ulutsha
Umbono Obonelwa KwiBala EliPhezulu
Ngoku ndandiseselutsheni ndandinamathuba amaninzi okuba ndibhaptizele abangasekhoyo eTempileni yase San Diego eCarlifonia. Nangona Ndandinoluvo olulungileyo, uhambo olunye oluthile lolona lukhethekileyo emcamangweni wam.
Ndandineminyaka elishumi elinesithandathu, kwaye udade wam wayesandula ukuba neminyaka elishumi elinesibini kwaye wayeqala ukuya ukuthatha uhambo ayokubhaptizela abangasekhoyo. Ngenxa yokuba yayilixesha lakhe lokuqala, sagqiba ukuba sihambe sizula zule ngaphandle kwetempile emva kokuba sigqibile.
Amabala etempile ngaphandle anendawo ezimbalwa zokubukwa kwicala elinye, ngako ke oko sahamba saya apho. Ngokuba iTempile yaseSan Diego ifumaneka kufutshane nendlela exakekileyo ephezulu yemoto, xa usima kwindawo yokujonga ngaphandle, ujonga phantsi endleleni exakekileyo yemoto.
Ukuma ebaleni eliphezulu letempile ngaloo mini landinika indlela entsha yokubona ubomi. Ndandijonge phantsi ehlabathini kunye neemoto zalo ezingxolayo, elineendawo zokuthenga ezigcwele kakhulu zizihlwele zabantu, kwaye neempawu zobugcisa ezizotywe kwimpawu zeendlela zeemoto.
Kwakungoko ingcinga yafika kum engqondweni yam: “Akufuni ukuba yinxenye yalanto; ayonto ubomi obungayo.” Okokoko ndafundiswa ukuba injongo yobomi kukuba sibuyele siyokuphila noBawo wethu waseZulwini kwaye sibe nje ngaye. Ndandiyazi ukuba andizisweli izinto zomhlaba ukuze ndifeze loo njongo.
Ndaphendukela etempileni kwaye ndajonga itempile entle, kwaye ndandinimbulelo ngolwazi lwevangeli kunye nendlela yokujonga izinto endiphe yona mna. Ndandiyazi ukuba phakathi kwelizwe elisisibhadubhadu kunye nelingcatshayo, Ndandifumene umhlaba wokuba ndime kuwo.
Ngaloo mini etempileni ndathembisa uBawo wam waseZulwini ukuba ndiyakusoloko Ndisima ecaleni Kwakhe hayi elehlabathi. Nokuba ihlabathi lisigibisela ngantoni na, singayoyisa ngokuba sigcine iminqophiso esiyenzileyo kwaye nangokuma kwiindawo ezingcwele (bona Imfundiso neminqophiso 87:8).