2017
Xa Umhlobo Wam Wayesweleka
eyeKhala 2017


Ulutsha

Xa umhlobo Wam Wayesweleka

Umbhali uhlala e-Utah, USA.

Ngelixa ndandikunyaka wam owandulela owokugqibela kwisikolo samabanga aphakamileyo, umhlobo wam wayenesifo sokudumba komthambo wengqondo kwaye waye wasweleka ngosuku olulandelayo. Nangona ndandililungu leBandla, ndaye ndabhideka. Ndandifundiswe ubomi bam bonke ukuba ndandingajikela kuBawo OseZulwini kunye noMsindisi nakwintoni na, kodwa ndandizange ndibenokujongana nento enjena ngaphambili.

Ndaye ndakhala iiyure ezininzi, ndizama ukufumana nto ithile- nokuba yintoni na- engandinika uxolo. Ngobusuku emva kokusweleka kwakhe, ndaye ndajolisa kwincwadi yamaculo. Njengoko ndandityhila amaphepha, ndaye ndafikelela ku “Abide with Me; ’Tis Eventide” (Amaculo, no. 165). Umqolo wesithathu wabonakala ubalulekile kum:

Abide with me; ’tis eventide,

And lone will be the night

If I cannot commune with thee,

Nor find in thee my light.

The darkness of the world, I fear,

Would in my home abide.

O Savior, stay this night with me;

Behold, ’tis eventide.

Lo mqolo wandizalisa ngoxolo oluninzi kakhulu. Ndaye ndazi ngoko okokuba uMsindisi wayengenokuhlala nam qha kobo busuku kodwa okokuba Yena wayesazi ngqo ukuba ndandiziva njani. Ndiyazi okokuba uthando endathi ndaluva kwiculo zange nje lundithwale kobo busuku qha kodwa lona lundithwele kwezinye izilingo ezininzi endithe ndazinyamezela.