Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, oktobhazt 2010
Iintsikelelo zeTempile
ITempile isinika injongo ebomini bethu. Izisa uxolo emiphefumlweni yethu—hayi uxolo esilunikwa ngabantu kodwa uxolo esiluthenjiswe nguNyana kaThixo njengokuba wathi, Uxolo ndilushiya nani, uxolo lwam Ndilunika nina.”
Etempileni singaziva sikufutshane neNkosi
Ndicinga ukuba akukho ndawo ehlabathini endiziva Ndikufutshane neNkosi naxa Ndikwenye yeetempile Zakhe ezingcwele. Ukushwankathela umbongo:
Ingaba kukude kanganani ezulwini?
Akukho kude kangako.
Ezitempileni zikaThixo,
Lilapho sikhoyo kanye.
INkosi yathi:
“Sanukubeka ubutyebi benu emhlabeni, apho ukungunda nokubola kumoshayo, kwaye apho amasela aqhekezayo kwaye abe:
“Kodwa zibekeni iindyebo zenu ezulwni, apho kungekho kubolo nokunguda okumoshayo, kwaye apho amasela angaqhekezi khona abe:
“Ngokuba apho iindyebo zikhona, intliziyo yenu iyakuba apho nayo.”1
Emalungwini eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele yeeNtsuku ZokuGqibela, itempile yeyona ingcwalisekileyo emhlabeni. Iyindlu yeNkosi, kwaye njengokuba umbhalo osetempileni ngaphandle uchaza, itempile bubungcwele beNkosi.”
Itempile iyasinyusa kwaye isinika ubuqhaqhawuli.
Etempileni, icebo likaThixo elinexabiso liyafundiswa. Kusetempileni apho iminqophiso yanaphakade yenziwa khona. Itempile iyasiphakamisa, isinike ubuqhaqhawuli, njengokukhanya bokuba sonke sibone, kwaye isalathisa uzuko lobukumkani bukaThixo. Iyindlu kaThixo. Yonke into eyenzekayo phakathi kweendonga zayo iyasinyusa iyasilungisa.
Iitempile yeyamasapho, enye yeendyebo ezinexabiso kobubomi. INkosi icacise gca ekuthetheni nathi bootata, ibonakalisa ukuba sinomthwalo wokuthanda amakhosikazi wethu ngeentliziyo zethu zonke kwaye sibasebenzele kunye nabantwana bethu sibondle. Ubonakalisile umsebenzi omkhulu esinokuwenza singabazali emakhayeni wethu, kwaye amakhaya wethu angalizulu, ingakumbi xa imitshato yethu itywiniwe endlwini kaThixo.
Umdala ongasekhoyo uMatthew Cowley, owayelilungu leQumrhu LabaLishumi ElineSibini, wakhe wabalisa ngamava omnye utatomkhulu asemva kwemini ngomnye umgqibelo xa wabambana ngezandla nomzukulwana wakhe oyintombazana wamthatha wamsa kundwendwelo lwemini yokuzalwa—azange baye kumzi wezilwanyana okanye kowobukela ibhayikophu kodwa baya emabaleni etempile. Benemvume yomgcini wamabala etempile, bobabini bahamba baya kwiingcango ezinkulu zetempile. Utatomkhulu wacebisa umzukulwana wakhe ukuba abeke isandla sakhe edongeni elomeleleyo lwetempile nasemnyangweni okhulu kakhulu wayo. Ngothando wathi kuye emva koko, “khumbula ukuba namhlanje ubambe itempile. Ngenye imini uyakungena ngaphakathi.” Isipho sakhe awasipha umzukulwana yayingeyolekese okanye iayisi yengqaka emnandi (iayisi cream) kodwa amava abaluleke nanentsigiselo enkulu kwaye awanaphakade—ukukwazi ukukuxabisa itempile. Wabamba itempile, kwaye itempile nayo yambamba.
