UMyalezo woBongameli Bokuqala, eyeKhala 2017
Umvuzo Wokunyamezela Kakuhle
Ngexa ndandilityendyana, ndaye ndanceda eBandleni njengomcebisi kumongameli wesithili owayekrelekrele. Wayesoloko ezama ukundifundisa. Ndikhumbula ingcebiso awakhe wandinika yona: “Xa udinabana nomnye umntu, mphathe ngathi usengxakini enkulu, kwaye uyakuba ulungile kumaxesha angaphezulu kwesiqingatha. “Ndaye ndacinga ngoko ukuba wayebugxeka. Ngoku, emva kweminyaka engama 50 kamva, ndiyabona ukuba wayeliqonda kakuhle kanjani ihlabathi kunye nobomi.
Sonke sinezilingo esijongana nazo—ngamanye amaxesha, izilingo ezinzima kakhulu. Thina siyazi okokuba iNkosi iyasivumela ukuba sibenezilingo khona ukuze sikhazimliswe kwaye sigqibelele ukuze sibenaYe ngonaphakade.
INkosi yafundisa uMprofethi uJoseph Smith eNtolongweni yaseLiberty okokuba umvuzo wokunyamezela izilingo zakhe kakuhle kwakuyokumnceda okokuba alungele ubomi banaphakade.
“Nyana wam, uxolo malube semphefumlweni wakho; ubunzima bakho neenkxwaleko zakho ziya kuba zezomzuzwana nje;
Kwaye ngoko, ukuba uzinyamezela kakuhle, uThixo uya kukuphakamisela wena phezulu; uya koyisa phezu kwazo zonke iintshaba zakho.” (Imfundiso & Neminqophiso 121:7–8).
Izinto ezininzi zisibetha ebomini kude kubonakale ngathi kunzima ukunyamezela kakuhle. Kungabonakala ngaloo ndlela kusapho oluxhomekeke kwizityalo xa kungekho mvula. Lungakhwankqiseka, “Ingaba singabambela ixesha elide kangakanani?” Kungabonakala ngaloo ndlela kulutsha olujongene nokuchasana kwesikhukula esikhulayo sokungcola kunye nesihendo. Kungabonakala ngaloo ndlela kwityendyana elisokola ukufumana imfundo okanye uqeqesho aludingela umsebenzi ukuze axhase unkosikazi nosapho. Kungabonakala ngaloo ndlela kumntu ongafumani msebenzi okanye othe waphulukana nomsebenzi emva komsebenzi njengoko amashishini evala iingcango zawo. Kungabonakala ngaloo ndlela kwabo bajongane nokuphelelwa yimpilo kunye nokomelela kwabo, okungathi kuze kwangoko okanye ebudaleni ebomini babo okanye kwabo babathandayo.
Kodwa uThixo othandayo akabekanga ezoo mvamvanyo zinjalo phambi kwethu nje ukubona ukuba singanyamezela ubunzima kodwa ukubona ukuba singabunyamezela kakuhle khon’ukuze sikhazimliswe.
UBongameli BokuQala bafundisa uMdala Parley P. Pratt (1807–57) xa wayelilungu elitsha elisandul’ ukubizwa leQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini: “Ubhalise kumsebenzi ofuna ukumamela kwakho okupheleleyo; …ubelitolo elikhazimlisiweyo. … Kufuneka unyamezele ukubulaleka okuninzi, umsebenzi omninzi, kunye nobunzima obuninzi ukuze ukhazimliswe ngokugqibeleleyo. … UBawo wakho oseZulwini uyakudinga; intsimi yeyaKhe; umsebenzi ngowaKhe; kwaye Yena uya … kukuvuyisa … kwaye akukhuthaze.1
Kwincwadi yamaHebhere, uPawulos uthetha ngesiqhamo sokunyamezela kakukhle: “Lonke ke uqeqesho okunene ngokwakalokunje alubonakali luluvuyo, lubonakala luyintlungu; kodwa kamva lubanika isiqhamo esiluxolo, oko kukuthi sobulungisa, abo baqhelisiweyo lulo” (AmaHebhere 12:11).
Izilingo zethu kunye nobunzima bethu businika ithuba lokufunda nokukhula, kwaye bungaguqula nendalo yethu. Ukuba singajikela kuMsindisi ngelixa lezilingo zethu ezinzima, imiphefumlo yethu ingabengezeliswa njengoko sinyamezela.
Ngoko ke, into yokuqala ukuyikhumbula kukuthandaza qhoro (bona Imfundiso & Neminqophiso 10:5; Alma 34:19–29).
Into yesibini kukuzama ngokuqhubekekayo ukugcina imiyalelo—nokuba ithini inkcaso, isihendo, okanye isiphithiphithi esisingqongileyo (bona Mozaya 4:30).
Into yesithathu ebalulekileyo yokwenza kukukhonza iNkosi (bona Imfundiso & Neminqophiso 4:2; Imfundiso & Neminqophiso 20:31).
Kwinkonzo yoMkhokeli, siye simazi kwaye simthande. Thina, ukuba siyanyamezela emthandazweni kunye nakwinkonzo enyanisekileyo, siyakuqala ukubona isandla soMsindisi kunye nempembelelo yoMoya oyiNgcwele ebomini bethu. Uninzi lwethu siye sanikela exesheni elide ngenkonzo enjalo kwaye sabuva oboo bulingane. Ukuba ucinga emva kweloo xesha, uyakukhumbula ukuba kwakuneenguqu kuwe. Isihendo sokwenza okubi sabonakala sincipha. Umnqweno wokwenza okulungileyo kongezeleka. Abo babekwazi kakuhle kwaye bekuthanda mhlawumbi bathi: “Unobubele kwaye unomonde omninzi. Awubonakali ungumntu ofanayo.”
Awusenguye la mntu. Waye waguqulwa ngeNtlawulo kaYesu Krestu kuba wawuthembele kuYe ngexesha lesilingo sakho.
Ndiyakuthembisa okokuba iNkosi uyakuza kuncedo lwakho kwizilingo zakho ukuba uyayifuna kwaye uyikhonze kwaye umphefumlo wakho uyakubengezeliswa kuloo nkqubo. Ndikunika umcelingeni wokuba ubeke ithemba lakho kuYo kwiimbandezelo zakho zonke.
Ndiyazi ukuba uThixo uBawo uyaphila kwaye Yena uyayiva kwaye uyayiphendula imithandazo yethu yonke. Ndiyazi okokuba uNyana waKhe, uYesu Krestu, walihlawula ixabiso lezono zethu zonke kwaye Yena ufuna ukuba size kuYe. Ndiyazi ukuba uBawo kunye noNyana bayasijonga kwaye basilungiselele indlela yokunyamezela kakuhle kwaye ukuba sibuyele ekhaya kwakhona.
© 2017 nguIntellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Ishicilelwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/17. Isivumelo senguqulelo 6/17. Inguqulelo First Presicency Message, July 2017. Xhosa. 97927 774