2010
Itempile Engcwele
Okthoba 2010


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, oktobhazt 2010

ITempile Engcwele

Ezitempileni, amalungu eCawa abazilungisayo bangakwazi ukuthatha inxaxheba kweyona mimiselo ikhululayo inobuqhaqhawuli etyhiliweyo ebantwini.

Ezitempileni singakwazi ukuthatha inxaxheba kweyona mimiselo inobuqhaqhawuli nekhululayo.

Kukho izizathu ezininzi ezinokubangela ukuba umntu aze etempileni. Kanye kanye nenkangeleko yayo yangaphandle ibonakalisa injongo nomsebenzi wayo omkhulu. Oku kubonakala kakhulu ngaphakathi kwamadonga ayo. Ngaphaya komnyango wetempile kubonakala mnikelo “Ubungcwele eNkosini.” Xa ungena nakweyiphi na itempile enikelweyo, usendlwini yeNkosi.

Ezitempileni, amalungu eCawa abazilungiselelayo bangakwazi kuthabatha inxaxheba kweyona mimiselo inobuqhaqhawuli ikhululayo ethyiliweyo ebantwini. Apho, kummiselo nenkonzo yemicimbi engcwalisekileyo, umntu anagakwazi ukuhlanjwa kwaye athanjiswe kwaye afundiswe kwaye enze idinga kwaye atywinwe. Kwaye xa sesizamkele ezi ntsikelelo ngeziqu zethu, singakwazi ukukulungiselela nokwenzela abo abangasekhoyo abasweleka bengazange babenalo elithuba lifanayo. Ezitempileni imimiselo engcwalisekileyo iyenziwa yenzelwe abaphilayo kunye nabangasekhoyo.

Le mimiselo kunye neenkonzo zemicimbi yetempile zicacile gca, zintle, kwaye zingcwalisekile.

Ukufundisisa ngononophelo izibhalo ezingcwele ziyatyhila ukuba INkosi azange ibaxelele yonke into abantu Bayo. Kwakukho eminye imiqathango eyayibekiwe eyayifuneka ukuba ibe iyafezwa ukuze kufunyanwe ulwazi olungcwalisekileyo. Imicimbi yeTempile ingena ngaphantsi kwelinqanaba.

Asithethi ngemimiselo yasetempileni ngaphaya kwamasango etempile. Yayingeyo njongo ukuba ulwazi lwemicimbi yetempile luphelele kwabambalwa abakhethiweyo ababebophelekile ukuba baqinisekise ukuba abanye bangaze bafunde ngayo. Enyanisweni, inyaniso yimpikiso yoku. Ngeenzame ezinkulu siyanikhuthaza ukuba wonke umphefumlo ufaneleke kwaye ulungiselele lamava etempile. Abo abasebeyile etempileni bafundiswe imeko egqibeleleyo: Ngenye imini wonke umphefumlo kunye nayo yonke imiphefumlo eyakhe yaphila iyakuba nethuba lokuva ivangeli kwaye yamkele okanye yale esikuphiwa yitempile. Ukuba elithuba likhatyelwa kude, ukulikhabela ngaphandle kufuneka kube yinxenye yomntu ngamnye.

Imimiselo kunye nemisebenzi yetempile icace gca. Mihle. Ingcwalisekile. Iyakokoswa ngononophelo ihlonitshwe ukuze inganikwa abo abangakayilungeli. Ukuthanda ukwazi ayilolungiselelo. Umdla onzulu ayilolungiselelo. Ulungiselelo lwalemimiselo luquka amanyathelo okuqala: ukholo, inguquko, ubhaptizo, ukuvunywa, ukufaneleka, ukubhadla kunye nesidima esifanele lowo oza emenyiwe njengondwendwe endlwini yeNkosi.

Abo abafanelekileyo bangayingena itempile.

Bonke abafanelekileyo kwaye abanegunya ngayo yonke indlela bangayingena itempile, apho bayokwaziswa kwimvuselelo nemimiselo.

Xa sowunovakalelo lwexabiso lwentsikelelo zetempile kwaye lwemimiselo engcwele yetempile, uyakuthandabuza ukubuza ngamabanga aphezulu abekwe yiNkosi ukuba ungene etempileni engcwele.

