Umyalezo Wabandwendweli Makhaya, eyeKhala 2017
Ukuze Babe Banye
Ngokuthandaza funda ezi zinto kwaye ucele impembelelo yokukwazi into yokwabelana. Ingaba ukuqonda injongo yoMbutho waManina kungazilungiselela kanjani iintombi zikaThixo iintsikelelo zobomi obungunaphakade?
Ukholo Usapho Uncedo
“UYesu waluzuza umanyano olugqibeleleyo noBawo ngokuzithoba Yena buqu, ngokwenyama kunye nangokomoya, kwintando kaBawo,” wafundisa uMdala D. Todd Christofferson weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini.
“… Ngokuqinisekileyo asinakuba mnye noThixo kunye noKrestu side sibe senza intando yaBo kunye nomdla waBo umnqweno wethu omkhulu. Intobeko enjalo ayifunyanwa ngemini enye, kodwa ngoMoya oyiNgcwele, iNkosi iyakusifundisa ukuba siyafuna kude, ekuhambeni kwexesha, ngokulungileyo kungatshiwo okokuba Yena ukuthi njengoko uBawo ekuYe.1
ULinda K. Burton, uMongameli Jikelele woMbutho waManina, wafundisa ukuba lusetyenzelwa kanjani olu manyano: “Ukwenza kunye nokugcina iminqophiso yindlela yokubonisa ukuzinikezela kwethu ekubeni sifane noMsindisi. Okugqibeleleyo kukuzamela impatho ebonakaliswa ngokungcono ngezi zaci zimbalwa zeculo elithandekayo: ‘I’ll go where you want me to go. … I’ll say what you want me to say. … I’ll be what you want me to be.’”2
UMdala Christofferson waye wasikhumbuza kwakhona okokuba “njengoko sizama ngemihla ngemihla kunye nangeveki ngevevi ukulandela indlela kaKrestu, umoya wethu unikezela ubungangamsha wawo, idabi elingaphakathi liyehla, kwaye izihendo ziyayeka ukusikhathaza.”3
UNeill F. Marriott, uMcebisi Wesibini kuBongameli Jikelele Bamantombazana Amancinane, unika ubungqina beentsikelelo zokuzama ukungqamanisa intando yethu nentando kaBawo: Ndaye ndasokola ukukhupha umnqweno wasemhlabeni wokuba nezinto ngendlela yam, ekugqibeleni ekuboneni ukuba eyam indlela iyasilela kakhulu, iyahluleka, kwaye ayiyonto kwindlela kaYesu Krestu. ‘[Indlela kaBawo wethu OseZulwini] ingumgaqo okhokelela elonwabeni kobu bomi nakubomi banaphakade kwilizwe elizayo.’”4 Masizameni ngokuthobekileyo ukuba sibe banye noBawo wethu OseZulwini kunye noNyana waKhe, uYesu Krestu.
IziBhalo Ezongezelelweyo kunye Nenkcukacha
Yohane 17:20–21; AbaseEfese 4:13; Imfundiso Neminqophiso 38:27; reliefsociety.lds.org
© 2017 ngu Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Ishicilelwe e-USA. Isivumelo SesiNgesi: 6/17. Isivumelo Senguqulelo: 6/17. Inguqulelo Visiting Teaching Message, May 2017. Xhosa. 97927 774