2024
INkosi uYesu Krestu IyakuBuya Kwakhona
EyeNkanga 2024


Umyalezo weNyanga Liyahona, EyeNkanga 2024

INkosi uYesu Krestu IyakuBuya Kwakhona

Ngoku lixesha lokuba wena kunye nam silungiselele ukuBuya kweSibini kweNkosi yethu noMsindisi, uYesu Krestu.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, ndinombulelo kuba iNkosi iye yandisikelela ukuba ndithethe nani.

Kule nkomfa, iNkosi ithethile nathi ngezicaka zaYo. Ndiyanibongoza ukuba nifunde imiyalezo yabo. Yisebenziseni njengovavanyo lomchiza wento eyinyani nento engeyiyo kwiinyanga ezintandathu ezizayo.

Ukugcinwa nokulungiswa kweTempile yaseSalt Lake nezinye iindawo eTempile Square sele ziqhuba phantse iminyaka emihlanu. Uqikelelo lwangoku lubonisa ukuba lo msebenzi uya kugqitywa ekupheleni kuka-2026. Sinombulelo kubo bonke abo basebenza kule projekthi inkulu.

Kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo, siye sanikezela okanye sanikezela ngokutsha iitempile ezilithoba kumazwe amahlanu. Phakathi kwangoku nokuphela konyaka, siza kunikezela ezinye ezintlanu.

Namhlanje siyavuya ukwazisa ngezicwangciso zokwakha iitempile ezingaphezu ko-17. Nceda umamele ngentlonipho njengoko ndibhengeza iindawo.

  • Juchitán de Zaragoza, Mexico

  • Santa Ana, El Salvador

  • Medellín, Colombia

  • Santiago, Dominican Republic

  • Puerto Montt, Chile

  • Dublin, Ireland

  • Milan, Italy

  • Abuja, Nigeria

  • Kampala, Uganda

  • Maputo, Mozambique

  • Coeur d’Alene, Idaho

  • Queen Creek, Arizona

  • El Paso, Texas

  • Huntsville, Alabama

  • Milwaukee, Wisconsin

  • Summit, New Jersey

  • Price, Utah

Bazalwana noodade bam abathandekayo, ngaba niyayibona le nto yenzekayo phambi kwamehlo ethu? Ndiyathandaza ukuba singaphoswa bubungangamsha balo mzuzu! INkosi ngenene iyawukhawulezisa umsebenzi waYo.

Kutheni sisakha iitempile ngesantya esingazange sabonwa ngaphambili? Ngoba? Ngenxa yokuba iNkosi isiyalele ukuba senjenjalo. Iintsikelelo zetempile zinceda ekuhlanganiseni uSirayeli kumacala omabini ekhuselo. Ezi ntsikelelo zikwanceda ukulungiselela abantu abaya kunceda ekulungiseleleni ihlabathi ngokuBuya kweSibini kweNkosi!

UkuBuya kwesiSibini koMsindisi.

Njengoko umprofeti uIsaya waprofetayo, nanjengokuba kukhunjulwe ku-Handel Messiah, xa uYesu Krestu ebuya, “ubuqaqawuli beNkosi buya kutyhilwa, yaye yonke inyama iya kububona kunye.”

Ngaloo mini “uburhulumente buya kuba segxalabeni lakhe, negama lakhe kuthiwe nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo.”

UYesu Krestu uya kulawula kuzo zombini iYerusalem endala neYerusalem eNtsha “eyaKhelwe phezu kwelizwekazi laseMelika. Ukusuka kula maziko mabini, Yena uya kulawula imicimbi yeBandla laKhe.

Ngaloo mini iNkosi iya kubizwa ngokuba “uKumkani kaKumkani, uNkosi kaNkosi.” Abo bakunye naYe baya “kubizwa, banyuliweyo, bathembekileyo.”

Bazalwane noodade, ngoku lixesha lokuba nina kunye nam silungiselele ukuBuya kweSibini kweNkosi yethu noMsindisi, uYesu Krestu. Ngoku lixesha lokuba senze ubufundi bethu bube yeyona nto iphambili kuthi. Kweli hlabathi lizaliswe ziziphazamiso eziphazamisayo, sinokukwenza njani oku?

ITempile yaseRoma, yase-Italy.

Unqulo lwarhoqo etempileni luya kusinceda. Endlwini yeNkosi, sigxila kuYesu Krestu. Sifunda ngaYe. Senza iminqophiso yokumlandela Yena. Sifikelela ekumazini Yena. Njengoko sigcina iminqophiso yethu yetempile, sifumana ukufikelela okukhulu ngakumbi kumandla omelezayo eNkosi. Etempileni, sifumana ukhuseleko kwiimbandezelo zehlabathi. Siva uthando olunyulu lukaYesu Krestu noBawo wethu waseZulwini ngobuninzi obukhulu! Siziva uxolo nesiqinisekiso somoya, ngokuchaseneyo nesiphithiphithi sehlabathi.