Kufuneka ube nemvume evunyiweyo ukuze ungene etempileni. Le mvume kufuneka ibe isayiniwe ngabaseofisini abanegunya elifanelekileyo beCawa. Ngabo abafanelekileyo qha ekufuneka beye etempileni. Ubishophu wengingqi yakho okanye umongameli wesebe lakho leCawa unomthwalo wokubuza imibuzo ngeemfanelo zobomi bakho phambi kokuba wamkele imimiselo yetempile. Olu dliwano ndlebe lubaluleke kakhulu, ngokuba lithuba lokuba ukhangele kunye nomkhonzi obekiweyo umzobo nesimo sobomi bakho. Ukuba kukho into engamanga kakuhle ebomini bakho, ubishophu uyakukwazi ukukunceda ukuba uyisombulule. Ngalendlela yomthetho isekiweyo, ungakwazi ukutsho okanye uncedwe useke ukufaneleka kwakho bokuba ungene etempileni kunye nemvume yeNkosi.

Udliwano ndlebe ukuze ufumane imvume iqhutywa ngentlonipho phakathi kobishophu kunye nelungu leCawa elibandakanyekayo. Apha eli lungu libuzwa imibuzo ekhangelayo ngekqubo yobomi bakhe, ukufaneleka kwakhe, kunye nokuzinikela kwakhe eCaweni kunye nababambe iiofisi zayo. Umntu kufuneka afunge ukuba impatho yesiqu sakhe ebomoni ilungile kwaye icocekile kwaye uyaligcina ILizwi loBulumko, ubhatala isishumi esipheleleyo, kwaye uphilisana ngovisiswano nakamnandi neemfundiso zeCawa, kwaye akanabudlelwano okanye namfesane namaqela akreqayo kuThixo. Ubishophu uyayalelwa ukuba lemicimbi ayiphathe ngentlonipho nomntu ambuzayo ngamnye oku kubaluleke kakhulu.

Iimpendulo ezamkelwayo kwimibuzo kabishophu iyakuba zeziseka ukufaneleka komntu ngamnye ukuba afumane imvume yokungena etempileni. Ukuba umntu ocela imvume akayigini imithetho okanye kukho into engakalungiswayo ngobomi bakhe efuneka ukuba imiswe kakuhle, kuyakufuneka ukuba abonakalise uguquko lokwenene phambi kokuba afumane imvume yokungena etempileni.

Emva kokuba ubishophu elugqibile olo dliwano ndlebe, umongameli ophezulu wengingqi yonke naye uye abanodliwano ndlebe kunye nawe phambi kokuba ufumane imimiselo yetempile.

Imfundiso yasetempileni ingempawu.

Phambi kokuba uye etempileni okokuqala, okanye emva kwamaxesha amaninzi, kuyakukunceda ukuba uqwalasele ukuba imfundiso etempileni yenziwa ngendlela yophawulo. INkosi, Oyena Mfundisi uyiNkosi, wanika iziyalelo Zakhe ezininzi ngalendlela.

Itempile sisikolo esikhulu. Yindlu yokufunda. Ezitempileni umoya wakhona uyagcinwa ukuze ibe yeyona ndawo ilungele umyalelo kwizinto ezinzulu zomoya. UMdala owaswelekayo uJohn A. Widtsoe weQumrhu labaLishumi eLinesibini wayengumongameli weYunivesithi owahlukileyo kwaye nomfundi obekekileyo owaziwayo lihlabathi. Wayenesimilo esikhulu nentlonipho ngoomsebenzi wasetempileni ngelinye ithuba wathi:

Imimiselo yasetempileni iphethe lonke icebo lentsindiso, njengokuba ifundiswa ngamaxesha ngamaxesha zinkokheli zeCawa, kwaye icacisa izinto ezinzima ukuba siziqonde. Akukho kumosha okanye ukutshintshwa ekufakeni imfundiso zetempile kwicebo elikhulu lentsindiso. Ukugqibelela kwedinga okuhamba nenkolelo yenye yengxoxo yenyaniso njengokuba injalo yemimiselo yetempile. Ngapha koko, okukugqibelela kophando nokucaciswa kwecebo leVangeli, yenza unkqulo lwasetempileni ukuba lube yenye yendlela ezisebenzayo zokuhlaziya ukukhumbula sonke isakhiwo seVangeli.” (“Temple Worship,” Utah Genealogical and Historical Magazine, Apr. 1921, 58).

