ulutsha
Intsikelelo kaSolusapho Yakho
Umongameli Thomas S. Monson uchaza ngentsikelelo “kasolusapho njenge Liahona ezoba yindlela yakho kwaye nekukhokelayo.” Ngoko ke yintoni lentsikelelo, kwaye inganceda njani ngokukhokela ubomi bakho?
Yintoni intsikelelo kasolusapho?
Intsikelelo yakho inemisebenzi emibini. Okokuqala iyakukuchazela umgca womlando wakho, okanye ukuba uphuma koluphi na uhlanga endlwini kaIzirayeli. Okwesibini, iyakuba nolwazi olunokukhokela. Intsikelelo yakko inokuba nezithembiso, iizilumkiso, kunye neengecebiso.
Kufuneka ukuba ndibe njani ukuze ndifumane intsikelelo yam?
Akukho minyaka esekiweyo ekufanele ukuba ubenayo ukuze uyifumane, kodwa kufanele ukuba ukhulile uzokukwazi ukuxabisa indalo yentsikelelo engcwalisekileyo. Amalungu amaninzi aqala ukucinga ngokufumana intsikelelo yabo xa besebancinci beseselutsheni.
Ndiyifumana njani intsikelelo yam?
Kuqala thetha nobishophu wakho okanye umongameli wesebe lakho. Ukuba ukulungele kwaye ufanelekile ukuba uyifumane, uyakufumana imvume. Emva koko, ungaseka ixesha lokuba udibane nosolusapho osengingqini yakho.
Ndenza ntoni ngentsikelelo yam?
Uyigcina kwindawo ekhuselekileyo kwaye uyifunde rhoqo. Khumbula, ukuba intsikelelo yakho ingcwele kwaye yeyakho wedwa. Ungabelana ngayo namalungu osapho lwakho, kodwa awunakuyipapasha ebantwini. Kwaye, zonke iintsikelelo ezibandakanyiweyo kwintsikelelo yakho zixhomekeke kukholo lwakho kunye nakwixesha leNkosi.