Umyalezo weNyanga Liyahona, EyeNkanga 2025
Uvavanyiwe kwaye woMelezwa kuKrestu
Amaxesha ovavanyo abobungqina bokuba iNkosi ikulahlile. Endaweni yoko, abubungqina bokuba uyakuthanda ngokwaneleyo ukuba akusulungekise kwaye akomeleze.
Bazalwane noodade bam abathandekayo, ndiyaluva uthando lweNkosi njengokuba sihlangana kunye. Ndithobekile kukuthetha nani. Ndiyathandaza ukuba uMoya athwale ezintliziyweni zenu oko iNkosi ingafuna ukuba nikuve, ngaphaya kwamazwi endiza kuwathetha.
Kudala ndafuna ukufunda ngenzululwazi nangemfundo yezibalo kwiminyaka yam yasekholejini. Ndaziva ndisoyiswa. Ndaqalisa ukuvakalelwa kukuba ndizama ukufunda into ekungaphaya kwam. Okukhona ndiziva ndisoyiswa, kokukhona ndisiva esehla amandla okuqhubeka ndizama. Ukutyhafa kwam kwandenza ndavakalelwa kukuba imigudu yam yayiphantse ingabi nasiqhamo. Ndaqalisa ukucinga ukuyeka, ukwenza into elula.
Ndaziva ndibuthakathaka. Njengoko ndandithandaza, ndeva isiqinisekiso esizolileyo seNkosi. Ndamva Yena esithi engqondweni yam, “Ndiyakuvavanya, kodwa ndikunye nawe.”
Ndandingazi ukuba athetha ukuthini na loo mazwi. Kodwa ndandiyazi into emandiyenze—ndaya emsebenzini.
Ngokuphonononga nokusebenza ebudeni beminyaka eyalandelayo, ndawuqonda lo myalezo wokhuthazo kwizibhalo: “Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKrestu.”
Ndafunda ukuba inzame yam nezifundo zenzululwazi yayisisipho esivela eNkosini. Wayendifundisa ukuba ngoncedo lwaKhe, ndandinokwenza izinto ezazibonakala zingenakwenzeka ukuba ndandinokholo lokuba uya kuba ekho ukuze andincede. Ngesi sipho, iNkosi yayisebenza ukundivavanya nokundomeleza.
Igama elithi vavanya lineentsingiselo ezininzi. Ukuvavanya into asikokuyivavanya nje. Kukwandisa amandla ayo. Ukuvavanya isiqwenga sentsimbi kukuyibeka phantsi koxinzelelo. Ubushushu, ubunzima, kunye noxinzelelo zongezwa de ubunyani bayo buphuculwe kwaye butyhilwe. Intsimbi ayenziwa buthathaka ngokuvavanywa. Enyanisweni, iba yinto enokuthenjwa, into eyomeleleyo ngokwaneleyo ukuba ithwale imithwalo emikhulu.
INkosi isivavanya ngendlela efanayo ukuze isomeleze. Olo vavanyo aluzi ngexesha lokukhululeka okanye lokuthuthuzeleka. Iza ngamaxesha apho siziva soliwe ngaphaya koko besicinga ukuba sinokukuthwala. INkosi isifundisa ukuba kufuneka siqhubeke sikhula kwaye singaze sidinwe kwimigudu yethu, ukuba singaze sinikezele, ukuba sihlale sizama.
Xa siqhubeka sinokholo kuYesu Krestu—kwanaxa izinto zisenokubonakala zingenakwenzeka kuthi ngelo xesha—somelela ngakumbi ngokomoya. Iirekhodi zezibhalo ezingcwele ziyayigxininisa le nyaniso.
Umprofeti uMoronayi, umzekelo, wavavanywa waza womelezwa ngolo hlobo. Waphila iminyaka yakhe yokugqibela yedwa. Wabhala ukuba wayengenabahlobo, uyise wayebulewe, abantu bakhe betshatyalalisiwe. Wazingelwa ngabo babefuna ubomi bakhe.
