2010
INdlela Yakho eya eTempileni
Okthoba 2010


“INdlela Yakho eya eTempileni,” Liyahona, Dwarha 2010, 72–75

Eyabantwana

INdlela Yakho eya eTempileni

Ingaba uyazi ukuba yeyiphi itempile ekufuphi kuwe? Zoba umfanekiso wetempile leyo, uze uyixhome apho uza kuyibona khona yonke imihla.

Itempile yindlu yeNkosi. Yindawo apho sifunda ngoBawo waseZulwini, senze iminqophiso (okanye izithembiso) kunye naYe, kwaye sifumane iintsikelelo ezinkulu. Etempileni, sizenzela umsebenzi obalulekileyo kunye namalungu osapho athe asweleka. Umsebenzi owenziwa etempileni uquka ubhaptizo lwabafileyo, izipho kunye nokutywina. Oku kubizwa ngokuba yimimiselo yasetempileni.

Kwenzeka Ntoni Ngaphakathi kweTempile

Ubhaptizo lwabaFileyo

Xa uneminyaka esibhozo ubudala, ungabhaptizwa kwaye uqinisekiswe ukuba lilungu leBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Uninzi lwezinyanya zakho lwasweleka lungabhaptizwanga kwaye lungaqinisekiswanga. Nangona imizimba yabo ifile, imimoya yabo isaphila kwilizwe lomoya, apho bangafundiswa khona ivangeli kaYesu Krestu.

Xa uneminyaka eli-12 ubudala, ungaya etempileni kwaye unceda aba bantu ngokubhaptizwa kwaye nangokuqinisekiswa egameni labo. Banokukhetha emva koko ukuba bayafuna ukwamkela ubhaptizo kunye nokuqinisekiswa. Uya kunxiba mhlophe wonke xa ubhaptizelwa abafileyo, njengoko wenzayo xa wawubhaptizwa wena buqu.

Cela abazali bakho ukuba bakuncede wenze uluhlu lwamalungu osapho athe asweleka engakhange abhaptizwe kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Fumanisa ukuba kukho umntu okhe waya etempileni na ukuba abhaptizelwe wona.

ISiphiwo setempile

Enye yeentsikelelo ezinkulu zasetempileni sisipho setempile. Isiphiwo sithetha “isipho.” Xa ufumana isiphiwo sakho, uya kufunda okuninzi malunga necebo losindiso kwaye wenze iminqophiso. Iminqophiso zizithembiso esizenza noBawo OseZulwini. Njengoko ugcina loo minqophiso, uzilungiselela ukuphila noBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu ngenye imini.

Ngaphakathi kwetempile kukho igumbi elihle, nelinoxolo elibizwa ngokuba ligumbi leselestiyali. Kwigumbi leselestiyali siziva sisondele kuBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu, kwaye sikuva ngokuncinci ukuba kuya kuba njani ukuhlala naBo kubukumkani beselestiyali.

Ukutywinwa ngokweXesha kunye nangoNaphakade

Xa indoda nomfazi betshata etempileni, baguqa esibingelelweni kwaye batywinelwa ixesha kunye nonaphakade. Oku kuthetha ukuba bona nabantwana babo banokumanyana kunye njengosapho lwanaphakade. Cwangcisela ukutshatela etempileni ngenye imini. Le yeyona ntsikelelo inkulu yasetempileni.

IMvume yaseTempileni

Itempile yindawo engcwele. OoBhishophu nabongameli bamasebe baqinisekisa ukuba abo bangena etempileni bazilungiselele kwaye bafanelekile. Phambi kokuba uye etempileni, uya kuba nodliwano–ndlebe olukhethekileyo nobishophu wakho okanye nomongameli wesebe lakho. Uya kukubuza ukuba unabo na ubungqina beBandla, uyayigcina imithetho, uyazixhasa iinkokheli zeBandla, uyalithobela iLizwi loBulumko, uyazihlawula izishumi, kwaye uthembekile kuyo yonke into oyenzayo noyithethayo. Uya kukunceda wazi ukuba wenzeni ukuze ufanelekele ukungena etempileni.

Lungiselela Ngoku Ukungena eTempileni

UBawo oseZulwini unika iintsikelelo ezininzi kwabo baphila ngokulungileyo kwaye bazimase itempile. Kubalulekile ukulungiselela ukungena etempileni ngelixesha usemncinane.

UBawo oseZulwini uyakuthanda kwaye ufuna ukuba ufumane iintsikelelo zasetempileni. Uya kukusikelelela ukuze uzenzele imimiselo yasetempileni yakho kunye neyabanye. Nangona usenokungabinako ukungena etempileni okwangoku, ukuba kukhona itempile ekufuphi, ungandwendwela umhlaba wetempile kwaye uve umoya okhoyo apho. Ungagcina nomfanekiso wetempile ekhayeni lakho ukuze uzikhumbuze ngokubaluleka kwetempile. Phila ngokulungileyo ukuze ukufanele ukungena endlini yeNkosi.