UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Februwari 2010
Ukuphatha Oko Sinako NgoBulumko kwaye NokuHlalela kude Ematyaleni
Ngomthandazo fundisa ezi zibhalo zingcwele kunye nezicatshulwa okanye, ukuba kuyimfuneko, omnye umgaqo ozakusikelela oodade obafundisayo. Yabelana ngobungqina bemfundiso. Mema abo ubafundisayo ukuba bathethe ngoko bakuvileyo ezintliziyweni zabo kunye nabakufundileyo.
Ukuphatha oko Sinako
“‘Impilo yobulumko’ … ithetha ngo [kulondoloza] izinto esinazo, ukucwangcisa nokuceba imicimbi yezemali, ukucebela iimeko ngokugqibeleleyo zempilo entle, kwaye namalungiselelo afanelekileyo emfundo kunye nokwakha amathuba empangelo, ukunika indlebe ekwakhiweni kwekhaya kunye nogcino lwezinto esinazo nokutya kunye nokwakha ukomelela kweemvakalelo zethu. … Ukuphila ngobulumko nangemithetho, siyakukhuseleka ibengathi sisesandleni Sakhe.”1
UMongameli Spencer W. Kimball (1895–1985).
“Ngobuphi ubuchule esibusweleyo ukuze sizincede ukuba sikazi ukuzithemba nokuzimela. … Kwiminyaka engaphambili yeCawa, uBrigham Young wacenga oodade ukuba mabathintele iingulo emasatsheni abo, baseke amakhaya akhutheleyo angamashishini, kwaye bafunde ucwangciso mali, kunye nogcino lweencwadi imali esetyenziswe ngazo nobunye ubuchule olunokunceda usapho. Loo migaqo isasebenziseka nanamhlanje. Imfundo iyaqhubekeka ukuba yinto ebaluleke kakhulu. …
“Ndabuza oobishophu abaliqela kuba ngobuphi ubuchule oodade ababebuswele kakhulu, kwisebe labo ukuba bazithembe kwaye bakwazi ukuzimela ze bathi ucwangciso noqingqo mali. Abafazi kufanele ukuba baqonde okunokwenzeka ngenxa yokuthenga ngetyala kwaye nokungaphili ngoqingqo mali. Obunye ubuchule obachazwa ngoobishophu kukupheka. Izidlo ezilungiswe kwaye ezityelwa ekhaya azifuni mali ininzi, zinemplo, kwaye zomeleza udlwelano nosapho.”2
Julie B. Beck, umongameli wajikelele woMbutho wooMama.
Ukuphepha Ityala
“Ndingacebisa iindlela ezintlanu okukunika inkululelo kwezemali. …
“Okokuqala, bhatala isishumi sakho. …
“Okwesibini, sebenzisa imali encinci kunale uyifumanayo. …
“Okwesithathu, funda ukonga imali. …
“Okwesine, gcina izithembiso zakho zemali. …
“Okwesihlanu, fundisa abantwana bakho ukuba balandele umzekelo wakho.”3
Mdala Joseph B. Wirthlin (1917–2008) weQumrhu LabaLishumi Elinesibini.
“Xa sizifaka ematyaleni, silahla inkululeko namandla ethu okukwazi ukuzikethela angenaxabiso lemali kwaye sizibeke endaweni esenza amakhoboka. Sibophelela ixesha lethu, amandla ethu, kunye nemizamo yethu ukubhatala lonto siyibolekieyo—oko sinako ebekunokusetyenziswa ukuba sizincede, neentsapho zethu, kwaye nabanye. …
“Ukubhatala amatyala ngoku kwaye ukuphepha amatyala angomso kukuba sisebenzise ukholo kuMsindisi—singafane nje senze senze bhetele kodwa si sibe bhetele. Kuthatha ukholo olukhulu ukutsho loo magama alula, ‘Asikwazi ukuyithenga.’ Kuthatha ukholo uthemba ukuba ubomi buyakuba bhetele xa sincama izinto esizifunayo ukuze sikwazi ukufeza iintswelo zethu nezabanye’ intswelo.”4
Umdala Robert D. Hales weQumrhu LabaliShumi Elinesibini.
© 2010 Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/09. Isivumelo Sokuguqula: 6/09. Inguqulelo ka Visting Teaching Message, February 2010. Xhosa 09362 774
Uncedo Lwabandwendweli Makhaya
Cebani neqabane lakho ondwendwela nalo ukuba lomyalezo nizakuwufundisa njani lomyalezo ngendlela edibana neemeko zoodade enibandwendwelayo. Ngobuphi ubuchule eninobufundisa no dade enimndwendwelayo?
Ukuzilungiselela
Malakhayi 3:10
Matewu 6:19–21
Luka 12:15
Imfundiso neMinqophiso 38:30; 88:119
Ukuba ufuna olunye ulwazi, bona All Is Safely Gathered In: Family Finances (item no. 04007).