Ulutsha
Umfundisi ongena Bheji
Esikolweni ndinetitshala enesimo sokuba ingade imoyikise umntu ngokwaba izimvo ezichasileyo kwisihloko. Ngenye imini sathetha kwisihloko sabafundisi babaNgcwele bemihla yaMva. Ndandisazi ukuba ndandinako ukuyiphendula imibuzo yakhe, kodwa ndeva ngathi kwakungafanelekanga. Ngoko ndathetha nje okwaneleyo ukuze ndimanelise okwelo xesha.
Kwiiveki ezimbalwa ezilandelayo ndandingayeki ukucinga ngencoko yethu. Ekugqibeleni, ingcinga yafika kum ukuba ndimnike Incwadi ka Mormoni enezaci ezimbalwa eziphawuliweyo ezimalunga nomsebenzi wobufundisi. Le ngcinga yandoyikisa, kodwa yancekelela. Ndandiyazi ukuba yayi yimpembelelo ekwakunyanzelekile ukuba ndiyilandele.
Malunga neenyanga ezimbini mva, ndandisendiyenze yalunga Incwadi kaMormoni. Imini yonke ndandisiva ngathi lencwadi ka Mormoni yayitshisa umngxunya kubhaka wam. Lomizuzwanyana mithathu eyandithatha yona ukuba ndimnike yona njengoba ndandisiya kwiiholide zasebusika yayilelona xesha loyikekayo ebomini bam.
Ngosuku lokuqala kubuyelwe, ndagqitha kwiklasi yakhe kodwa ndandisoyika ukungena. Ndaza ndamva endibiza, waze wandinika khadi. Ndalifunda kwalapho kulondawo yokuhamba. Yena wabhala ukuba wayefunde “ngokubanzi” lomiqolo ndandiyiphawule, kwaye wayeqalisa ukubona izizathu ezisemva kokholo lwam.
Ndiyachwayita ngokwaba ivangeli ngoku, kwaye ndichwayita ngakumbi ngokusebenzela uBawo oseZulwini kwimishini kungekudala.