Nasi isithembiso sam kuwe: Wonke umfuni onyanisekileyo kaYesu Krestu uyakumfumana Yena etempileni. Niyakuyiva inceba yaKhe. Niya kufumana iimpendulo kweyona mibuzo yenu ekhathazayo. Niyakuluqonda ngcono uvuyo lwevangeli yaKhe.

Ndiye ndafunda ukuba owona mbuzo ubalulekileyo ekufuneka siwuphendule ngamnye kuthi ngulo: Ndiya kunikela kubani okanye kwintoni ubomi bam?

UMongameli Nelson njengogqirha wotyando.

Isigqibo sam sokulandela uYesu Krestu sesona sigqibo sibalulekileyo endakhe ndasenza. Ngexesha lesikolo sobugqirha, ndafumana ubungqina bobuthixo bukaThixo uBawo noNyana waKhe, uYesu Krestu. Ukusukela ngoko uMsindisi wethu waba liliwa endakha phezu kwalo ubomi bam. Olo khetho lwenze wonke umahluko! Eso sigqibo senze ezinye izigqibo ezininzi zaba lula. Eso sigqibo siandinike injongo nolwalathiso. Siye kananjalo sandinceda ukuba ndimelane nezaqhwithi zobomi. Mandabelane ngemizekelo emibini:

Okokuqala, xa umfazi wam uDantzel wasweleka ngequbuliso, andizange ndikwazi ukufikelela nakomnye wabantwana bethu. Apho ndandindedwa, ndixhelekile, ndikhalela uncedo. Ngombulelo, ngoMoya waKhe, iNkosi yandifundisa ukuba kutheni uDantzel wam othandekayo wathatyathelwa ekhaya. Ngaloo ngqiqo, ndathuthuzeleka. Ekuhambeni kwexesha, ndakwazi ngcono ukujamelana nentlungu yam. Kamva, ndatshata umfazi wam oyintanda uWendy. Wayeyinxalenye esembindini yomzekelo wam wesibini.

Xa mna noWendy sasikwisabelo kwilizwe elikude, abaphangi abaxhobileyo babeka umpu entlokweni yam batsala isidubuli. Kodwa umpu awuzange udubule. Ebudeni baloo mava, ubomi bethu sobabini babusengozini. Ukanti mna noWendy saziva sinoxolo olungenakuphikiswa. Yayiluxolo “olugqithisele kuko konke ukuqonda.”

Bazalwane noodade, iNkosi iya kunithuthuzela nani! Yona iya kunomeleza. Yona iya kunisikelela ngoxolo, naphakathi kwesiphithiphithi.

INkosi uYesu Krestu.

Nceda uphulaphule esi sithembiso sikaYesu Krestu kuwe: “Ndiya kuba sekunene kwakho nasekhohlo kwakho, kwaye uMoya wam uya kuba sentliziywenu yakho, neengelosi zam zikungqonge, zikuxhase.”

Akukho mda kumandla oMsindisi wokuninceda. Ukubandezeleka kwaKhe okungaqondakaliyo eGetsemane naseKalvari kwakungenxa yakho! Intlawulelo yaKhe engenasiphelo yeyakho!

Ndiyanibongoza ukuba ninikele ixesha kwiveki nganye—ubomi benu bonke—ukwandisa ukuqonda kwenu ngeNtlawulo kaYesu Krestu. Intliziyo yam ibuhlungu ngenxa yabo baxinge esonweni kwaye bangaziyo ukuba baphume njani. Ndikhalela abo batsala nzima ngokomoya okanye bathwele imithwalo enzima bodwa kuba bengayiqondi into uYesu Krestu awabenzela yona.

UYesu Krestu wathabathela kuYe ezakho izono, ezakho iintlungu, ezakho iintlungu zentliziyo, kwaye obakho ubulwelwe. Akunyanzelekanga ukuba nizithwale nodwa! Yena uya kunixolela xa niguquka. Yena uya kunisikelela ngoko nikusweleyo. Yena uya kuwuphilisa umphefumlo wakho owaphukileyo. Njengoko nizibophelela edyokhweni kuYe, imithwalo yenu iya kuvakala ilula. Ukuba nIyakwenza kwaye NIgcine iminqophiso yokulandela uYesu Krestu, niyakufumanisa ukuba amaxesha abuhlungu obomi benu ngawexeshana. Iimbandezelo zakho ziya “kuginywa eluvuyweni lukaKrestu.”