Ukuba uyakuya etempileni kwaye ukhumbule ukuba imfundiso ingophawu, akusoze uye ngomoya olungileyo ungakwazi ukuphuma nombono wakho ukhulile wangezelekile, uziva unyukile ubuqhaqhawuli, nolwazi lwakho longezwe kwizinto zomoya. Icebo lokufundisa lihle ngokumangalisayo. Liphenjelelwe. Inkosi Yona ngoBuqu, Umfundisi oMkhulu, wafundisa abalandeli Bakhe ngalo lonke ixesha ngemizekeliso namaqhalo—izinto ezinokuba nzima ukuba ziqondwe.

Itempile yona ngobuqu iye ibe luphawu. Ukuba sokhe wayibona enye yeetempile ebusuku, ikanyisiwe yonke ngokupheleleyo, uyayazi ukuba iba ngumbono omhle kangakanani na. Indlu yeNkosi, ingqongwe kukukhanya, ime ebumnyameni, iye ibe luphawu lwamandla kunye nempembelelo yevangeli kaYesu Krestu ema njengesibane ehlabathini eliye lintywila ngokuntywila ebumnyameni.

Ekungeneni etempileni, uye ukhulule iimpahla zasesitratweni anxibe ezimhlophe zasetempileni. Oku kutshintsha impahla kwenzeka kwindawo yokunxiba, apho umntu abaneqhaga lakhe kwaye nendawo yokunxibela eyeyakhe yedwa. Etempileni isimo esiphezulu sokunxiba kakuhle siyagcinwa ngononophelo. Xa ubeka impahla yakho ekhabhathini yakho, ushiya iinkathazo zakho kunye neentlupheko zakho kwaye neziphazamisi apho kunye nazo. Uphuma apha kulendawo incinci okunxibela unxibe mhlophe, kwaye uva umoya mnye kwaye uzive ulingana, ngokuba nabanye abakungqongileyo banxibe ngokufanayo.

Umtshato wasetempileni ngoyena mmiselo wasetempileni.

Abo benu abajonge umtshato wasetempileni bangafuna ukwazi ukuba yintoni eyakukwenzeka. Asiwacaphuli amazwi otywino (umtshato) ummiselo ngaphandle kwasetempileni, kodwa singachaza igumbi lokutywino njengokuba lihle ekubekweni kwalo, lithulile, kwaye linenzolo emoyeni, kwaye liphathwe ngumsebenzi ongcwalisekileyo owenziwayo apho.

Phambi kokuba amaqabane aye esibingelelweni ukuba benze ummiselo wotywino, lithamsanqa lomntu osekiweyo ukuba enze lomsebenzi ukuba anike laamaqabane asematsha kwaye nabo bafumane ingcebiso. Ezi ziyinxenye yeengcinga amaqabane angaziva ngelithuba.

“Namhlanje lusuku lwenu lomtshato. Niphethwe yimivakalelo neengcinga zomtshato wenu. Iitempile zakhiwa ukuba zibelikhusi lemimiselo efana nalo. Asikho sehlabathini. Izinto zehlabathi azisebenzi apha kwaye akufuneki ukuba ziniphembelele kwinto esiyenzayo apha. Siphumile ehlabathini sisetempileni yeNkosi. Oku kuye kube yeyona mini ebalulekileyo ebomini benu.

“Nazalwa, namenywa emhlabeni, ngabazali abanilungiselele itempile yobubomi besenzela umoya wenu ukuba uhlale khona. Umntu ngamnye kuni ubhaptiziwe. Ubhaptizo, ummiselo ongcwalisekileyo, luphawu lohlanjululo, lubonakalisa ukufa kunye novuko, luphawula ukuza ngaphambili ebomini obutsha. Luzikisa ukucingisisa ngoguquko kunye nohliso lwezono. Umthendeleko wesidlo seNkosi sangokuhlwa sisenzo kakutsha nenkumbulo yomnqophiso wobhaptizo, kwaye singakwazi, ukuba siphilela kona, sigcine uhliso lwezono zethu.

