2017
Nikulungele ukuThwalisana Imithwalo Yenu
eyoMnga 2017


Umyalezo waBandwendweli Makhaya, eyoMnga 2017

Nikulungele ukuThwalisana Imithwalo Yenu

Ngokuthandaza funda ezi zinto kwaye ucele impembelelo yokukwazi into yokwabelana. Ingaba ukuqonda injongo yeQumrhu Lamanina kungazilungiselela kanjani iintsikelelo zobomi banaphakade iintombi zikaThixo?

Ukholo, Usapho, Uncedo

“Thina singqongwe ngabo badinga uqaphelo lwethu, inkuthazo yethu, inkxaso yethu, intuthuzelo yethu, ububele bethu.” watsho uMongameli Thomas S. Monson. “Thina sizizandla zeNkosi apha kulomhlaba, ngomyalelo wokusebenzela kunye nowokuphakamisa abantwana Bakhe. Yena uxhomekeke kuye wonke omnye wethu.”1

UMongameli Henry B. Eyring, uMcebisi wokuQala kuBongameli bokuQala, wathi: “Utshintsho olukhulu lwaqalisa kwintliziyo yakho ngokuya wawufika eBandleni. Wena wenza umnqophiso, kwaye wafumana isithembiso esaqalisa ukutshintsha indalo yakho buqu. …

“… Wena wathembisa ukuba uyakunceda iNkosi yenze [eyabanye] imithwalo ibekhaphukhaphu kwaye bathuthuzeleke. Wena wanikwa amandla okunceda wenze lula loo mithwalo ngokuya wawufumana isipho soMoya oyiNgcwele.”2

“Thina sifuna ukusebenzisa ukhanyo lwevangeli ukubona abanye njengoko uMsindisi esenza—ngemfesane, ngethemba, kunye nangothando lokwenene,” watsho uJean B. Bingham, uMongameli Jikelele weQumrhu lamaNina. “Lona usuku luyakufika xa siyakuthi sibe nolwazi olupheleleyo lweentliziyo zabanye kwaye siyakubulela ukuba inceba igqithiselwa kuthi—ngokufanayo nje nakuthi xa sinikezela ngeengcinga zothando lokwenene kunye namazwi kwabanye. …

“Uxanduva lwethu kunye nenyhweba esinayo kukwamkela inkqubela kuye wonke umntu njengoko sizama ukufana ngakumbi noMsindisi wethu.”3

Njengoko sithwalisana imithwalo yethu kwaye sigcina iminqophiso yethu, sivula indlela yokuba uYesu Krestu aphilise abanye. UMdala Jeffrey R. Holland weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini wafundisa: “Ngokucinga ngokungelula ukuliqonda ixabiso lokuBethelelwa emnqamlezweni kunye neNtlawulelo, ndiyakuthembisa ukuba Yena akasayi kusijikela ngoku. Xa esithi kwabangamahlwempu ngokomoya, ‘Yizani kum,’ Yena uthetha ukuba uyayazi indlela yokuphuma kwaye uyayazi indlela eyonyukayo. Yena uyayazi ngoba ukhe wayihamba. Yena uyayazi indlela ngoba Yena uyiyo indlela.”4

IziBhalo Ezongezelelweyo

Mateyu 25:40; Kumagalati 6:2; Mozaya 2:17; 18:8–9

Izikhumbuzo

  1. Thomas S. Monson, “Serve the Lord with Love,” Liyahona, Mdumbe 2014, 4.

  2. Henry B. Eyring, “The Comforter,” Liyahona, Canzibe 2015, 18.

  3. Jean B. Bingham, “I Will Bring the Light of the Gospel into My Home,” Liyahona, Nkanga 2016, 6, 6.

  4. Jeffrey R. Holland, “Broken Things to Mend,” Liyahona, Canzibe 2006, 71.