“Umzekelo woManyano kuYesu Krestu,” weLiyahona, eyeDwarha 2024.
UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, eyeDwarha 2024
Umzekelo woManyano kuYesu Krestu
Njengoko simanyana kuYesu Krestu njengabantu abaku 4 Nifayi, umnqweno wethu wokuba banye woyisa iiyantlukwano zethu kwaye ukhokelela kulonwabo.
Siphila kwixesha apho ukwanda kweyantlukwano nokungavisisani kunwenwela kulo lonke ihlabathi. Incediswa bubugcisa yaye ixhaswa ngabantu abantliziyo zisuke zabanda, le mimoya yeyantlukwano isongela ukuzalisa iintliziyo zethu ngendelelo ize yonakalise unxibelelwano lwethu ngembambano. Amaqhina oluntu ayaqhawuka. Kugquba iimfazwe.
Ngokuchasene nale meko, abalandeli bokwenyaniso bakaYesu Krestu balangazelela uxolo yaye ngenkuthalo bazabalazela ukwakha uhlobo olwahlukileyo loluntu—elisekelwe kwiimfundiso zikaYesu Krestu. Ukuza kuthi ga ngoku, iNkosi isiyalele ukuba “yibani banye; kwaye ukuba anikho banye aningabo abam” (IMfundiso neMinqophiso 38:27). Eneneni, umanyano luphawu lokwenene lwebandla likaYesu Krestu.
Sisebenza njani ngokuchasene namandla eyantlukwano nembambano? Siluphumeza njani umanyano?
Ngethamsanqa, u-4 Nifayi kwiNcwadi kaMormoni usinika umzekelo. Esi sahluko sibhala ngokufutshane indlela abantu ababephila ngayo emva kokuba uMsindisi wabandwendwela, wabafundisa, kwaye waseka iBandla laKhe phakathi kwabo. Le ngxelo ibonisa indlela aba bantu abaye balufumana ngayo umanyano oluvuyisayo nolunoxolo, yaye isinika umzekelo esinokuwulandela ukuze sizuze olu manyano nathi.
Inguquko
Ku 4 Nifayi 1:1, sifunda: “Abafundi bakaYesu bathi bamisela ibandla likaKrestu kuwo onke amazwe arhangqileyo. Kwaye [abantu] baye beza kubo, baza baguquka ngokwenene ezonweni zabo.”
Simanyana ngokurhange iNkosi noMsindisi uYesu Krestu. Njengoko umntu ngamnye efunda ngoYesu Krestu, ivangeli yaKhe, neBandla laKhe, uMoya oyiNgcwele ungqina inyaniso entliziyweni yomntu ngamnye. Ngamnye kuthi unokwamkela isimemo soMsindisi sokuba nokholo kuYe nokumlandela Yena ngokuguquka.
Luqala ngolo hlobo uhambo lomntu ngamnye lwenguquko—kude neminqweno yesono nokuzingca nokuya kuMsindisi. Yena usisiseko sokholo lwethu. Kwaye njengoko ngamnye wethu ekhangela kuYe kuyo yonke ingcinga (jonga IMfundiso neMinqophiso 6:36), Yena ubaUba ngamandla amanyanisayo ebomini bethu.
Iminqophiso
Imbali ku-4 uNifayi iyaqhubeka ichaza ukuba abo beza eBandleni kwaye baguquka ezonweni zabo “babhaptizwa egameni likaYesu; kwaye baye kanjalo bamkela uMoya oyiNgcwele” (4 Nifayi 1:1). Babengene kumnqophiso—ubudlelwane obukhethekileyo, obubophelelayo—noThixo.
Xa sisenza kwaye sigcina iminqophiso, sithathela igama leNkosi phezu kwethu njengabantu ngabanye. Ukongeza, sithatha igama laKhe phezu kwethu njengabantu. Bonke abenza iminqophiso kwaye bazame ukuyigcina baba ngabantu beNkosi, inqobo kuYe ekhethekileyo (bona Eksodus 19:5). Ngolu hlobo, sihamba indlela yomnqophiso ngokubini umntu ngamnye nangokudibeneyo. Ubudlelwane bethu bomnqophiso noThixo businika isizathu esifanayo nesazisi esifanayo. Njengoko sizibophelela kwiNkosi, Yona isinceda ukuba sibe “neentliziyo ezithungelene elumanyanweni naseluthandweni omnye nomnye” (Mozaya 18:21).
