2017
Ubomi Bomfundi
eyeThupha 2017


UMyalezo WobuMongameli Bokuqala, eyeThupha 2017

Ubomi Bomfundi

Iminyaka engamashumi amathathu adlulileyo eGhana, umfundi wase kholejini osemtsha ogama lingu Doe wanyathela ngaphakathi kwe ndlu yama LDS yomhlangano/ kwendlu yesikhungo/ yokunqula okokuqala. Umhlobo wamema uDoe ukuba aze naye, kwaye uDoe wayefuna ukwazi ukuba iCawa injani.

Abantu/babelungile befudumele wade akakwazi ukunceda kodwa azibuze, “loluphi uhlobo lwe cawa olu?”

uDoe wakhuthazeka kangangokuba wagqiba uba afunde kangakumbi nge cawa nabantu bayo, ababezele luvuyo. Kodwa wathi esaqalisa ukwenza njalo, abanjongo-ntle bosapho kunye nabahlobo baqala ukumchasa macala onke. Bathetha izinto ezoyikekayo ngeCawa kwaye benza konke abanako ukumyekisa.

Kodwa uDoe wayefumene ubungqina.

Waye nokholo, kwaye wayeyithanda ivangeli, eyayi zalisa ubomi bakhe ngo vuyo. Kwaye ke, wangena emanzini obhaptizo.

Emveni koko, wazintywilisela kwimfundo nomthandazo. Waye wazila kwaye wafuna impembelelo yoMoya Oyingcwele ebomini bakhe. Nje ngesiphumo, ubungqina buka Doe kunye nokholo lwakhe lomelela lwaze lwanzulu. Ekugqibeleni wagqiba/kwelokuba asebenze kubuvangeli bexesha elizeleyo beNkosi.

Emveni kokuba ebuyile kubufundisi bakhe, uye wakhuphana waza watshata nobuya kubuvangeli-lo kanye waya wambhaptiza kwiminyaka yangaphambili-kwaye kamva baye batywinwa kwiTempile yase Johannesburg eMzantsi Afrika.

Emininzi iminyaka idlule kusukela uDoe Kaku waqala wazibonela uvuyo lwe vangeli ka Yesu Krestu. Ngela xesha, ubomi /babunga soloko bumnandi kuye. Uye wanyamezela esakhe isixa solwaphulontliziyo kunye nentlupheko/ukungabi nathemba, kuquka nokulahlekelwa ngabantwana ababini—usizi olunzulu lwalamava lusa sinda nzima phezu kwentliziyo yakhe.

Kodwa yena nomyeni wakhe, uAnthony, bazame okusemandlani ukusondela omnye komnye nothandekayo Ubawo Osemazulwini, abamthanda ngentliziyo zabo ziphela.

Namhlanje, iminyaka engama 30 emveni kokuba wangena emanzini obhaptizo, uDade Kaku usandula ukugqiba obunye ubuvangeli be xa elizeleyo-ngelixesha ecaleni komyeni wakhe, owayengu mongameli wemishini/wevangeli eNigeria.

Abo bamaziyo uDade Kaku bathi kukho into/ ekhethekileyo eyodwa ngaye. / uyakhazimla Kunzima ukuchitha ixesha naye ungakhange uzive /wonwabile wena /buqu.

Ubungqina bakhe bububo/bucacile: “ Ndiyayazi okokuba uMsindisi undibona okwe ntombi yakhe kwakunye nomhlobo wakhe (bona Mozaya 5:7; Etere 3:14,” utsho. “Kwaye ndiya funda kwaye ndizama nzima ukuba ngumhlobo wakhe-hayi ngendikuthethayo kuphela kodwa nangendikwenzayo.”

Singabafundi

Ibali lika Dade Kaku liyafana nalawo abanye abaninzi. Uye wakhanuka/wayenomnqweno wo ukwazi inyaniso, uye wahlawula ixabiso loku fumana ukukhanya kokomoya, uye walubonisa uthando lwakhe kuThixo nolwabantu bakhe, kwaye apha endleleni uye wazibonela ubunzima kunye nosizi.

Kodwa kungakhathaliseki ngempikiswano, kungakhathaliseki ngosizi, uye waqhubekeka esiya phambili ngokholo. kwaye kwanjalo ngokubaluleka, ulugcinile uvuyo lwakhe. Ufumene indlela hayi kuphela eyokunyamezela ubunzima bobomi kodwa eyokweyisa kungakhathaliseki kona!

Ibali lakhe liyafana nelakho nelam.

Kunqabile ihambo yethu ibe / mpuluswa okanye ingabi nazilingo.

Sonke sinako ukuqaqanjelwa zintliziyo zethu, okwethu ukudana, olwethu usizi.

Kungenzeka sizive singakhuthazeki kwaye maxesha wambi songanyelwe.

Kodwa abo baphila ubomi bomfundi—othi ahlale eselukholweni kwaye aqhubekeke esiya phambili ngokholo; omthembayo uThixo kwaye agcine imi yalelo yaKhe;1 ophila ivangeli imihla nge mihla iyure ngayure; onikezela imisebenzi obuKrestu kwabo bamngqongileyo, isenzo esinye esilungileyo ngexesha—ngabo abasenzo zabo zincinci zivame ukwenza umahluko omkhulu.

Abo bathe chatha ngobubele kancinci, isuntswana khakhulu ngokuxolela/okuthe chatha ngakumbi ukuxolela, kwanochatha wenceba ngabo abanenceba abayokuthi bafumane inceba.2 Abo benza elihlabathi indawo ebhetele, isenzo sokukhathala nesothando ngexesha, kwaye bazame ukuphila obusikelelekileyo, obanelisayo, kwaye obunoxolo ubomi bomfundi ka Yesu Krestu ngabo abo bayakuthi bafumane uvuyo.

Baya kuthi bazi ukuba “uthando luka Thixo,oluzi phalaza lubanzi ezintliziyweni zabantwana babantu … lolona lukhanukekayo ukwedlula zonke izinto … kwaye olona luvuyisayo kumphefumlo.”3