UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyeSilimela 2017
Amandla oBubingeleli ngako ukuGcina iMinqophiso
Funda ngokuthandaza ezizinto kwaye uphande impembelelo yokwazi ukuba yintoni na onokuyaba. Ukuqonda ngomsebenzi woMbutho waManina kungazilungiselela njani iintombi zikaThixo ukufumana iintsikelelo zobomi obungunaphakade?
Ukholo Usapho Uncedo
“Owam umyalezo kuye … wonke kukuba thina singakwazi ukuphila iyure nganye ‘sisikelelwe kuko ukomelela kwamandla obubingeleli,’ nokuba yeyiphi na imeko yethu,” watsho uMdala Neil L. Andersen weQumrhu labaPostile Abalishumi elinambini.
“… Xa ngokufaneleyo uthatha inxaxheba kwimimiselo yobubingeleli, iNkosi iyakunika amandla amakhulu, uxolo, kunye nombono kanaphakade. Nokuba ithini na imeko yakho, ikhaya lakho liyakusikelelwa ngawo amandla obubingeleli.’”1
Siwamema njani amandla obubingeleli ebomini bethu? UMdala M. Russel Ballard weQumrhu labaPostile Abalishumi elinambini usikhumbuza ukuba “abo bona bathe bawangena amanzi obhaptizo baza mva bafumana ukuwongwa kwabo kuyo indlu yenkosi bazilungele iintsikelelo zobutyebi nezingummangaliso. Okukuwongwa kusisipho samandla … [kwaye] uBawo oseZulwini unesisa ngawakhe amandla Yena. Yena uyasikhumbuza ukuba amadoda nabafazi “bawongwa kunye ngalamandla afanayo” etempileni, “aye athi ngokwengcaciso abe ngamandla obubingeleli.”2
ULinda K. Burton, uMongameli Jikelele weQumrhu lamaNina, wathi: “Kuba amandla obubingeleli eyinto sonke esinqwenela ukuba nayo kwiintsapho namakhaya wethu, yintoni thina esidinga ukuyenza ukuze simemele lamandla kubomi bethu? Ubulungisa bomntu bubaluleke kakhulu ekufumaneni amandla wobubingeleli.”3
“Ukuba thina singathi ngokuzithoba sizise iziqu zethu phambi kweNkosi kwaye siyicele Yona ukuba isifundise, Yona iyakusibonisa ukuba sikongeze njani thina ukufumana awaKhe amandla,” watsho uMongameli Russell M. Nelson, uMongameli weQumrhu labaPostile Abalishumi elinambini.4
IziBhalo Ezongezelelweyo kunye nenkcukacha
1Nifayi 14:14; IMfundiso neMinqophiso 121:36; 132:20; reliefsociety.lds.org
© 2017 ngu Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Ishicilelwe eUSA. Isivumelo SesiNgesi: 6/16. Isivumelo Senguqulelo: 6/16. Inguqulelo yawo Visiting Teaching Message, June 2017. Xhosa 97926 774