“Singamanyana njani ukuba sonke singafani kangaka?,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, eyeDwarha 2024.
UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeDwarha 2024
Singamanyana njani ukuba sonke singafani kangaka?
Sonke sohlukile. Kodwa iNkosi ifuna sibe “banye” (IMfundiso neMinqophiso 38:27). Nantsi imigaqo embalwa yomanyano abaprofeti nabapostile abasifundise yona:
Simanyene kuYesu Krestu, iVangeli yaKhe, neBandla laKhe. “Kungako kuphela ukunyaniseka kwethu ngabanye nothando lukaYesu Krestu esinokuthi sibe nethemba lokuba banye.”
Umanyano lufuna uthando. “Nangazo kanye iilwimi ezingafaniyo kwaye nezintle, izithethe eziphakamisayo, kufuneka sibe neentliziyo ezidityaniswe ngomanyano nothando.”
Umanyano ayikokufana. “Umanyano nokungafani ayizozichasi. Singakwazi ukuphumeza umanyano olukhulu njengoko sikhuthaza umoya wokubandakanywa nokuhlonipha ukungafani.” “Umanyano alufuni kufana, kodwa luyayifuna imvisiswano.”
Umanyano lufuna ukuphelisa iingxabano nokucalulana. “Kukho indawo yomntu wonke. Nangona kunjalo, akukho ndawo yocalucalulo, ukugweba, okanye imbambano yalo naluphi na uhlobo.”
© 2024 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, October 2024. Xhosa. 19344 774