Itempile izisa uxolo emiphefumlweni yethu
Xa sibamba itempile kwaye siyithanda, ubomi bethu buyakubonakalisa inkolo yethu. Xa sisiya kulendlu ingcwele, njengokuba sikhumbula iminqophiso esiyenzileyo phakathi kuyo, siyakukwazi ukumelana nazo znke izilingo kwaye siphumelele zonke izihendo. Itempile inika ubomi bethu injongo. Izisa uxolo ebomini bethu—hayi uxolo esilunikwa ngabantu kodwa uxolo esaluhenjiswayo nguNyana kaThixo xa Wathi: “Uxolo ndilushiya nani, uxolo lwam Ndilunika nina: hayi ngohlobo ihlabathi elininika ngayo, Ndiyaninika. Sanukuyeka iintliziyo zenu ukuba zikhathazeke, kwaye ningayivumeli ukuba yoyike.”2
Kukho ukholo olukhulu phakathi kwaBangcwele beNtsuku ZokuGqibela. INkosi isinika amathuba okubona ukuba siyakuyilandela imithetho Yakhe, ukuba siyakulandela indlela eyalandelwa nguYesu waseNazarethe, ukuba siyayithanda iNkosi ngentliziyo yethu yonke, ngamandla, ngengqondo nangokomelela, kaye sithande abamelwana bethu njengokuba sitha iziqu zethu.3
Ndiyakholelwa kulomzekeliso “Thebela eNkosini ngentliziyo yakho yonke; kwaye ungaxhomekeki ekuqondeni kwakho. Kuzo zonke indlela zakho mazi, kwaye uyakuzikholela iindlela zakho.”4
Kengoko kwakusoloko kwaye kusolo kunjalo; kengoko kuyakuhlala kunjalo. Ukuba siyawenza umsebenzi wethu kwaye sithembele ngokupheleleyo eNkosi, siyakugcwalisa iitempile zakhe, hayi ngokwenza umsebenzi nemimiselo yethu qha, kodwa ngokuba nethamsanqa lokwenzela abanye umsebenzi. Siyakuguqa esibingelelweni esingcwele sibengabameli elutyinweni olumanyanisa abayeni kunye namakhosikazi kunye nabantwana unaphakade. Amakhwenkwe kunye namantombazana afanelekileyo ukusukela kwiminyaka eyi -12 ubudala bangamela abo abangasekhoyo bengakhange bayifumane intsikelelo yokubhaptizwa. Lento ngumnqweno nolangazelelo luka Bawo wethu waseZulwini ngawe kunye nam.
Ummangaliso wenzeka
Kwiminyaka emininzi edlulileyo, usolusapho othobekileyo, Umzalwane Persy K. Fetzer, wabizwa ukuba anike amalungu eCawa aphila emva kwekhetinisi yentsimbi iintsikelelo zikasolusapho.
Umzalwana uFetzer waya kumhlaba wasePoland ngezoo mini ezazimnyama. Iindlela zokudlula zazivaliwe, kwaye akukho bantu besizwe ababevunyelwa ukuba bahambe. Umzalwane Fetzer wadibana naBangcwele baseJamani ababevalelekile apho ngoku iidlela zokudlulela kwamanye amazwe zazilungiswa zichazwa kakutsha emva KweMfazwe YeHlabathi II kwaye umhlaba ababephila kuwo waye waba yiPoland.
Inkokheli yethu phakathi kwabo bonke Abangcwele baseJamani yayinguMzalwane uEric P. Konietz, owayehlala apho nonkosikazi wakhe kunye nabantwana babo. Umzalwane Fetzer wanika uMzalwane nodade Konietz kunye nabanye abantwana iintsikelelo zika solusapho.
Ngoku Umzalwane Fetzer wayebuye eMelika, wabiza kwaye wabuza ukuba angandindwendwela na. Njengokuba wayehleli eofisini yam, waqala walila. Wathi, “Mzalwane Monson, njengokuba ndandibeka izandla zam phezulu kweentloko zaloomalungu osapho lakwaKonietz, Ndenza izithembiso ezingenakuzaliseka. Ndathembisa uMzalwane kunye nodade uKonietz ukuba bayakukwazi ukubuyela kwilizwe labo lokuzalwa iJamani ukuba babengazokuhlala babe ngamabanjwa zizigqibo ezikhohlakeleyo zamazwe ankqobayo kwaye babeyakutywinwa kunye njengosapho endlwini yeNkosi. Ndathembisa unyana wabo ukuba uyakuya ebufundisini, kwaye Ndathembisa umntwana wabo oyintombazana ukuba uyakutshata etempileni engcwelekaThixo. Mna kunye Nawe siyayazi ukuba ngenxa yeendlela zokuya kwamanye amazwe ezivaliweyo, abazokukwazi ukufumana isizalekiso sezontsikelelo. Ingaba Ndenze Ntoni?”
Ndathi, “Mzalwana Fetzer, Ndiyakwazi kakuhle ngokwaneleyo ukuba wenza into kanye uBawo wethu waseZulwini ebefuna ukuba uyenze.” Sobabini saguqa phantsi ecaleni kedesika yam kwaye sagalela iintliziyo zethu kuBawo waseZulwini, sibonakalisa ukuba izithembiso ezinikwe usapho oluzinikeleyo ngokudibene netempile kaThixo kwaye ezinye iintsikelelo okwangoku babengakwazi ukuzifumana. Nguye yedwa owayekwazi ukuzisa phambili lommangaliso esasiwuswele.