Ubulungisa, Ukulingana, nokuNceda amaHlwempu
Ingxelo eku-4 Nifayi: “Kwaye kungekho zimbambano nazimpikiswano phakathi kwabo, kwaye wonke umntu wayesebenzisana ngobulungisa omnye nomnye.
“Kwaye babenezinto zonke ngokufanayo phakathi kwabo; ke ngoko kwakungekho zityebi namahlwempu, makhoboka nabakhululekileyo, kodwa bonke babenziwe abakhululekileyo, nabaxhamli kwizipho zasezulwini” (4 Nifayi 1:2–3).
Kwiintsebenziswano zethu zexeshana, iNkosi ifuna ukuba sibe nobulungisa komnye nomnye kwaye singaqhathi okanye sixhaphazane omnye nomnye (bona 1 KwabaseTeselonika 4:6). Njengoko sisondela kufutshane neNkosi “asiyi kuba nangqondo yakufuna ukwenzakalisana, kodwa siya kufuna ukuhlala ngoxolo, kwaye sinika wonke umntu ngokwemfanelo yakhe.” (Mozaya 4:13).
INkosi kananjalo isiyalele ukuba sikhathalele amahlwempu nabasweleyo. Kufuneka “sinikele [eyethu] into” ukubanceda, ngokukwazi kwethu ukwenza oko, ngaphandle kokubagweba (bona Mozaya 4:21–27).
Ngamnye kuthi koku “athathe umzalwana wakhe njengesiqu sakhe” (IMfundiso neMinqophiso 38:24). Ukuba siza kuba ngabantu beNkosi kwaye simanyane, asifanele siphathane nje ngokulinganayo, kodwa sifanele sijongane ngokwenene njengabantu abalinganayo yaye sizive ezintliziyweni zethu ukuba siyalingana—silingana phambi koThixo, sinexabiso elilinganayo kwaye namandla alinganayo.
Ukuthobela
Isifundo esilandelayo esivela ku-4 Nifayi siza ngeli binza lilula: “Baye bahamba ngokwemiyalelo ababeyifumene kuyo iNkosi yabo noThixo wabo” (4 Nifayi 1:12).
INkosi yayibafundisile aba bantu imfundiso yaYo, yabanika imiyalelo, kwaye yabiza izicaka ukuba zibalungiselele. Enye yeenjongo zaKhe ekwenzeni oku yayikukuqinisekisa ukuba akuyi kuba khona mpikiswano phakathi kwabo (bona 3 Nifayi 11:28–29; 18:34).
Ukuthobela kwethu kiimfundiso zeNkosi nezicaka zaKhe kubalulekile ekubeni simanyane. Oku kuquka ukuzibophelela kwethu ukuthobela umyalelo wokuguquka nanini na xa sisilela kwaye sincede omnye nomnye njengoko sizabalazela ukwenza ngcono kwaye sibengcono yonke imihla.
Ukudibana Kunye
Okulandelayo, sifunda ukuba abantu ku-4 Nifayi “[baqhubeka] ngokuzila ukutya nomthandazo, nokuhlangana kunye rhoqo ukuba bathandaze nokuva ilizwi leNkosi” (4 Nifayi 1:12).
Kufuneka sidibane kunye. Iintlanganiso zethu zonqulo lweveki nganye zilithuba elibalulekileyo lokuba thina sifumane amandla, ngokubini umntu ngamnye nangokudibeneyo. Sithatha inxaxheba kumthendeleko, sifunde, sithandaze, sicule kunye, kwaye sixhasane. Ezinye iindibano zikwanceda ekukhuthazeni umoya wokunxulumana, ubuhlobo, nenjongo ekwabelwana ngayo.