Nangona kunjalo uMoronayi akazange aphelelwe lithemba. Endaweni yoko, wakrola ubungqina bakhe bukaYesu Krestu kumacwecwe enzelwe abantu awayengayi kubabona ngexesha lokuphila kwakhe, kuquka nenzala yabantu ababenqwenela ukumbulala. Wabhalela thina. Wayesazi ukuba abanye babeza kuhlekisa ngamazwi akhe. Wayesazi ukuba abanye babeza kuwagatya. Ukanti waqhubeka ebhala.
Ekuvavanyweni kwakhe, ukholo lukaMoronayi lwasulungekiswa kwaye lomelezwa. Yaba nyulu ngakumbi. Amazwi akhe anamandla okunyamezela ngokuthembeka de kwasekupheleni. Singaweva loo mandla njengoko sifunda ubungqina bakhe:
“Ngoku mna, Moronayi, ndibhala nje noko endikubona kulungile, kwaye ndibhalela abazalwana bam, amaLeyimenayithi; kwaye ndinga bangazi okokuba engaphezulu kunamakhulu amane anamashumi amabini iminyaka idlule okoko umqondiso wawunikiwe wokuza kukaKrestu.
“Kwaye ndizitywinela phezulu ezi mbali, emva kokuba ndithethe amazwi ambalwa ngenjongo yokuniyala.
“Qaphelani, ndiyaniyala okokuba xa sukuba niya kuzifunda ezi zinto, ukuba kububulumko kuThixo ukuba ningazifunda, okokuba nize nikhumbule indlela ebinenceba ngayo iNkosi kubo abantwana babantu, ukususela ekudalweni kuka-Adam kwanokuhla kude kube lilixa eniya kuthi nizifumane ezi zinto, kwaye niziguquguqule ezintliziyweni zenu.
“Kwaye xa sukuba niya kuzifumana ezi zinto, ndiza kuniyala okokuba nize nibuze kuThixo, uBawo onguNaphakade, egameni likaKrestu, ukuba ezi zinto aziyonyani kusini na; kwaye ukuba niya kubuza ngentliziyo enyanisekileyo, ngenjongo yokwenene, ninokholo kuKrestu, uya kubutyhila ubunyani bazo kuni, ngamandla oMoya oyiNgcwele.
“Kwaye ngamandla oMoya oyiNgcwele ninokwazi ubuyani bazo zonke izinto.“
Ubungqina bukaMoronayi babucociwe xa wayeyedwa, kodwa bukhanya ngokukhanya ukuze bukhokele zonke izizukulwana ukuba zifune uBawo wethu osezulwini kunye noMsindisi uYesu Krestu.
Omnye umprofeti weNcwadi kaMormoni, uYakobi, wavavanywa kwaye womelezwa njengomntwana onamava yeembandezelo nosizi olukhulu. Kodwa uyise, uLihayi, wamfundisa ukuba uThixo uya kumsikelela kukulingwa kwakhe.
“Kwaye qaphela, ebuntwaneni bakho uhlutshwe ziimbandezelo nosizi olukhulu, ngenxa yobukrwada babantakwenu.
“Nangona kunjalo, Yakobi, zibulo lam entlango, uyabazi ubungangamsha bukaThixo; kwaye uya kuzingcwalisa iimbandezelo zakho ukuze zibe yinzuzo kuwe.
“Ngako oko, umphefumlo wakho uya kusikeleleka, kwaye uya kuhlala ukhuselekile kunye nomkhuluwa wakho, uNifayi; kwaye imihla yakho uya kuyichithela ekukhonzeni uThixo wakho. “Ngako oko, ndiyazi ukuba ukhululwe, ngenxa yobulungisa boMkhululi wakho; kuba ubonile ukuba ekuzalisekeni kwexesha uya kuza azise usindiso ebantwini.