Lo mmangaliso wenzeka. Isivumelwano sasayinwa phakathi kweenkokeli zikaRhulumente wasePoland kunye Neenkokheli zikaRhulumente waseJamani, zivumela abahlali baseJamani ababanjiwe kulongingqi ukuba bahambe baye kwiNtshona yaseJamani. Umzalwane noDade Konietz kunye nabantwana babo bahamba baya eNtshona yeJamani, kwaye uMzalwane uKonietz wabayibishophu yewadi yecawa kwingingqi ababehlala kuyo.
Lonke usapho lakwaKonietz lwaye kwitempile engcwele eSwitzerland. Kwaye nguba umongameli wetempile owababulisa enxibe isuti emhlophe evule iingalo zakhe? Yayingenguye omnye umntu ngaphandle kukaPercy Fetzer—usolusapho owayebanike eso sithembiso. Ngoku, emandleni akhe njengomongameli wetempile yase Bern Switzerland, wabamkela endlwini yeNkos, ekuzalekiseni esa sihembiso, kwaye wabatywina njengonkosikazi nomyeni kunye nabantwana ebazalini bakhe.
Umntwana wabo oyintombazana wade ekugqibeleni watshata endlwini yeNkosi. Unyana wabo wafumana ubizo lwakhe kwaye waphumeza ubufundisi obupheleleyo.
“Siyakukubona etempileni!”
Kwabanye bethu, uhambo oluya etempileni zizitrato nje ezimbalwa. Kwabanye, kukho amalwandle ekufuneka siwawelile kunye neekhilomitha emasizihambe phambi kokuba bangene etempileni kaThixo.
Kwiminyaka embalwa edlulileyo, phambi kokugqitywa kwetempile yaseMzantsi Afrika, ndandikwenye ikomfa yengingqi kwindawo eyayisaziwa ngoko njenge Salisbury, iRhodeshiya, Ndadibana nomongameli wengingqi uReginald J. Nield. Yena kunye nonkosikazi wakhe kunye nabantwana babo abangamantombazana badibana nam ngoku ndandingena ecaweni. Bandicacisela kuba babesonga begcina abanako kwaye belungiselela imini ababezakuhamba ngayo baye etempileni. Kodwa, oh, itempile yayikude kakhulu.
Emva kokugqitywa kwentlanganiso, abantwana abahle abangamantombazana abane bandibuza imibuzo ngetempile: Ingaba injani itempile? Yonke into esiyibonileyo ngumfanekiso.” “Ingaba siyakuva njani xa singena etempileni?” “Ingaba siyakukhumbula ntoni kakhulu?” Kangangeyure Ndaba nethuba lokuthetha namantombazana amane ngendlu yeNkosi. Njengokuba ndandihamba ndisiya kwindlu yokukhwela inqwelo moya, eyona ntombazana incinci ngeminyaka yathi, “Siyakubonana etempileni!”
Emva konyaka omnye Ndabanethuba lokubulisa usapho lakwaNield kwiTempile yaseSalt Lake. Kwigumbi elinoxolo lokutywina Ndabanethamsanqa lokumanyana ngonaphakade, kwaye nokwexeshana, uMzalwana noDade uNield. Iingcango zavuleka emva koko, kwaye abo bantwana bangamantombazana bahle, ngamnye kubo babenxibe iilokhwe ezimhlophe, bangena egumbini. Bagona umama, emva koko, utata. Iinyembezi zazisemehlweni abo, kwaye umbulelo wawusezintliziyweni zabo. Sasicaleni kwezulu. Kengoko kakuhle ngamnye kubo wathi, “Ngoku silusapho lwanaphakade.”
Le yintsikelelo engummangaliso ebalindeleyo abo abaza etempileni. Yanga umntu ngamnye kuthi angaphila ubomi obufanelekileyo, nezandla ezicocekileyo kunye neentliziyo ezinyulu, ukuze itempile ichukumise ubomi bethu kunye neentsapho zethu.
Ingaba kukude kangakanani na ezulwini? Ndiyangqina ukuba kwiitempile ezingcwele akukho kude kakhulu konke—konke—ngokuba kukwezindawo zingcwele apho izulu nomhlaba kunye noBawo wethu oseZulwni anika Abantwana Bakhe iintsikelelo Zakhe eziNkulu.
© 2010 yi Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/09. Isivumelo Sokuguqula: 6/09. Inguqulelo ka First Presidency Message, October 2010. Xhosa. 09370 774