UMyalezo WesiMongameli Sokuqala SeCawa, Agasti 2010
Iintsikelelo ZaseTempileni
Ndisakhumbula ngokuya abazali bam bathatha usapho lwethu saya kwiTempile yaseSwiss eyayintsha isandula ukumiswa, eyokuqala eYurophu, ukuba sibelusapho ngonaphakade. Ndandineminyaka elishumi elinesithandathu ngoko kwaye ndingoyena umncinci kubantwana abane. Saguqa kunye esibingelelweni ukuba sitywinwe emhlabeni ngamandla obubingeleli, sinesithembiso esingummangaliso sokuba singatywinwa kunye ngonaphakade. Andisoze ndiwulibale lomzuzu umhle unobungangamsha kakhulu.
Njengenkwenkwe ndachazeka kakhulu ukuba sawela iibhoda zesizwe ukuze sitywinwe njengosapho. Kum iphawula indlela umsebenzi wetempile owela iibhoda zehlabathi ngayo ukuze izise intsikelelo zanaphakade kubo bonke abahlali bomhlaba. IiTempile zeCawa kaYesu Krestu YeNtsuku Zokugqibela ngokwenene zakhiwelwe inzuzo yehlabathi lonke, nokuba loluphi na uhlanga, isiko, okanye nokuba ngeyiphi na inkqubo yomntu yeepolitiki.
IiTempile zilingqina elingagobiyo lokuba ubulungisa buyakuphumelela. UMongameli George Q. Cannon (1827–1901), Isekela LokuQala KwisiMongameli SeCawa, wakhe wathi, “Sonke isiseko esililitye esibekwayo ekwakhiweni kweTempile, kwaye yonke iTempile egqityiweyo … icutha amandla kaSathana emhlabeni, kwaye inyusa amandla kaThixo kunye noBuThixo.”1
Xa kengoko itempile nganye isandisa impembelelo yobulungisa emhlabeni, ezona ntsikelelo zinkulu kakhulu, ngokwenyaniso, ziza kwabo abahambela itempile. Apho samkela ukukhanya okwangezelekileyo kunye nolwazi kwaye senze iminqophiso enzulu ukuba, iyalandelwa, iyasinceda ukuba sihambe endleleni yabalandeli. Ngokufutshane, itempile isifundisa ngenjongo engcwalisekileyo yobomi kwaye iyasinceda ukuba sifumane imithwalo yethu yokwenene yomzimba wenyama nowomoya.
Itempile Asiyihambeli thina qha sodwa, kodwa. Ngexesha nganye xa singena kwezizakhiwo zingcwalisekileyo, sidlala indima kokungcwalisekileyo, umsebenzi okhululayo wentsindiso eyenziwe ukuba ibekho kubo bonke abantwana bakaThixo ngenxa yeziphumo zeNtlawulo Yakhe kuphela lowo ongokaBawo. Le yiyo yodwa inkonzo yokuzinikela ngokupheleleyo nengcwele kwaye enye esivumelayo thina njengabantu abasemhlabeni eli xesha ukuba sithabathe inxaxheba kumsebenzi onozuko wokuba ngaBasindisi eNtabeni iZayoni.
Kwabo bangakwaziyo ukuya etempileni nokuba kungenxa yesiphi na isizathu, Ndiyanikhuthaza ukuba nenze konke okusemandleni enu ukuba nibambe isivumelo esifanelekileyo sokungena etempileni. Imvume yokungena etempileni luphawu lokholo lwethu kunye nokuzimisela kwethu ukukhonza iNkosi. Luphawu lothando lwethu lweNkosi, njengokuba uYesu wafundisa, “Lowo onemithetho yam, kwaye oyigcinayo, nguye lowo ondithandayo: kwaye lowo ondithandayo uyakuthandwa nguBawo wam, kwaye Nam ndiyakumthanda, kwaye Ndiyakuziveza kuye” (Yohane 14:21).
Njengokuba umbono wehlabathi uqhubekeka ukubamhle ngenxa yezizakhiwo ezingcwalisekileyo ezinikelwe eNkosini, ngumthandazo wam ukuba siyakukwenza indawo yethu ekuziseni izulu kufutshane nomhlaba ngokuba sifaneleke ukubanayo imvume yukungena itempile kwaye siyisebenzise. Njengokuba sisenza njalo, ubulungisa ngokuqinisekileyo buyakwanda hayi nje ebomini bethu kwaye nasezindlwini zethu kodwa nakwindawo esihlala kuzo nakwi lizwe lonke.
© 2010 yi Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/09. Isivumelo Sokuguqula: 6/09. Inguqulelo ka First Presidency Message, 2010. Xhosa. 09368 774
Ukufundisa ngaloMyalezo
Abantu abaninzi bafunda bhetele kwaye bayakhumbula ithuba elide xa ufundisa ngemifanekiso kuna xa uthetha nje qha (bonaTeaching, No Greater Call [1999], 182). Ngelixesha lesisifundo, cinga ngokubonisa ngokuxhoma umfanekiso wetempile. Emva kokufunda elicwecwe, xoxani ngokuba kutheni na itempile ibalulekile kuMongameli Uchtdorf. Mema abantwana abancinane esatsheni ukuba bazobe umfanekiso osapho lwabo lusetempileni.
Teaching, No Greater Call states, “Encourage those you teach to set one or more goals that can help them live the principle you have taught – Khuthaza abo ubafundisayo ukuba bazibekele iinjongo enye okanye ezingaphaya ezinokubanceda ukuba baphile lomgaqo owufundisileyo” (159). Cinga ngokufunda umyalezo kaMongameli Uchtdorf kunye nosapho kwaye umeme amalungu osapho ukuba abhale phantsi injongo yabo bodwa eyakubanceda ukuba bahlale befanelekile ukubanayo nokuyisebenzisa imvume yokungena itempile.