UMprofeti uJoseph Smith wafumana ubuvavanywa obunjalo nokomelezwa xa wayekwintolongo yaseLiberty. Kubunzulu bentlungu yakhe, uMprofeti uJoseph wakhala:
“Owu Thixo, uphina wena? …
“Kunini na uya kusibamba isandla sakho?”
INkosi yabona ekubandezelekeni kukaJoseph isiphumo esingcwalisayo sokunyamezela kwakhe kakuhle xa waphendula wathi:
“Nyana wam, uxolo malube semphefumlweni wakho; ubunzima bakho neenkxwaleko zakho ziya kuba zezomzuzwana nje;
“Kwaye ngoko, ukuba uzinyamezela kakuhle, uThixo uya kukuphakamisela wena phezulu; uya koyisa phezu kwazo zonke iintshaba zakho.”
Owona mzekelo mkhulu wokuvavanya nokomeleza wenzeka ngeNtlawulo yoMsindisi. Wazithabathela kuYe izono zehlabathi. Wazithwala iintlungu neentsizi zethu. Wasela ikomityi ekrakrayo. Wazingqina ethembekile ngalo lonke ixesha.
Ngenxa yeNtlawulo yaKhe ezukileyo, uYesu Krestu unokusomeleza kumaxesha ethu okulingwa. Uyayazi indlela yokusinceda kuba Uyivile yonke imiceli-mngeni esiyakuze siyive kubomi basemhlabeni. “Uya kuthabathela kuye iintlungu nezifo zabantu bakhe … ukuze abe nokuyazi ngokwasenyameni indlela yokunceda abantu bakhe ngokobuthathaka babo.”
Sifunda ukuba xa wayeseMyezweni waseGetsemane, uMsindisi wabuza uBawo ukuba isilingo singadlula phezu kwaKhe—kodwa ke Yena wathi kanjalo ukuba kwakuyintando kaBawo, ngoko uMsindisi wayeya kuyenza. Ngamanye amazwi, uMsindisi wade wathatha amathandabuzo kunye nokungaqiniseki, kodwa Yena wayenokholo kuBawo waKhe oseZulwini.
Bazalwane noodade, ukuvavanywa kwenu nokomelezwa kwenu kusenokungabukeki njengokukaMoronayi okanye okukaYakobi okanye okukaMprofeti uJoseph. Kodwa iya kuza. Isenokuza ngokuzolileyo, kwiimvavanyo zobomi bosapho. Isenokuza ngenxa yokugula okanye ukuphoxeka okanye usizi okanye kubulolo.
Ndiyangqina ukuba la maxesha ayingobungqina bokuba iNkosi ikulahlile. Endaweni yoko, abubungqina bokuba uyakuthanda ngokwaneleyo ukuba akusulungekise kwaye akomeleze. Uyakwenza womelele ngokwaneleyo ukuba uthwale ubunzima bobomi obungunaphakade.
Ukuba sihlala sithembekile ekukhonzeni, iNkosi iya kusisulungekisa. Uya kusomeleza. Kwaye ngenye imini siya kujonga ngasemva size sibone ukuba ezo zilingo zazibubungqina bothando lwaKhe. Siza kubona ukuba wayesibumba ukuze sikwazi ukuma naye ebuqaqawulini. Kunjengokuba umPostile weNkosi uPawulos wathi ekupheleni kobomi bakhe, “Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile.”
Ndiyangqina ukuba uThixo uyakwazi. Uyazazi izilingo ojamelana nazo. Ukunye nawe. Akayi kukushiya. Ndiyangqina ukuba uYesu Krestu, nguNyana kaThixo. Ungumandla ethu, uMkhululi wethu, ithemba lethu. Ukuba siyamthemba, uya kwenza amandla ethu omoya alingane naso sonke isilingo esibizelwe ukuba sisithwale. Ndiyangqina ngokunjalo egameni elingcwele likaYesu Krestu, amen.
© 2025 ngu Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Liahona Message, November 2025Xhosa. 19603 774