UMyalezo woBongameli Bokuqala, EyeSilimela, 2017
Ukubizelwa kuwo uMsebenzi
Xa uMprofethi uJoseph Smith wayebiza uMdala Heber C. Kimball (1801–68) ukuba “avule umnyango wosindiso” njengomfundisi eEngland, uMdala Kimball wagutyungelwa yimizwa yokuzidelela.
“Kowu, Nkosi,” yena wabhala, “mna ndiyindoda yolwimi oluthintithayo, kwaye ngokukonke andiwulungelanga onje umsebenzi.”
UMdala Kimball walamkela ubizo ngoku kunjalo, esongeza: “Ezi ngcinga azizange zindithintele mna kuyo indlela yoxanduva; ngomzuzu endathi ndayiqiqela ngalo intando kaBawo oseZulwini, mna ndeva ukuzimisela ngako konke, ndikholelwa ukuba Yena wayeza kundixhasa ngawakhe Yena amandla amakhulu, kwaye andiwonge ngalo lonke iwonga endandilidinga.”1
Bazalwana bam noodade abancinci ababizwa kumsebenzi wobufundisi, nibizelwe kuwo umsebenzi ngokuba nina, njengoMdala Kimball, ninayo “iminqweno yokusebenzela uThixo” (IMfundiso neMinqophiso 4:3) kwaye ngokuba nikulungele kwaye nikufanele.
Zibini ezindala, nibizelwe kuwo umsebenzi ngezizathu ezifanayo. Nina, kungenjalo, anizi nomnqweno wokusebenza kuphela kodwa kunye nobulumko obufumaneke kumaxesha wedini, wothando, kunye namava uBawo oseZulwini anokuwasebenzisa ekuchukumiseni iintliziyo zoonyana neentombi zakhe Yena ezikhangela inyaniso. Ngaphandle kwentandabuzo nina nifundile ukuba asingekhe siyithande ngokwenyani iNkosi singekade siyisebenzele Yona ngokunceda abanye.
Kwiminqweno yenu yokusebenza njengabafundisi, niyakongeza ukholo kunye nokhuseleko, ubukhalipha kunye nokuzithemba, ukusombulula kunye nokuzingisa, ukuzimisela kunye nokuzinikela. Abazinikeleyo abafundisi bangazisa imimangaliso kwidlelo lobufundisi.
UMongameli John Taylor (1808-87) washwankathela iimpawu eziyimfuneko kubafundisi ngoluhlobo: “Lona uhlobo lwamadoda [kunye nabafazi kunye nabatshatileyo] thina esibafunayo njengabathwali balomyalezo wevangeli ngamadoda anokholo kuThixo; amadoda anokholo kwinkolo yawo; amadoda abubekileyo ububingeleli bawo; amadoda ekukuwo … uThixo anengqiniseko. … Thina sifuna amadoda azele uMoya oyiNgcwele kunye namandla kaThixo[,] … Amadoda entlonipho, ukunyaniseka, ubunyulu, kunye nokuhlambuluka.”2
Yona iNkosi yabhengeza:
“Kuba qaphelani intsimi ivuthiwe ilungele ukuvunwa; kwaye yabonani, lowo uyiphosayo irhengqe yakhe ngamandlakazi akhe, onjalo ubeka kuvimba oko kungatshabalaliyo, kodwa uzisa usindiso emphefumlweni wakhe;
Kwaye ukholo, ithemba, nothando lwenene, nothando, ngeliso elinye elijonge uzuko lukaThixo, zenza afanele umsebenzi.” (IMfundiso neMinqophiso 4:4–5)
Ubizo lakho luze ngempembelelo. Mna ndiyangqina ukuba yena ekuthi uThixo ambize, uThixo umenza afanele. Wena uyakufumana uncedo lwamazulu xa usebenza ngokuthandaza kwisidiliya seNkosi.
Isithembiso esihle iNkosi eyasinika abafundisi bokuqala kolu usasazo lwevangeli, ngokuqulathwe kuyo iMfundiso neMinqophiso, siyakuba sesakho: “Ndiyakuhamba phambi kobuso benu. Ndiyakuba ngasesandleni senu sasekunene kwakunye nasekhohlo, kwaye uMoya wam uya kubasezintliziyweni zenu, kwaye iingelosi zam ziyakunirhangqa, zinithwale” (Imfundiso neMinqophiso 84:88).
Njengoko usebenza, uyakwakha ezobutyebi iinkumbulo nobuhlobo. Andazi ngadlelo elivelisa isivuno esigqithisileyo solonwabo kunedlelo lobufundisi.
Ngoku, ilizwi elenzelwe abo badala, oodade, kunye nabatshatileyo abathi, ngenxa yasisathu sithile, bangabi nako ukukwazi ukugqibezela ixesha abalisikelweyo kwidlelo lobufundisi: iNkosi iyanithanda. Uyalamkela idini lenu. Unolwazi ngokudana kwenu. Yazini ukuba Yena usenomsebenzi wokuba niwenze. Musani ukuvumela uSathana anixelele okukokunye. Musani ukudandatheka; musani ukungakhuthazeki; musani ukulahlekelwa lithemba.
Njengokuba ndabona kwinkomfa jikilele kungekudala emva kokubizwa kwam ukuba ndikhokele eliBandla: “Musa ukoyika. Yomelela. Ikamva liqaqambe okokholo lwakho.”3 Esasithembiso siseyinyani kuni. Ngoko musani ukulahlekelwa lukholo lwenu, ngoba iNkosi ayilulahlanga ukholo kuni. Gcinani iminqophiso yenu kwaye nisingise phambili.
Ihlabathi lidinga ivangeli kaYesu Krestu. Yanga iNkosi ingabasikelela bonke abaNgcwele bayo Yona—kungakhathaliseki ukuba sisebenza phi—ngentliziyo yobufundisi.
© 2017 ngu Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Ishicilelwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/16 Isivumelo senguqulelo 6/16. Inguqulelo yawo First Presidency Message, June 2017. Xhosa, 97926 774