2017
Ukukhangela uKrestu ngeKrisimesi
eyoMnga 2017


Umyalezo wooMongameli BokuQala, EyoMnga 2017

Ukukhangela uKrestu ngeKrisimesi

Kubo bonke abo banqwenela ukuqonda ukuba singoobani njengamalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele bemihla yokuGqibela, ndingathanda ukunikezela ngendawo ekunokuqalwa kuyo ecaciswa ngala magama mathathu: Thina sikhangela uKrestu.

Sifuna ukufunda ngaYe. Ukumlandela Yena. Ukuba njengaye ngakumbi.

Ngayo yonke imihla enyakeni, sikhangela Yena. Kodwa ngakumbi ngelixesha lonyaka—iKrisimesi, xa sibhiyozela ukuzalwa koMsindisi wethu oyintanda—iintliziyo zethu zisoloko zikekelela ngakuYe.

Njenge nxalenye yamalungiselelo wokubhiyozela iKrisimesi, masikhe sicingisise ngokuba babekulungiselele kangakanani ukufika koMsindisi abo babephila kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo.

Abelusi

Asazi lukhulu ngabelusi, kuphela nje kokuba “babehlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo.”1 Abelusi kwakunokwenzeka ukuba babengabantu nje besiqhelo, njengeminye encomekayo imiphefumlo ehamba izuza ukuphila kwiintsuku zayo.

Bona bangamela abantu abathi, ngelinye ixesha, bengakhangeli uKrestu, kodwa iintliziyo zabo zitshintshe xeshikweni kuvuleka amazulu waze uKrestu wabhengezwa kubo.

Aba ngabo abo, emva kokuva ilizwi lezithunywa zezulu, ngoko nangoko baya eBhetelehem befuna ukubona.2

Izazi

Izazi yayizizifundiswa ezazifunde ngokuza kukaMesiya, uNyana kaThixo. Ngayo imfundo yazo, zona zaqaphela iimpawu ezazolathe kuzalo lwaKhe. ukuziqaphela kwabo, bashiya imizi yabo kwaye basingisa eYerusalem, bebuzisa “Uphi na lo uzelweyo, uKumkani wamaYuda?”3

Ulwazi lwazo lukaKrestu aluzange luphelele kwimfundo kuphela. Bathi bakubona iimpawu zokuzalwa kwaKhe, baye benza. Bona basungula ukumfumana uKrestu.

Izazi zingamela abo bakhangela uKrestu ngokufunda kunye nokwezemfundo. Ukuzinikela kwabo kwinyani ekugqibeleni kubakhokelela ekufumaneni uKrestu kwaye bamkhonze yena njengoKumkani wooKumkani, uMsindisi woluntu.4

USimon no-Ana

USimon no Ana basenokumela abo bakhangela uKrestu ngoMoya. Aba bantu bangummangaliso babenenkolo ngokuzinekeleyo kwaye, ngenxa yokuzila kunye nomthandazo nokuphila ubomi bokuzinikela kunye nentobeko, balindela ngomdla ukubona usuku lokuza koNyana kaThixo.

Ngokunyaniseka, ukuzithoba, kunye nokholo, bona balindela ngomonde ukuza koMsindisi.

Ekugqibeleni, ukunyaniseka kwabo kwavuzwa njengoko uMariya noYosefu babebabonisa usana olwaluyakuthi ngenye imini luthabathele kulo izono zoluntu.5

Amakholwa phakathi kwamaNifayithi kunye namaLeymenayithi

Ibali elichukumisayo lokuba amakholwa kwiHlabathi eLitsha azikhangela kanjani iimpawu zokuzalwa koMsindisi liyafumaneka kwiNcwadi kaMormoni.

Uyakhumbula ukuba abo babenokholo kuKrestu kwakuhlekiswa ngabo kwaye betshutshiswa. Abantsokothileyo bolwasuku batyhola amakholwa ngokubambelela kwiinkolelo zobuyatha. Inene, abo babengengomakholwa babethetha ngamandla ngokuhlekisa kwabo kangangokuba benza “ingxolo enkulu” kwilizwe (3 Nifayi 1:7). Babehlekisa ngabo babekholelwa ukuba uMsindisi wayeza kuzalwa.

Umsindo wabo wakhula kakhulu kangangokuba baye bancwasa ukuthulisa abo babekholelwa kuMsindisi. Incwadi kaMormoni ibhalwe esi sisombululo sibaxekileyo.6

Amakholwa ayephila ngelixesha asenokumela abo bakhangela uKrestu nkqu naxa abanye behleka, behlekisa, kwaye betshutshisa. Bona bakhangela uKrestu nkqu naxa abanye bezama ukubabonisa njengabanga chubekanga, abangantsokothanga, okanye abafana bakholelwe njee.

Kodwa intiyo yabanye ayiwatyhafisi amakholwa wokwenene ekukhangeleni uKrestu.

Thina Sikhangela uKrestu

Wonke unyaka, kwaye mhlawumbi ngokungakumbi ngelixesha leKrisimesi, kungasinceda kwakhona ukubuza umbuzo “Ndimkhangela kanjani na uKrestu?”

Ngexesha elinzima lobomi bayo, iKumkani enkulu uDavide yabhala, “Thixo, unguThixo wam; ndiyakukuquqela kwakusasa: umphemfumlo wam unxanelwe wena, inyama yam iyakulangazelela.”7

Mhlawumbi esi similo sokukhangela uThixo yayisesinye sezizathu uDavide wayechazwa njengendoda esemva kwentliziyo kaThixo.8

Ngelixesha leKrisimesi nangaye wonke lonyaka, yanga singakhangela ngeentliziyo kunye nemiphefumlo yethu uMsindisi wethu oyintanda, iNkosana yoXolo, oNgcwele kaSirayeli. Ngalo umnqweno, ngoku ngamandla, awucacisi kuphela ukuba singoobani njengamalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela kodwa nangakumbi ukuba ngokwenene singoobani na njengabafundi bakaKrestu.

Izikhumbuzo

  1. Luka 2:8.

  2. Bona Luka 2:15.

  3. Bona Mateyu 2:1–2.

  4. Bona Mateyu 2:11

  5. Bona Luka 2:22–38.

  6. Bona 3 Nifayi 1.

  7. Iindumiso 63:1.

  8. Bona Izenzo 13:22 .