaphaya kolu ithi le ncwadi “Umfundisi olichule akacingi, … ‘Ndiyakufundisa ntoni namhlanje?’ kodwa ukuba, Ndingabanceda njani abafundi bam ukuba babone oko abafuna ukukwazi.” ([1999], 61). Ukunceda umntu ngamnye ukuba afunde kwesisifundo, cinga ngokubaphatela amaphepha nezinto zokubhala kwaye nibanike ixesha lokuba bafunde amazwi kaMongameli Thomas S. Monson kwaye babhale phantsi iinyaniso abazifumeneyo ngokulungisa umoya. Abantwana abancinci bangazoba imifanekiso ngoko bakufundileyo. Cinga ngokubacela ukuba bathethe ngabakubhalileyo nabakufundileyo.