Akukabikho phambi kwexesha okanye akukabikho emva kwexesha ukuba ube ngumfundi ozinikeleyo kaYesu Krestu. Emva koko niyakufumana ngokupheleleyo iintsikelelo zeNtlawulo yaKhe. Niya kuba nempumelelo ngakumbi ekuncedeni ukuqokelela uSirayeli.

UkuBuya kweSibini kukaYesu Krestu.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, kwimini ezayo, uYesu Krestu uya kubuyela emhlabeni njengoMesiya wewaka leminyaka. Ke namhlanje ndinibiza ukuba nizinikele kwakhona ubomi benu kuYesu Krestu. Ndibiza nina ukuba nincedise ekuhlanganiseni uSirayeli osasazekileyo kwaye nilungiselele ihlabathi ukuBuya kweSibini kweNkosi. Ndibiza nina ukuba nithethe ngoKrestu, ningqine ngoKrestu, nibe nokholo kuKrestu, kwaye nigcobe kuKrestu!

Yizani kuKrestu kwaye “ninikele imiphefumlo yenu yonke” kuYe. Le yimfihlelo yobomi bolonwabo!

Okona kulungileyo kuseza, bazalwana noodade bam abathandekayo, ngokuba uMsindisi uyeza kwakhona! Okona kulungileyo kuseza kuba iNkosi iyawukhawulezisa umsebenzi waYo. Okona kulungileyo kuseza njengoko siguqulela ngokupheleleyo iintliziyo zethu nobomi bethu kuYesu Krestu.

Ndinikela ubungqina bam obundilisekileyo bokuba uYesu Krestu unguNyana kaThixo. Ndingumfundi waKhe. Ndibekekile ukuba ngumkhonzi waKhe. EkuBuyeni KwaKhe kweSibini, “ubuqaqawuli beNkosi buya kutyhilwa, kwaye yonke inyama iya kububona kunye.” Loo mini iya kuzala yimincili kumalungisa!

Ngamandla ezitshixo zobubingeleli ezingcwele endinazo, ndibhengeza le nyaniso kuni nakulo lonke ihlabathi! Egameni likaYesu Krestu, amen.

Amanqaku

  1. Unikezelo ngokutsha lweTempile yaseManti Utah (uMongameli Russell M. Nelson, Tshazimpuzi 21); Itempile yaseUrdaneta yasePhilippines (uMongameli Dallin H. Oaks, Tshazimpuzi 28); ITempile yasePuebla Mexico (uMdala Gerrit W. Gong, Isilimela 2); ITempile yaseCobán Guatemala (uMdala Dale G. Renlund, Isilimela 9); ITempile yaseSalta yaseArgentina (uMdala D. Todd Christofferson, Isilimela 16); ITempile yaseLayton Utah (uMdala David A. Bednar, Isilimela 16); ITempile yasePittsburgh ePennsylvania (uMdala Dieter F. Uchtdorf, EyoMsintsi 15); ITempile yaseMendoza yaseArgentina (uMdala uRonald A. Rasband, EyoMsintsi 22).

  2. Itempile yaseSan Pedro Sula Honduras (EyeDwarha 13); Itempile yaseSalvador yaseBrazil (EyeDwarha 20); ITempile yaseDeseret Peak Utah ( EyeNkanga 10); Itempile yaseCasper Wyoming (EyeNkanga 24); ITempile yaseTallahassee eFlorida (EyoMnga 8).

  3. Bona IMfundiso neMinqophiso 88:73

  4. UIsaya 40:5; bona kwanoGeorge Frideric Handel, “Nozuko lweNkosi,” uMesiya, umhleli. T. Tertius Noble (1912), 16–18.

  5. UIsaya 9:6.

  6. Bona UZekariya 14:4–7; IMfundiso neMinqophiso 45:48–66; 133:19–21; bona kananjalo UMika 4:2: “Kuba kuya kuphuma umthetho eZiyon, nelizwi leNkosi eYerusalem.

  7. IziZumo zoKholo 1:10; bona kananjalo Etere 13:3–10; IMfundiso neMinqophiso 84:2–4.

  8. ISityhilelo 19:16; ISityhilelo 17:14.

  9. Bona Alma 34:32.

  10. Usenokuziva uthi, njengoko wenzayo uAmon, “Ngubani na onokuqhayisa kakhulu ngeNkosi? … Qaphela, … andinakuthetha eyona ndawo incinci endiyivayo”(Alma 26:16).

  11. Bona Hilamani 5:12.

  12. KwabaseFilipi 4:7

  13. IMfundiso neMinqophiso 84:88

  14. Bona Alma 7:11–12; bona kananjalo ULuka 4:18.

  15. Bona Alma 7:12.

  16. Bona INdumiso 147:3; UYakobi 2:8.

  17. Bona Mozaya 24:14.

  18. Alma 31:38.

  19. Bona 2 Nifayi 25:26.

  20. Omnayi 1:26.