“Wena, myeni, wamiswa ebubingeleleni bobufundisi. Wanikwa ububingeleli bukaAroni kwaye kunokukwenzeka ukuba nakanjani na uqhubekekile kuzo zonke iofisi kengoko—umdikoni, utitshala, kunye nokuba ngumfundisi. Ze imini yafika apho wafunyanwa ufanelekile ukufumana uBubingeleli bukaMelkhizidek. Obo bubingeleli, ububingeleli obuphezulu, buchazwa njengobubingeleli bowona mthetho ungcwele kaThixo, okanye UBubingeleli oBungcwele obusemva koMthetho nokuMiswa kukaNyana kaThixo (bona Alma 13:18; Hilamani 8:18; Imfundiso neMinqophiso 107:2–4). Wanikwa iofisi yobubingeleli. Ngoku ungumdala.

“Ngamnye kuni nilifumene idinga lenu. Kwelo dinga wamkela isityalo samandla anaphakade. Kodwa zonke ezi zinto, ngokomnye umcamango, zezokuqala kwaye zinilungiselela ukuza kwenu esibingelelweni ukuba nizokutywinwa njengomyeni nonkosikazi okwexesha nangonaphakade. Ngoku nibalusapho, nikhululekile ukuba nithathe inxaxheba endalweni yobomi, ukuba nibe nethuba ngokuzinikela kwaye nincame nizise abantwana emhlabeni nibakhulise kwaye nibakhuthaze ngenkuselo ebukhweni babo kobubomi; nibabone besiza ngenye imini, njengokuba nizile, ukuba bathathe inxaxheba kulemimiselo yetempile ingcwalisekileyo.

“Niza ngokuzilangazelela kwaye ninikwe isigwebo sokuba nifanelekile. Ukwamkelana emnqophisweni womtshato ngumsebenzi omkhulu, lo ophethe kunye nawo iintsikelelo ezingalinganisekiyo.”

La mandla otywino aqhina emhlabeni kunye nasezulwini

Ukuba singaqonda imbali kunye nemfundiso yomsebenzi wasetempileni, kufuneka siqonde amandla otywino ukuba yintoni na. Kufuneka sibone, sizame nje inqanaba, ukuba kutheni izitixo zegunya lokusebenzisa amandla otywino zinyanzelekile.

“Ngoku uYesu waya emalwandle aseKhesare eFilipi, wabuza omnye wabalandeli bakhe, esithi, Athi amadoda Mna Nyana womntu ndingubani? …

“Kwaye uSayimoni Petrosi wamphendula kwaye wathi, Wena unguKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.

Kwaye uYesu wamphendula kwaye wathi kuye, Usikelelekile wena, Sayimoni Bhajona: ngokuba inyama kunye negazi azikutyhilelanga, kodwa uBawo wam osezulwini.

“Kwaye ndithi futhi kuni, Ukuba wena ukhoyo Petrosi, kwaye phezu kweli litye Ndiyakuyakha icawa yam; kwaye iiheke zasesihogweni azisayi kuyoyisa.

“Kwaye Ndiyakuninika izitixo zekumkani lezulu: kwaye nantoni na eniyakuyi qhina emhlabeni iyakuqhinwa ezulwini: kwaye nantoni na eniyakuyikhulula emhlabeni iyakukhululwa nasezulwini” (Matewu 16:13, 16–19).

UPetrosi wayezakuzibamba ezi zitixo. UPetrosi wayezakufumana lamandla okutywina, ukuze igunya elithwala amandla okuqhina okanye okutywina okanye okukhulula emhlabeni kwaye kwakuzakubanjalo emazulwini. Ezo zitixo zezikaMongameli weCawa—kumprofeti, imboni, kunye nomtyhileli. Loo mandla okutywina akunye neCawa ngoku. Akukho nto exatyiswa ukujongwa ngokungcwaliseka ngabo abakwaziyo ukubaluleka nentsingiselo yeligunya. Akukho nto ebanjelwe kufutshane njengale. Kukho abantu abambalwa ngenzalwano abaphathisiweyo lamandla okutywina emhlabeni nangeliphi na ixesha elibekiweyo—kwitempile nganye kukho abazalwane abawanikiweyo lamandla okutywina. Akukho mntu onokuwafumana ngaphandle anikwe ngumprofeti, iimboni, kunye nomtyhileli kwaye uMongameli weCawa kaYesu Krestu yeNtsuku ZokuGqibela.

