2017
Uvuyo njengoMfundi ka Yesu Krestu
eyeThupha 2017


Ulutsha

Uvuyo njengoMfundi ka Yesu Krestu

Sekhe wanayo imini embi? Wakhe wabanayo imini embi? Wenza ntoni ukuze utyileke? uMongamelu uUchtdorf uyayazi ukuba “sinentlungu zentliziyo, ukudana kwethu nosizi lwethu. Singaziva singakhuthazeki kwaye maxesha wambi songanyelwe.”

Isombululo sakhe kukuphila oku akubiza “ubomi bomfundi”: “hlala elukholweni kwaye uqhubekeke usiya phambili ngokholo.” Xa sisiya phambili ngokholo, siyakwazi ukumthemba uThixo, sigcine imithetho yaKhe, kwaye sisebenzele abanye/ sincede abanye—sive novuyo ngelixesha layo yonke lonto! Njengoko uMongameli Uchtdorf etshilo, “abo baphila ubomi bomfundi … ngabo ezenzwana zabo zenza umehluko omkhulu.”

Cingisisa ngokwenza uluhlu lweendlela ongathi uphile obomfundi ubomi ngazo. Njengokuba/Umzekelo, ungabhala icebo lenkonzo njengo “kunceda abazali balungise idinala” okanye icebo lokugcina imiyalelo njengo “thandazela umonde ongakumbi kubo abantakwethu.” Ngexesha elilandelayo uziva uxakekile okanye wongamelwe, khupha uluhlu lwakho, khetha icebo, uze ulizame!