Uthando
Ingxelo eku-4 Nifayi emva koko isinika eyona nto mhlawumbi isitshixo esibalaseleyo kuko konke oku—into leyo ngaphandle kwayo umanyano lokwenene lungenakufikelelwa: “[Kwakungekho] mbambano elizweni, ngenxa yothando lukaThixo olwaye lwazinza lwahlala ezintliziyweni zabantu” (4 Nifayi 1:15).
Uxolo lobuqu kufikelelwa kulo xa, sithobela ngokuzithoba, simthanda ngenene uThixo. Lo ngowokuqala kwanowona umkhulu umyalelo. Ukuthanda uThixo ngaphezu kwakhe nabanina okanye nantonina eyenye yeyona meko ezisa uxolo olunyanisekileyo, intuthuzelo, ukuzithemba, novuyo. Njengoko siphuhlisa uthando lukaThixo noYesu Krestu, uthando losapho nommelwane luya kulandela ngokwendalo.
Olona vuyo lukhulu esiya kuze sibe nalo kuxa sizaliswe luthando lukaThixo nolwabo bonke abantwana baKhe.
Uthando lwenene, uthando olunyulu lukaKrestu, liyeza kwimbambano. Luphawu oluyintloko lomlandeli wokwenyaniso kaYesu Krestu. Xa sizithoba phambi koThixo kwaye sithandaza ngawo onke amandla eentliziyo zethu, uThixo uya kusipha uthando lokwenene (bona Moronayi 7:48).
Njengoko sonke sifuna ukuba nothando lukaThixo luhlale ezintliziyweni zethu, ummangaliso womanyano uya kubonakala uyinto yendalo ngokupheleleyo kuthi.
Isazisi sobuThixo
Ekugqibeleni, abantu ku-4 Nifayi babonakalisa uphawu lomanyano olufanele ukuhoywa sithi: “Kwakungekho baphangi, nababulali, kwakungekho namaLeymenayithi, naluphi na uhlobo lwama-ayithi; kodwa babeyinto enye, abantwana bakaKrestu, neendlalifa zobukumkani bukaThixo” (4 Nifayi 1:17).
Iileyibhile ezahlula abantu kumakhulu eminyaka ziye zancipha ngaphambi kwesazisi esihlala sihleli kwaye esiphuculayo. Babezijonga—kwaye nabo bonke abanye—ngokobudlelwane babo noBawo waseZulwini noYesu Krestu.
Ukungafani neeyantlukwano zinokuba zilungile kwaye zibaluleke kuthi. Kodwa ezona zazisi zethu zibalulekileyo zezo zinxulumene nemvelaphi yethu yobuthixo nenjongo.
Okokuqala nokuphambili, ngamnye wethu ungumntwana kaThixo. Okwesibini, njengelungu leBandla, ngamnye wethu ungumntwana womnqophiso. Yaye okwesithathu, ngamnye wethu ungumfundi kaYesu Krestu. Ndibongoza sonke thina ukuba singavumeli nasiphi na esinye isichongi ukuba “sishenxise, sisuse, okanye sithathe indawo ephambili kwezi zibizo zintathu zingapheliyo.”
Yibani Banye
UThixo umeme bonke ukuba beze kuYe. Kukho indawo yomntu wonke. Sinokohluka kwiinkcubeko zethu, kwezopolitiko, ubuzwe, ungcamlo, kunye nezinye iindlela ezininzi. Kodwa njengoko simanyana kuYesu Krestu, iiyantlukwano ezinjalo ziyaphela ekubalulekeni kwazo kwaye zodlulelwe ngumnqweno wethu omkhulu wokuba banye—ukuze sibe ngabaKhe.
Thathela entliziyweni izifundo ezifundiswe ku-4 Nifayi. Njengoko ngamnye wethu ezabalazela ukubandakanya ezi zinto zibalulekileyo zomanyano ebomini bethu, kunokuthiwa ngathi, njengoko kwakunjalo kubo, “Ngokwenene kwakungenakubakho bantu babonwabe ngakumbi kunabo phakathi kwabo bonke abantu ababedalwe ngesandla sikaThixo” (4 Nifayi 1:16).
© 2024 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Liahona Message, October 2024. Xhosa. 19359 774