UMprofeti Joseph Smith wathi wayebuzwa lo mbuzo amaxesha amaninzi “‘Singakwazi na ukusindiswa ngaphandle kokukwenza yonke laa mimiselo, njalo njalo?’Ndingaphendula, Hayi, hayi intsindiso epheleleyo. UYesu wathi, Kukho izindlu ezintle ezininzi endlwini kaBawo wam, kwaye Ndiyakuhamba, ndiyo kunilungisel indawo yenu.’ [Bona Yohane 14:2.] Indlu apha kufanele ukuba eligama laguqulwa lathi ikumkani; kwaye namphi na umntu ophakamiselwa endlwini enkulu eyeyona iphezulu kufuneka ahlale umthetho wephakade likaThixo, kwaye wonke lo mthetho” (kwi Imbali yeCawa, 6:184).

Umsebenzi weTempile uyintsusela yamandla omoya

IiTempile zingumbindi wokomelela komoya weCawa. Kufuneka silindele la mhendi ukuba uyakuzama ukusiphazamisa njengeCawa kwaye sonke umntu ngamnye njengokuba sifuna ukuthabatha inxaxheba kulo msebenzi ungcwalisekileyo uphenjelelweyo. Umsebenzi wetempile uzisa ukomelela okukhulu ngokuba uyintsusela yamandla amaninzi omoya kwaBangcwele beNtsuku ZokuGqibela kuye nayo yonke iCawa.

Kumnikelo welitye eliyikona nesiseko weTempile yaseLogan Utah, uMongameli George Q. Cannon, ngoko owayengowesiMongameli sokuQala seCawa, wathi:

“Lonke ilitye eliyinxenye yesiseko elibekwayo ekwakhiweni kweTempile, kwaye yonke iTempile egqitywayo ngendlela yeNkosi ityhila UBubingeleli bakhe obungcwele, ihlisa amandla kaSathana emhlabeni, kwaye yongeza amandla kaThixo kunye nobuThixo, ishukumisa amazulu ngamandla anamandla amakhulu anceda thina kwaye kusenzelwa thina, ivusa kwaye ibizele phantsi phezulu kwethu iintsikelelo zamandla ooThixo banaPhakade, kwaye kunye nabo abahlala ebukhweni babo” (in “The Logan Temple,” Millennial Star, Nov. 12, 1877, 743).

Xa amalungu eCawa ehlutshwa zingxaki okanye xa kufuneka benze izigqibo ezibaluleke kakhulu nezisinda nzima ingqiqo zabo, sisithethe sabo ukuba baye etempileni. Iyindawo elungileyo yokuba sise khona iinkathalo zethu. Etempileni singamkela imbono yomoya. Apho, ngexesha lenkonzo yetempile, asikho emhlabeni, “siphumile ehlabathini.”

Ngamanye amaxesha iingqiqo zethu ziphixene ziingxaki kwaye kukho izinto ezininzi ezilwela isihoyo sethu ngexesha elinye de singakwazi nokucinga kakuhle nangokucacileyo kwaye sibone kakuhle. Etempileni uthuli olusisiphazamisi luye luhle lucwangcele phantsi, inkungu nobudizi buyasuka, kwaye siyakwazi “ukubona” izinto ebesingakwazi ukuzibona ngaphambili kwaye sifumane indlela yokususa iingxaki zethu ebesingayazi ngaphambili.

INkosi iyakusisikelela xa sisenza umsebenzi imimiselo engcwalisekileyo yeetempile. Iintsikelelo apho aziyikuphelela kwezenkonzo yetempile qha. Siyakukusikelelwa kwimicimbi yethu yonke.

Imisebenzi yethu etempileni iyasigquma ngesikhuselo kunye nokuselo

Akukho msebenzi ukhusela leCawa njengomsebenzi wetempile kwaye nophando lwembali yosapho oluwuxhasayo lomsebenzi. Akukho msebenzi ucolayo umoya njenga lo. Akukho msebenzi esiwenzayo osinika amandla athe chatha kuna lo. Akukho msebenzi ofuna ibanga lobulungisa eliphezulu kuna lo.

Imisebenzi yethu etempileni iyasigquma ngesikhuselo kunye nokhuselo, umntu ngamnye kunye nathi sisonke njengabantu.

Ngoko ke iza etempileni—iza kwaye uzokuthatha iintsikelelo zakho. Ngumsebenzi ongcwalisekileyo.